Chapa ya Youversion
Ikoni ya Utafutaji

I‐Genesise 18

18
1WABUYA wabonakala uyehova kuye ngasesiyekeni sika‐Mamre, nxa ahleli emnyango wentente yake ekufudumaleni kwemini. 2Owapakamisa amehlo ake wakangela, kekaloku nanga amadoda matatu emi ngakuye; wati akuwabona, wabaleka ukuya kuwakaulela esuka emnyango wentente, watoba ngasemhlabeni; 3wati: Nkosi! ukuba sendifumene ufefe emehlweni ako, uze ungadluli umke kwisicaka sako. 4Makekuziswe intwana yamanzi, nize nihlambe inyawo zenu, niti butu ngapantsi kwalomti. 5Ndandiya kuzeka umtamo wesonka, ukuba nizixase intliziyo zenu; noda niti kamva, nigqite; ngokuba kwa kukona nidluleyo ukuza esicakeni senu. Aza ati: Yenza njengoko ukutetileyo.
6Wakauleza u‐Abrahame waya ententeni ku‐Sara, wati: Nxama ulungise izilinganiso zibe zitatu zomgubo ocolekileyo, wubuce, wenze izonkana. 7Waza wabaleka u‐Abrahame waya ezinkomeni, wazeka itole, lilelitambileyo nelilungileyo, walinika kumfana, owanxama ukulipeka. 8Wayetabata amafuta epehlwa, namasi, netole abelipekile, wabeka ngasebusweni bawo, wema ngakuwo pantsi kwomti lowo, aza atya ke.
9Aye esiti kuye: Upina u‐Sara umfazi wako? Wati: Nankuya ententeni. 10Waza wati: Ngokwenene ndobuya ndize kuwe ekutwaseni kwelixesha; kanjalo, bona ke, u‐Sara umfazi wako woba nonyana. Kwaviwa ngu‐Sara enmyango wentente, obusemva kwake. 11Kekaloku u‐Abrahame no‐Sara bebebadala, bekolisile ukuba nemihla; kwabekupeziwe ukuhla ku‐Sara njengesiko labafazi. 12Wati u‐Sara ngoko wahleka pakati kwake, esiti: Emveni kwokwalupala kwam sendiya kuba nobuyolo na, inkosi yam indala nje nayo? 13Wayesiti uyehova ku‐Abrahame: Wahleka nganina u‐Sara, esiti: Ndoka ndizale ngenyaniso na, sendimdala nje? 14Kuko into engamnqabelayo uyehova na? Ngexesha elimisiweyo ndiya kubuya ndize kuwe, ekutwaseni kwexesha eli, waeya kuti u‐Sara abe nonyana. 15Waza wakanyela u‐Sara, esiti: Andihlekanga; ngokuba ebesoyika. Wayesiti: Hai, wahleka.
16Asuka apo amadoda la, abeka ngase‐Sodome; wahamba nawo no‐Abrahame, ukuba awapelekelele. 17Wayesiti uyehova: Ndiya kumfihlela u‐Abrahame na, oko ndikwenzayo; 18nxa u‐Abrahame ngenyaniso aya kuba sisizwe esikulu nesinamandla, nanxa zonke izizwe zomhlaba ziya kutanyusanqeliswa ngaye? 19Ngokuba sendimazi, okokuba uya kuyalela abantwana bake nabendlu yake emva kwake, ukuba bagcine indlela kayehova, benze okulungileyo nokufaneleyo; ukuze akuzise uyehova pezu kwo‐Abrahame oko akutetileyo ngaye.
20Waza wati uyehova: Ngokokuba isikalo se‐Sodome ne‐Gomora sikulu, nokuba isono sazo sinzima kunene; 21ndoka ndihle ke, ukuya kubona ukuba kugqityelwe ukwenzwa na njengesikalo sazo esizileyo kum; sendiya kuti, ukuba akunjalo, ndikwazi ke. 22Aza amadoda la ajika kwa lapo, ahambela ngase‐Sodome; kanti u‐Abrahame ebesemi ebusweni bukayehova.
23Waye u‐Abrahame wasondela, wati: Kanene uya kububisa abalungileyo kunye nabakohlakeleyo na? 24Kungabako umhlaumbi amashumi mahlanu abalungileyo pakati kwesixeko; wobubisa na, ungayeki indawo ngenxa yabamashumi mahlanu abalungileyo abakuso? 25Makube lé kuwe ukwenza ngendawo enjalo, yokuba ubulale abalungileyo kunye nabakohlakeleyo! nokuba abalungileyo babe njengabakohlakeleyo, makube lé kuwe oko! umgwebi wawo wonke umhlaba akayi kwenza okufaneleyo yinina? 26Wayesiti uyehova: Ukuba ndiyafumana e‐Sodome amashumi mahlanu abalungileyo pakati kwesixeko, ndiya kwandula ndiyeke yonke indawo ngenxa yabo. 27Wapendula u‐Abrahame, wati: Bona ke, sendiqalile ukuteta enkosini, ndilutuli notutu nje kodwa. 28Kungati umhlaumbi kusweleke abahlanu kuwo amashumi mahlanu abalungileyo; wositshabalalisa ngenxa yabo bahlanu na sonke isixeko? Yaza yati: Andiyi kusitshabalalisa, ukuba ndofumana kona amashumi mane anesihlanu. 29Wabuya walekela ukuteta kuyo, wati: Kungaba kwofunyanwa kona amashumi mane. Yati: Andiyi kukwenza nangenxa yamashumi mane. 30Waza wati: Makungaqumbiseki enkosini, ndize nditete! Kungaba kwofunyanwa kona amashumi matatu. Yati: Andiyi kukwenza, ukuba ndofumana kona amashumi matatu. 31Wayesiti: Bona ke, sendiqalile ukuteta enkosini. Kungaba kwofunyanwa kona amashumi mabini. Yati: Andiyi kusitshabalalisa nangenxa yamashumi mabini. 32Wabuya wati: Makungaqumbiseki enkosini, ndize nditete kube kaloku kupela! Kungaba kwofunyanwa kona ishumi linye. Yati: Andiyi kusitshabalalisa nangenxa yeshumi linye. 33Wasuka wemka uyehova, akuba egqibile ukuteta no‐Abrahame: wati u‐Abrahame wabuyela endaweni yake.

Iliyochaguliwa sasa

I‐Genesise 18: XHO1902A

Kuonyesha

Shirikisha

Nakili

None

Je, ungependa vivutio vyako vihifadhiwe kwenye vifaa vyako vyote? Jisajili au ingia