Chapa ya Youversion
Ikoni ya Utafutaji

I‐Genesise 27

27
1KWAYE kute, nxa abesel’ emdala u‐Yisake, namehlo ake ebeluzizi nje, wada wakohlwa kubona, wandula wambiza u‐Esau, unyana wake omkulu, wati kuye: Nyana wam! Wayesiti kuye: Nanku, ndilapa. 2Waza wati: Bona ke, sendimdala, ndingazi nje imini yokufa kwam. 3Uze uti kaloku, utabate izixo̔bo zako, umpongolo wako nesipeta sako, upumele endle, undizingelele inyama yenyamakazi; 4wandule ukundenzela ukutya okumnandi, okunjengoko ndikutandayo, ukuzise kum, ukuba nditye; ukuze umpefumlo wam ukutamsanqele, ndingekati. 5Kekaloku u‐Rebeka wabesiva, akuteta u‐Yisake ku‐Esau unyana wake. Wasuka u‐Esau waya endle ukuba azingele inyama yenyamakazi, ayizise.
6Waza u‐Rebeka wateta ku‐Yakobi unyana wake, esiti: Bona ke, ndeva uyihlo wako eteta ku‐Esau umkuluwe wako, esiti: 7Ndizisele inyama yenyamakazi, undenzele ukutya okumnandi, ukuba nditye, ndize ndikutamsanqele ebusweni bukayehova, ndingekafi. 8Uze uti kaloku, nyana wam! ulipulapule ilizwi lam ngoko ndikuyalela ngako. 9Kauhambe ke uye emhlambini, undizekele kwa kona abe mabini amatakane ebokwe alungileyo; ndandiya kwenzela uyihlo ngawo ukutya okumnandi, okunjengoko akutandayo: 10wandule wena ukuzise kuye uyihlo, ukuba atye, ukuze akutamsanqele engekafi.
11Waza wati u‐Yakobi ku‐Rebeka unina: Bona ke, u‐Esau umkuluwe wam uyindoda elixonti, kanti mna ndiyindoda egudileyo: 12angati ubawo wondicofa, ndandiya kuba semehlweni ake njengomkohlisi: ngendisandul’ ukuzisa pezu kwam isiqalekiso, ndingazisi itamsanqeliso. 13Wayesiti unina kuye: Sibe pezu kwam isiqalekiswa sako, nyana wam! pulapula kodwa elizwini lam, uye undizekele wona. 14Waya ke, wawazeka, wawazisa kunina; waza unina wenza ukutya okumnandi, okunjengoko wakutandayo uyise.
15Wandula u‐Rebeka watabata ingubo zika‐Esau, unyana wake omkulu, ezo zinqabileyo, ezibe zikuye endlwini, wamvatisa u‐Yakobi, unyana wake omncinane, ngazo; 16nezintsu zamatakane ebokwe wazifaka pezu kwezandla zake, napezu kwokuguda kwentamo yake: 17waza wanika ukutya okumnandi, nesonka, ezonto abezenzile, esandleni sika‐Yakobi unyana wake.
18Wasuka weza kuyise, wati: Bawo! Wayesiti yena: Nanku, ndilapa; ungubanina wena, nyana wam? 19Wati u‐Yakobi kuyise: Ndingu‐Esau, owamazibulo wako; sendenzile njengoko ubundixelela kona; kauvuke, uhlale, utye kwinyama yam yenyamakazi, ukuze umpefumlo wako unditamsanqele. 20Waza wati u‐Yisake kunyana wake: Yinina lento, unxa̔mile kangaka nje ukuyifumana, nyana wam? Wayesiti: Kungokuba uyehova, utixo wako, eyifumananisene nam. 21Waza u‐Yisake wati ku‐Yakobi: Kausondele, ukuze ndikucofe, nyana wam! ukuba ukwa nguye unyana wam u‐Esau kusinina. 22Waya u‐Yakobi wasondela ku‐Yisake uyise, owamcofa, wati: Ilizwi lilizwi lika‐Yakobi, kanti izandla zizandla zika‐Esau. 23Waye engamnakani, ngokuba izandla zake zilixonti, njengezandla zika‐Esau umkuluwe wake; wada wamtamsanqela. 24Wayesiti: Ukwa nguye na unyana wam u‐Esau? Wati: Ndinguye. 25Waza wati: Yisondeze kum, ukuba nditye kwinyama yenyamakazi yonyana wam, ukuze umpefumlo wam ukutamsanqele. Waza wayisondeza kuye, watya ke; wamzisela neveyine, wasela ke. 26Waye u‐Yisake uyise wati kuye: Kausondele, uze undange, nyana wam! 27Wasondela ke, wamanga: waza wasezela ivumba lengubo zake, wamtamsanqela, wati: Bona ke, ivumba lonyana wam linjengevumba lentsimi, ayitamsanqele uyehova; 28wanga utixo akunike kuwo umbete wezulu, nakuko ukutyeba kwomhlaba, nento eninzi yenqolowa neveyine: 29abantu mabakonze kuwe, nezizwe mazitobe pantsi pambi kwako: yiba yinkosi pezu kwabazalwana bako, nonyana bonyoko mabatobe pantsi kuwe: lowo okuqalekisayo, makaqalekiswe yena; nalowo okutamsanqelayo, makatanyusanqelwe naye!
