Chapa ya Youversion
Ikoni ya Utafutaji

I‐Genesise 17

17
1KWAYE kute, akuba u‐Abrame eyiminyaka imashumi alitoba enesitoba ubudala bake, wabonakala uyehova ku‐Abrame, wati kuye: Mna ndi ngutixo onamandla onke; hamba ebusweni bam, ufezeke ukulunga. 2Ndandiya kubeka ucebano lwam pakati kwam nawe, ndikwandise nokukwandisa ngokukulu kakulu. 3Waza u‐Abrame wawa ngobuso bake; wayeteta utixo naye, esiti: 4Mna, bona ke, ucebano lwam lunawe; woba wena unguyise wento eninzi yezizwe. 5Kanjalo igama lako aliyi kuba sabizwa ngo‐Abrame, koko igama lako loba ngu‐Abrahame; ngokuba ndikwenzile uyise wento eninzi yezizwe. 6Ndokucumisa ngokukulu kakulu, ndenze izizwe ngawe; baya kuvela nokumkani kuwe. 7Ndandiya kumisa ucebano lwam pakati kwam nawe, nenzalo yako emva kwako ngezizukulwana zabo, lube lucebano olungunapakade, lwokokuba ndibe ngutixo kuwe, kwa nakuyo inzalo yako emva kwako. 8Kanjalo ndiya kunika wena, nenzalo yako emva kwako, ilizwe lokupambukela kwako, kwa lonke ilizwe le‐Kanane, libe yimfuyo engunapakade; ndandiya kuba ngutixo wabo.
9Walekela utixo wati ku‐Abrahame: Woti wena ngoko ulubambe ucebano lwam, wena, nenzalo yako emva kwako ngezizukulwana zabo. 10Olu lucebano lwam, eniya kubamba lona, pakati kwam nani, nenzalo yako emva kwako: konke okubudoda kuya kwaluswa pakati kwenu. 11Niya kwalusa inyama yejwabu lenu; okuya kuba ngumqondiso oko wocebano olupakati kwam nani. 12Omihla isibozo uya kwaluswa pakati kwenu, konke okubudoda ngezizukulwana zenu, lowo ozelweyo endlwini, nalowo otengiweyo ngemali kosukuba engowasemzini, ongenguye owenzalo yako. 13Lowo ozelweyo endlwini yako, nalowo otengiweyo ngemali yako, uya kwaluswa ngenyaniso; lwoba ucebano lwam lusenyameni yenu lube lucebano olungunapakade. 14Nokungalukileyo okubudoda, lowo inyama yejwabu lake ingalukanga, lompefumlo uya kunqanyulwa ebantwini bawo; ulwapule ucebano lwam.
15Walekela utixo wati ku‐Abrahame: u‐Sarai, umfazi wako, akuyi kulibiza igama lake ngo‐Sarai, koko liya kuba ngu‐Sara igama lake. 16Ngokuba ndiya kumtamsanqela, ndikunike unyana ngaye; ewe, ndiya kumtamsanqela, waeya kuba ngunina wezizwe; okumkani bezizwe bovela kuye.
17Waza u‐Abrahame wawa ngobuso bake, wahleka; wati entliziyweni yake: Ominyaka yobudala ilikulu uya kuzalelwa umntwana na? no‐Sara, ominyaka yobudala ingamashumi alitoba, uya kuzala na? 18Wayesiti u‐Abrahame kutixo: Akwaba u‐Shimayeli ebengapilayo ebusweni bako! 19Wati utixo: Okwenene u‐Sara umfazi wako wokuzalela unyana, negama lake uya kulibiza ngo‐Yisake; ndandiya kumisa ucebano lwam naye, lube lucebano olungunapakade nenzalo yake emva kwake. 20No‐Shimayeli ndikuvile ngaye; bona ke, ndimtamsanqele, ndandiya kumcumisa, ndimandise nokumandisa ngokukulu kakulu; nya kuzala inkosana ezilishumi linambini, ndandiya kumenza isizwe esikulu. 21Kodwa ucebano lwam ndiya kumisa lona no‐Yisake, lo u‐Sara aya kumzalela wena malunga nelixesha ngomnyaka ozayo.
22Wada wayeka ukuteta naye; waye utixo wenyuka ku‐Abrahame.
23Waza u‐Abrahame watabata u‐Shimayeli unyana wake, nabo bonke ababezelwe endlwini yake, nabo bonke ababetengiwe ngemali yake, konke okubudoda pakati kwabantu bendlu ka‐Abrahame, wayalusa inyama yejwabu labo, kwa ngokwa nguwo umhla lowo, njengokuba ebetshilo kuye utixo. 24Kekaloku u‐Abrahame ebeyiminyaka yamashumi alitoba enesitoba ubudala bake, akwaluswa enyameni yejwabu lake. 25No‐Shimayeli unyana wake ebeyiminyaka yalishumi linesitatu ubudala bake, akwaluswa enyameni yejwabu lake. 26Ngokwa nguwo umhla lowo kwaluswa u‐Abrahame, no‐Shimayeli unyana wake. 27Nawo onke amadoda endlu yake, lawo azelweyo endlwini yake, nalawo atengiweyo ngemali kowasemzini, abesaluswa kunye naye.

Iliyochaguliwa sasa

I‐Genesise 17: XHO1902A

Kuonyesha

Shirikisha

Nakili

None

Je, ungependa vivutio vyako vihifadhiwe kwenye vifaa vyako vyote? Jisajili au ingia