Chapa ya Youversion
Ikoni ya Utafutaji

I‐Genesise 16

16
1KEKALOKU u‐Sarai, umfazi ka‐Abrame, akamzalelanga abantwana: waenekobokakazi, um‐Jipetekazi, eligama lingu‐Hagare. 2Wayesiti u‐Sarai ku‐Abrame: Bona ke, uyehova undibambile ekuzaleni; uz’ uti ngoko ungene kwikobokakazi lam: ndinga ndiya kuzuza abantwana ngalo, wapulapula u‐Abrame elizwini lika‐Sarai. 3Waza u‐Sarai, umfazi ka‐Abrame, wamtabata u‐Hagare um‐Jipetekazi, ikobokakazi lake, emvenikweni wabehleli u‐Abrame iminyaka yalishumi ezweni le‐Kanane, wamnika ku‐Abrame indoda yake, ukuba abe ngumfazi wake. 4Wandula wangena ku‐Hagare, owakaulayo. Kekaloku akubona ukuba ukaulile, inkosikazi yake yadeleka emehlweni ake. 5Waza u‐Sarai wati ku‐Abrame: Ukwoniwa kwam kube pezu kwako! ikobokakazi lam ndilinikile esifubeni sako; kekaloku lakubona ukuba likaulile, ndadeleka emehlweni alo; makagwebe uyehova pakati kwam nawe. 6Wayesiti u‐Abrame ku‐Sarai: Bona ke, ikobokakazi lako lisesandleni sako; yenza kulo ngokulungileyo emehlweni ako. Waza u‐Sarai walibandezela, lada lesaba ebusweni bake. 7Yalifumana ingelosi kayehova ngasemtonjeni wamanzi entlango, ngasemtonjeni osendleleni yase‐Shure. 8Eyati: Hagare, kobokakazi lika‐Sarai! uvela pina? woya ngapina kanjalo? Wati: Ndisabile ebusweni buka‐Sarai inkosikazi yam. 9Yaza yati ingelosi kayehova kuye: Buyela kwinkosikazi yako, uzitobise ngapantsi kwezandla zayo. 10Yati ingelosi kayehova kuye kanjako: Ndiya kwandisa inzalo yako ngokuyandisa kakulu, ide ingabi nakubalwa ngenxa yokuba ninzi kwayo. 11Yalekela ingelosi kayehova yati kuye: Bona ke, use umiti, wauya kuzala unyana, ubize igama lake ngo‐Shimayeli#16:11 Oko kukuti: Utixo uyeva., ngokokuba evile uyehova imbandezelwa yako. 12Woba yena engumntu obuqwaṙaṙa; isandla sake soba ngakubo abantu bonke, nesandla sabantu bonke soba ngakuye; waeya kuma ngasebusweni babo bonke abazalwana bake. 13Waye elibiza igama likayehova owateta naye ngokuti: Wena Tixo wesibonakalo! ngokuba ebesiti: Ndisabona na kwa lapa emveni kwesibonakalo? 14Kukona bekubizwa eloqula ngokuti yi‐Bere‐lahairoi#16:14 Oko kukuti: Liqula lokupila nokubona.; nanguya pakati kwe‐Kadeshe ne‐Beredi. 15Waza u‐Hagare wamzalela u‐Abrame unyana; wati u‐Abrame wabiza igama lonyana wake, lo ubemzele u‐Hagare, ngo‐Shimayeli. 16Waye u‐Abrame wayiminyaka engamashumi asibozo enesitandatu ubudala bake, nxa u‐Hagare wamzalela u‐Abrame u‐Shimayeli lowo.

Iliyochaguliwa sasa

I‐Genesise 16: XHO1902A

Kuonyesha

Shirikisha

Nakili

None

Je, ungependa vivutio vyako vihifadhiwe kwenye vifaa vyako vyote? Jisajili au ingia