Chapa ya Youversion
Ikoni ya Utafutaji

I‐Genesise 19

19
1ZEZA kufika ezongelosi zimbini e‐Sodome ngokuhlwa: waye u‐Lote wahlala esangweni le‐Sodome: wati u‐Lote akuzibona, wesuka ukuya kuzikaulela, watoba ngobuso ngasemhlabeni. 2Waza wati: Bona ke, zinkosi zam! kenipambukele endlwini yesicaka senu, nilalise kona, nihlambe inyawo zenu; naniya kuvuka kusasa, nihambe ngendlela yenu. Zati: Hai; koko siya kulalisa esitarateni. 3Waza waziqu̔ba kakulu, zada zapambukela kuye, zangena endlwini yake; waye ezenzela isidlo, woja izonkana ezingenagwele, zatya ke.
4Zingekalali, asuka amadoda asesixekweni, amadoda ase‐Sodome, angqonga leyondlu, kwa namadala namatsha, bonke abantu kuwo onke amacala. 5Baza babiza ku‐Lote, bati kuye: Apina lawomadoda abengena kuwe ngobubusuku? waku̔pele kuti, ukuze siwazi. 6Wandula wapuma u‐Lote waya kubo emnyango, wavala ucango emva kwake, 7wati: Bazalwana bam! zeningakwenzi okukohlakeleyo. 8Bona ke, ndinentombi zimbini ezingayazanga ndoda; makendiniku̔pele zona, nize nenze kuzo njengokulungileyo emehlweni enu; kodwa lamadoda ningawenzi nto, ngokuba kukona babengena ngapantsi kwomtunzi wentungo yam. 9Baza bati: Kwelela. Bati kanjalo: Lomfo nze ukuhlala apa njengowasemzini, ade afun’ ukwenza njengomgwebi: kaloku sesiya kupata kakubi wena ngapezu kwawo. Baye bexinga ngasendodeni leyo, ngaku‐Lote, kakulu, bada basondela ukugqoboza ucango. 10Andula amadoda lawo olula izandla zawo, amngenisa u‐Lote kwa kuwo endlwini, avala ucango. 11Nabantu ababengaselucangweni lwendlu ababeta ngobumfama, kwa nabancinane nabakulu, bada bazidinisa ukunga bangafumana ucango.
12Aza ati amadoda lawo ku‐Lote: Bangobanina usenabo apa? ongumyeni, onyana bako, nentombi zako, nako konke unako kwesisixeko, kuku̔pe kulendawo: 13ngokuba siya kutshabalalisa lendawo, ngokokuba sikulu isikalo sabo ebusweni bukayehova; kukona uyehova asitumileyo ukuza kuyitshabalalisa. 14Wapuma u‐Lote, wateta nabo abangabayeni kuye, abebeya kuzeka intombi zake, watsho ukuti: Sukani, nipume kulendawo; ngokuba uyehova eya kutshabalalisa isixeko esi. Koko wanga ungohlekayo kubo abangabayeni kuye.
15Kwati kwakuti qip’ ukusa, zandula ingelosi zamnxamisa u‐Lote, zisiti: Suka, utabate umfazi wako, nentombi zako zombini ezikoyo apa, ukuze ungabujiswa ebubini besisixeko. 16Kodwa wazilazila; ngako amadoda lawo abamba isandla sake, nesandla somfazi wake, nesandla sentombi zake zombini, uyehova enobubele nje ngakuye, ampumisa endlwini, ambeka ngapandle kwesixeko. 17Kwaza kwati, xeshekweni abebapumisele ngapandle kwesixeko, wati: Zisindise ngenxa yobomi bako; ungabeki ngasemva kwako, ungahlali nokuhlala kulo lonke itafa; sindela entabeni, ukuze ungabujiswa. 18Wati kuwo u‐Lote: Makekungabi njalo, Nkosi! 19Bona ke, isicaka sako sifumene ufefe emehlweni ako, ude wabenza bukulu ububele bako, obo undipete ngabo ngokulondoloza umpefumlo wam ekudliweni kwobomi; kanti andingesindele entabeni, hleze ndifikelwe lilishwa, ndife ke. 20Bona ke, esisixeko sikufupi, ukuba kusabelwe kona; sesincinane kanjalo; makendisindele kona, (asi siso esincinane na?) uze umpefumlo wam udle ubomi. 21Wayesiti kuye: Bona ke, ndikubukile nangalento, yokuba andiyi kucita esosixeko utetile ngaso. 22Nxama, usindele kona; ngokuba ndikohliwe kukwenza into ude ufike kona. Ngako oko kwabizwa igama lesixeko eso nge‐Tsohare#19:22 Oko kukuti: Sincinane.. 23Ilanga lakova ukupuma pezu kwomhlaba, akuba u‐Lote wangena e‐Tsohare.
24Wandula uyehova wanisa pezu kwe‐Sodome ne‐Gomora isufure nomlilo uvela kuyehova ezulwini; 25wacita ezozixeko kanjalo, nalo lonke itafa, nabo bonke abemi bezixeko ezo, nokuhluma kwomhlaba.
26Kodwa umfazi wake wabeka ngomva emva kwake, waza waba sisimo setyuwa.
27Kekaloku u‐Abrahame wavuka kusasa, waya endaweni apo abemi kona ebusweni bukayehova. 28Wayebeka ngase‐Sodome ne‐Gomora, nangakulo lonke ilizwe lasetafeni, wakangela, kekaloku bona ke, kwenyuka umsi welizwe njengomsi wesidlangalala.
29Kwaye kute, nxa utixo watshabalalisa izixeko zasetafeni, wandula utixo wakumbula u‐Abrahame, wamku̔pa u‐Lote kwa pakati kwokucitakala, ekucitweni kwezixeko abehleli kuzo u‐Lote. 30Waye u‐Lote wapuma e‐Tsohare, wahlala entabeni, nentombi zake zombini kunye naye; ngokuba ebesoyika ukuhlala e‐Tsohare: ngako wahlala emqolombeni, yena nentombi zake zombini. 31Yaza eyamazibulo yati kuyo encinane: Ubawo umdala; kanjalo akuko ndoda kwelilizwe yokungena kuti njengesiko lawo wonke umhlaba; 32yiza, size simseze ubawo iveyine, silale naye, ukuba silondoloze inzalo ngobawo. 33Zaye zimseza uyise iveyine ngobusuku obo: yaza eyamazibulo yangena, yalala noyise; owaengaqiqanga nxa ilala pantsi, nanxa isukayo. 34Kwati ngomnye umhla, eyamazibulo yati kuyo encinane: Bona ke, ndalala pezolo nobawo; makesimseze iveyine ngobubusuku nabo; uze ungene wena, ulale naye, ukuba silondoloze inzalo ngobawo. 35Zaza zamseza uyise iveyine ngobobusuku nabo; yesuka leyo incinane, yaya yalala naye; owaengaqiqanga nxa ilala pantsi, nanxa isukayo. 36Kwa njalo zamita intombi zika‐Lote zombini ngoyise. 37Yada eyamazibulo yazala unyana, yambiza ngegama elingu‐Mowabi: nguye lo uyise wama‐Mowabi kude kwanamhla. 38Nencinane, yazala unyana nayo, yambiza ngegama elingu‐Bene‐hami: nguye lo uyise walo usapo luka‐Hamoni kude kwanamhla.

Iliyochaguliwa sasa

I‐Genesise 19: XHO1902A

Kuonyesha

Shirikisha

Nakili

None

Je, ungependa vivutio vyako vihifadhiwe kwenye vifaa vyako vyote? Jisajili au ingia