30Kwaye kute, okuya abegqibile u‐Yisake ukutamsanqela u‐Yakobi, cebetshu epumile nje u‐Yakobi ebusweni buka‐Yisake uyise, wandula ukufika u‐Esau, umkuluwe wake, evela ekuzingeleni kwake. 31Waye naye ekwenzile ukutya okumnandi, wakuzisa kuyise, wati kuye uyise: Makavuke ubawo, atye kwinyama yenyamakazi yonyana wake, ukuze umpefumlo wako unditamsanqele. 32Wati u‐Yisake uyise kuye: Ungubanina wena? Wati: Ndingunyana wako, owamazibulo wako, u‐Esau. 33Waza wangcangcazela u‐Yisake ngokungcangcazela okukulu kakulu, wati: Ngubanina ke lowo ozingeleyo inyama yenyamakazi, wayizisa kum, ndada ndatya kuko konke, ungekafiki wena, ndamtamsanqela ke? woba etanyusanqelwa kanjako. 34Akuba u‐Esau evile amazwi oyise, wandula ukukala kakulu ngesikulu nesiṙaṙa isikalo, wati kuyise: Nditamsanqele mna nam, bawo! 35Wayesiti: Umninawe wako weza ngobuqokolo, waesusile itamsanqeliswa lako. 36Waza wati: Asi ngenene na ukuba kubiziwe igama lake ngo‐Yakobi#27:36 Oko kukuti: Umlumkisi., endilumkisile lamaxesha mabini nje? ubuzibulo bam wandihluta bona, nanku ke kaloku endihlutile itamsanqeliswa lam. Waza wati: Akundibambelanga nalinye itamsanqeliso na?
37Wapendula u‐Yisake wati ku‐Esau: Bona ke, ndimmisele abe yinkosi kuwe, nabo bonke abazalwana bake ndibanikile kuye babe zizicaka; ndimxasile ngenqolowa nangeveyine kanjalo: yinto nina ke kaloku endiya kuyenzela wena, nyana wam?
38Wayesiti u‐Esau kuyise: Litamsanqeliso linye kupela unalo na, bawo? nditamsanqele mna nam, bawo! Waza u‐Esau wapakamisa ilizwi lake, walila. 39Wabuya wapendula u‐Yisake uyise wati kuye: Bona ke, kwa sekutyebeni kwomhlaba kwoba yindawo yokuhlala kwako, nasembeteni wezulu uvela pezulu: 40ngesiṙele sako uya kupila, nomninawe wako uya kumkonza; kanti kuya kuti, nxa unobukosi, uya kwandula ushunqule iyokwe yake entanyeni yako.
41KEKALOKU u‐Esau wamzonda u‐Yakobi ngenxa yetamsanqeliso abemtamsanqelisile ngalo uyise; wati ngoko u‐Esau entliziyweni yake: Iza kusondela imihla yokulilela ubawo, endiya kumbulala u‐Yakobi umninawe wam ngayo.
42Avakala ku‐Rebeka lamazwi ka‐Esau, unyana wake omkulu, waza watuma wambiza u‐Yakobi, unyana wake omncinane, wati kuye: Bona ke, u‐Esau umkuluwe wako uyazitutuzela pezu kwako, ukuba wokubulala. 43Uze uti kaloku, nyana wam! upulapule ilizwi lam, usuke usabele ku‐Labane umkuluwe wam e‐Karane; 44uze uhlale naye ibe yimihla etile, bude bujike ubuṙalaṙume bomkuluwe wako; 45ude umsindo womkuluwe wako upambuke kuwe, aze alibale oko ukwenzile kuye: ndandiya kwandula ukutuma, ndikutabate kona; kunganina ukuba ndinihlutwe nobabini ngemini nye?
46Waza wati u‐Rebeka ku‐Yisake: Ndiyatiya ubomi bam ngenxa yentombi zakwa‐Hete. Ukuba u‐Yakobi uyazeka umfazi ezintombini zakwa‐Hete, kwezinjengezi, ezintombini zakwelilizwe, bondinceda nto nina ubomi bam?

Iliyochaguliwa sasa

I‐Genesise 27: XHO1902A

Kuonyesha

Shirikisha

Nakili

None

Je, ungependa vivutio vyako vihifadhiwe kwenye vifaa vyako vyote? Jisajili au ingia