Chapa ya Youversion
Ikoni ya Utafutaji

I‐Genesise 15

15
1EMVENI kwezizinto leza ilizwi likayehova ku‐Abrame ngomboniso, lisiti: Ungoyiki, Abrame! ndilikaka kuwe mna, ndingumvuzo wako omkulu kunene. 2Wati u‐Abrame: Nkosi, Yehova! yinto nina woyinika kum, ndihamba ndingenamntwana nje, negosa lendlu yam lingulom‐Damakusi u‐Eliyezeri?
3Wayesiti u‐Abrame: Bona ke, mna akundinikanga nzalo; kanjalo, nanku ozelweyo endlwini yam eyindlalifa yam. 4Kekaloku bona ke, ilizwi likayehova leza kuye, lisiti: Asi nguye lo oya kuba yindlalifa yako; koko lowo oya kupuma kwawako amatumbu, nguye oya kuba yindlalifa yako. 5Waza wampumisela ngapandle, wati: Zubeke ngasezulwini, uzibale inkwenkwezi, ukuba ungabala zona; wayesiti kuye: Yoba njalo inzalo yako.
6Wandula wakolwa nguyehova; owambalela kona kube kukulunga.
7Wayesiti kuye: Mna ndi nguyehova owakuku̔payo e‐Ure yasema‐Kaledineni, ukuba ndikunike elilizwe, ukuze ulidle ilifa lalo. 8Waza wati: Nkosi, Tixo! sendiya kukwazi nganto nina okokuba ndiya kulidla ilifa lalo? 9Wati kuye: Nditabatele itokazi eliminyaka mitatu, nemazi yebokwe eminyaka mitatu, nenkunzi yegusha eminyaka mitatu, nehobe, netole lezuba. 10Waza wazitabatela zonke ezi, wazicanda pakati, wazibeka iziqendu zilungelelene esinye nesinye; kodwa intakana akazicandanga. 11Zati zakuhlika intakakazi pezu kwazo izidumbu, wandula u‐Abrame wazisantsulisa. 12Kwaye kute, lakuza kutshona ilanga, u‐Abrame wawelwa bubutongo obunzima; kekaloku bona ke, isoyikiso sobumnyama obukulu sawa pezu kwake. 13Wayesiti ku‐Abrame: Yazi kunene ukuba inzalo yako yoba ngabasemzini elizweni elingelelayo, — yobakonza, bati bona bayibandezele, — iminyaka ibe ngamakulu mane. 14Kananjalo esosizwe iya kukonza kuso, ndiya kusigweba; yoti kamva ipume nendyebo enkulu. 15Kanti wena uya kuya koyihlo bako ngoxolo; woncw̔atywa ebudaleni obukolisileyo. 16Nesizukulwana sesine, bona bobuya beze apa; ngokuba ukukohlakala kwaba‐Amori akukazaliseki ngoku. 17Kwaza kwati, lakuba lise litshonile ilanga, kuse kumnyama nje, nasi isidlangalala esiqumayo nesibane somlilo, esidlula pakati kweziqendu ezo.
18Ngokwa ngumhla lowo wenza uyehova ucebano no‐Abrame, esiti: Kwinzalo yako ndilipile ilizwe eli, kwa kuwo umlambo wase‐Jipete kude kwakuwo umlambo omkulu, umlambo ongum‐Ferate: 19ama‐Keni, nama‐Kenizi, nama‐Kademoni, 20nama‐Hete, nama‐Perizi, nama‐Rafa, 21naba‐Amori, naba‐Kanane, nama‐Giregashe, nama‐Yebusi.

Iliyochaguliwa sasa

I‐Genesise 15: XHO1902A

Kuonyesha

Shirikisha

Nakili

None

Je, ungependa vivutio vyako vihifadhiwe kwenye vifaa vyako vyote? Jisajili au ingia