Chapa ya Youversion
Ikoni ya Utafutaji

I‐Genesise 31

31
1Aza avakala kuyo amazwi onyana baka‐Labane, esiti: Ususile u‐Yakobi konke ubawo wetu abenako; nakuko okube kukokukabawo wetu ubenzile bonke obubutyebi. 2Waye u‐Yakobi wabona ubuso buka‐Labane; kekaloku bona ke, babungengakuye njengasexesheni lapambili.
3WADA uyehova wati ku‐Yakobi: Buyela elizweni loyihlo bako, nakwisalamane sako; ndandiya kuba nawe.
4Waza watuma u‐Yakobi wabiza u‐Rakele no‐Leya beze endle emhlambini wake; 5wati kubo: Ndiyabona ubuso boyihlo wenu, ukuba abungakum njengasexesheni lapambili; kodwa utixo kabawo usand’ ukubako nam. 6Niyazi nani, ukuba kungawo onke amandla am endikonzile uyihlo wenu. 7Kanti uyihlo wenu undixokisile, nomvuzo wam uwuguqule ishumi lamaxesha; kodwa utixo akamvumelanga ukuba andenzele ububi. 8Nxa abesitsho ukuti: Lawo anamabala oba ngumvuzo wako; yandula yonke imihlambi ukuzala anamabala: nanxa abesitsho ukuti: Lawo azinala oba ngumvuzo wako; yandula yonke imihlambi ukuzala azinala. 9Kunjalo ke utixo ahlutileyo inkomo zoyihlo wenu, wazinika kum. 10Kwaye kute, ngexesha lokukaula kwemihlambi, ndapakamisa amehlo am, ndabona epupeni; kekaloku bona ke, inkunzi ezikwela pezu kwemazi zemihlambi zizezizinala, nezinamabala, nezingamaṙwexu. 11Yaza yati kum ingelosi katixo epupeni: Yakobi! Ndati mna: Nanku, ndilapa. 12Yayisiti: Zupakamise amehlo ako, ubone; zonke inkunzi ezikwela pezu kwemazi zemihlambi zizezizinala, nezinamabala, nezingamaṙwexu: ngokuba ndikubonile konke u‐Labane akwenzele kona. 13Mna ndi ngutixo we‐Betele, apo ubutambisa kona isimo sokukumbuza, nalapo ubusenza kum isibambiso kona: uze kaloku usuke, upume kwelilizwe, ubuyele ezweni lesalamane sako.
14Baza bapendula u‐Rakele no‐Leya, bati kuye: Kuseko kuti na isabelwa nelifa endlwini kabawo wetu? 15Asibalelwanga abasemzini nguye na? ngokuba etengisile ngati, nemali yetu ugqibele ukuyidla nayo. 16Ngokuba bonke ubutyebi abuhlutileyo utixo kubawo wetu, bubobetu bona, nobonyana betu: ngako kaloku, konke akutshilo utixo kuwe kwenze ke.
17Wandula wesuka u‐Yakobi, wakwelisa onyana bake nabafazi bake pezu kwenkamela; 18wafudusa zonke inkomo zake, nayo yonke impahla yake abeyiqwebile, inkomo zokufuya kwake, abeziqwebile e‐Padane‐arame, ukuya ku‐Yisake uyise ezweni le‐Kanane. 19Kekaloku u‐Labane ebeyile ukuceba izimvu zake; waza u‐Rakele weba̔ iterati abenazo uyise. 20Waye u‐Yakobi wakohlisa intliziyo ka‐Labane um‐Siriya, ekubeni engamxelelanga ukuba uyesaba. 21Waya wesaba nako konke abenako; wesuka ke, wawela umlambo, wabeka ubuso bake ngasentabeni ye‐Gileyadi.
22Kwaye kuxelwa ku‐Labane ngowesitatu umhla, ukuba usabile u‐Yakobi. 23Waza watabata abazalwana bake naye, wamputuma ihambo yemihla esixe̔nxe; bada bamfumana entabeni ye‐Gileyadi. 24Koko wezayo utixo ku‐Labane um‐Siriya epupeni ngobusuku, wati kuye: Zilumkele, ukuze ungateti ku‐Yakobi nokulungileyo nokukohlakeleyo. 25Waza u‐Labane wamfumana u‐Yakobi.
Kekaloku u‐Yakobi ebemisile intente yake entabeni; wati ke no‐Labane wamisa eyake ndawonye nabazalwana bake entabeni ye‐Gileyadi. 26Wayesiti u‐Labane ku‐Yakobi: Yinto nina uyenzileyo, ukuba ubukohlisa intliziyo yam, wafudusa intombi zam njengabatinjiweyo ngesiṙele? 27Kunganina ukuba ubusaba ngasese, wandikohlisa; nokuba ubungandixeleli, ukuze ndibe ndikupelekelele ngemigcobo nangengoma, ngentambula nangohadi; 28nokuba ubungandivumeli ukwanga onyana bam nentombi zam? Kaloku wenzile ngobudenge. 29Kusemandleni esandla sam ukunenza ububi; kodwa utixo kayihlo wenu wabesitsho kum pezolo ukuti: Zilumkele, ukuze ungateti ku‐Yakobi nokulungileyo nokukohlakeleyo. 30Pofu kaloku, unxamele ukumka nje, ngokokuba ubulangazelela indlu kayihlo kakulu, kunganina ukuba ubi̔le otixo bam?
31Waza wapendula u‐Yakobi wati ku‐Labane: Kungokuba bendisoyika; ngokuba bendisiti: Hlezibe uya kuhlasela intombi zako kum. 32Lowo ufumana naye otixo bako, makangabi sapila. Kwa pambi kwabazalwana betu kunakane okwako okukum, uze ukutabatele kuwe. Ngokuba ebengazi u‐Yakobi ukuba u‐Rakele ubebi̔le.
33Waya u‐Labane wangena ententeni ka‐Yakobi, nasententeni ka‐Leya, nasezintenteni zamakobokakazi omabini, kanti akabafumananga: waza wapuma ententeni ka‐Leya, wangena ententeni ka‐Rakele. 34Kekaloku u‐Rakele ebetabatile iterafi, wazibeka pakati kwempahla yenkamela, wahlala pezu kwazo. Waza u‐Labane wabenca intente yonke, kanti akazifumananga. 35Wayesiti kuyise: Makungaqumbiseki emehlweni enkosi yam, ukuba ndikohliwe kukusuka ebusweni bako; ngokuba isiko labafazi lipezu kwam. Wafunisa ke, kanti akazifumananga iterafi.
36Waza waqumba u‐Yakobi, wapika naye u‐Labane. Wapendula u‐Yakobi wati ku‐Labane: Siyinto nina isigqito sam? siyinto nina isono sam, ukuba unxamele kangaka ukundiputuma? 37Ekubeni uzibencile zonke impahla zam, kuyinto nina uyifumeneyo kuzo zonke impahla zendlu yako? Yibeke apa pambi kwabazalwana bam nabazalwana bako, ukuze balamle pakati kwetu sobabini. 38Leminyaka imashumi mabini ndibe ndinawe; igushakazi zako nebokwekazi zako azipunzile, nenkunzi zomhlambi wako andizidlanga. 39Leyo iqwengiweyo andiyizisanga kuwe; ndayihlaulela mna; kwa kuso isandla sam wabuyibanga, nokuba ibibi̔we ngemini, nokuba ibibi̔we ngobusuku. 40Bendinjalo ke; emini ndadliwa bubushushu, nasebusuku ndadliwa yingqele; kanjalo amehlo am emkelwa bubutongo. 41Kunje nje ndibe ndiyiminyaka imashumi mabini endlwini yako: ndakukonza iminyaka yalishumi linemine ngenxa yentombi zako zombini, neminyaka yamitandatu ngenxa yomhlambi wako; wauguqule umvuzo wam ishumi lamaxesha. 42Ukuba utixo kabawo wam, utixo ka‐Abrahame, nomoyikwa ka‐Yisake, ebengeko nam, ngenyaniso kaloku unge undindulule zé. Ubunzima bam nomzamo wezandla zam uwubonile utixo, wakwohlwaya pezolo.
43Waza wapendula u‐Labane wati ku‐Yakobi: Intombi ezi zintombi zam, nonyana aba bangonyana bam, nemihlambi le yimihlambi yam, nako konke ukubonayo kukokwam: kekaloku ndingenza nto nina kuzo ezintombi zam namhla nje, nakubo onyana bazo, abo zibazeleyo? 44Kaloku kambe, yiza senze ucebano, kwa mna nawe, ukuba lube linqi̔na pakati kwam nawe.
45Waza u‐Yakobi watabata ilitye, walipakamisa libe sisimo sokukumbuza. 46Wayesiti u‐Yakobi kubazalwana bake: Butani amatye. Baza batabata amatye, benza imfumba; batya kona pezu kwemfumba leyo. 47Waye u‐Labane wayibiza ngokuti yi‐Yegare‐sahaduta#31:47 Oko kukuti: Yimfumba yokunqi̔na — ngokwama‐Kaledine.; kanti u‐Yakobi wayibiza ngokuti yi‐Galedi#31:47 Oko kukuti: Yimfumba yokunqi̔na — ngokwama‐Hebere..
48Waza wati u‐Labane: Lemfumba ilinqi̔na pakati kwam nawe namhla nje. Kukona yabizwa ngegama eliyi‐Galedi; 49neliyi‐Mitsipa#31:49 Oko kukuti: Yindawo yokulinda.; ngokuba ebesiti: Wanga uyehova angalinda pakati kwam nawe, nxa sifihlelene omnye kwomnye! 50Ukuba uya kubandezela intombi zam, nokuba uya kuzeka abafazi ngapezu kwentombi zam, noko angeko mntu nati, gqala ke, utixo ulinqi̔na pakati kwam nawe. 51Walekela u‐Labane wati ku‐Yakobi: Nantsi lemfumba, nasi nesimo esi sokukumbuza, endisipakamisile pakati kwam nawe; 52lemfumba ibe linqi̔na, nesimo esi sokukumbuza sibe linqi̔na, lokuba andiyi kugqita mna kulemfumba ukuza kuwe, nokuba akuyi kugqita wena kulemfumba nakwesisimo sokukumbuza ukuza kum, bube bububi. 53Utixo ka‐Abrahame, notixo ka‐Nahore, utixo woyise wabo agwebe pakati kwetu. Waye u‐Yakobi wafunga umoyikwa woyise u‐Yisake.
54Waza u‐Yakobi wabingelela umbingelelo entabeni, wabiza abazalwana bake baze batye isonka: baye besitya isonka, balalisa entabeni. 55Wavuka u‐Labane kusasa, wanga onyana bake nentombi zake, wabatamsanqela; wandul’ ukumka u‐Labane, wabuyela endaweni yake.

Iliyochaguliwa sasa

I‐Genesise 31: XHO1902A

Kuonyesha

Shirikisha

Nakili

None

Je, ungependa vivutio vyako vihifadhiwe kwenye vifaa vyako vyote? Jisajili au ingia