Chapa ya Youversion
Ikoni ya Utafutaji

I‐Genesise 32

32
1WAHAMBA no‐Yakobi endleleni yake; zaza zahlangana naye ingelosi zikatixo. 2Wati u‐Yakobi, xeshekweni azibonileyo: Ngumkosi katixo lo! ngako wabiza igama lalondawo nge‐Mahanayime#32:2 Oko kukuti: Imikosi mibini..
3Waza u‐Yakobi wasusa izigidimi zandulele kuye ukuya ku‐Esau umkuluwe wake, ezweni le‐Sehire, ezweni lama‐Edome. 4Waziyalela ngokuti: Kunje nje niya kuteta enkosini yam, ku‐Esau: Sitsho isicaka sako u‐Yakobi ukuti: Bendipambukele ku‐Labane, ndalibalakona kwada kwakaloku; 5ndiba nenkabi, namaqwaṙashe, nezimvu, nezicaka, nezicakakazi; ndanditumile ukushumayeza inkosi yam, ukuze ndifumane ufefe emehlweni ako.
6Zada zabuya izigidimi zeza ku‐Yakobi, zisiti: Sasesifika kumkuluwe wako, ku‐Esau; kanjalo uyahamba naye ukuza kukukaulela, enamadoda angamakulu mane kunye naye.
7Waza woyika u‐Yakobi kakulu, waxinezeka; waye eqingatisa abantu ababenaye, nezimvu, nenkomo, nenkamela, kube yimikosi mibini; 8ngokuba ebesiti: Ukuba u‐Esau uya kuza kwomnye umkosi, awubete, uya kwandula umkosi oseleyo usinde.
9Waza u‐Yakobi wati: Tixo wobawo u‐Abrahame, notixo wobawo u‐Yisake, Yehova owabusiti kum: Buyela elizweni lakowenu, nasesalamaneni sako, ndandiya kukupata ngokulungileyo! 10Ndimncinane mna kuzo zonke izibele, nakuyo yonke inyaniso, ozenzele isicaka sako; ngokuba bekunomsimelelo wam ndawela i‐Yoredane le, kanti kaloku sendiyimikosi mibini. 11Zundihlangule esandleni somkuluwe wam, esandleni sika‐Esau; ngokuba ndimoyika yena, hleze uya kuza andibete, kwa nonina kunye nabantwana. 12Wabusiti wena kanjalo: Ngenyaniso ndiya kukwenzela okulungileyo, ndenze nenzalo yako ibe njengentlabati yolwandle, engenakubalwa ngenxa yokuba ninzi kwayo.
13Waza walalisa kona ngobusuku obo; watabata kuko okwezayo esandleni sake, umnikelo wokunikela u‐Esau umkuluwe wake: 14imazi zebokwe zamakulu mabini, nenkunzi zebokwe zamashumi mabini; imazi zegusha zamakulu mabini, nenkunzi zegusha zamashumi mabini; 15inkamelakazi ezanyisayo zamashumi matatu, nawo amatole azo; imazi zenkomo zamashumi mane, nenkunzi zenkomo zalishumi; amaqwaṙashekazi amashumi mabini, namaqwaṙashana alishumi. 16Waza wazinikela esandleni sezicaka zake, umhlambi ngomhlambi uwodwa; wati kuzo izicaka zake: Yandulelani kum ukuwela, nibeke umgama pakati kwomhlambi nomhlambi. 17Wayalela esokuqala ngokuti: Xeshekweni u‐Esau, umkuluwe wam, aya kuhlangana nawe, akubuze, esiti: Ungokabanina wena? uya ngapina? zezikabanina ezi zipambi kwako? 18Wandule uti: Zezesicaka sako zika‐Yakobi, zingumnikelo otunyelweyo inkosi yam u‐Esau; kanjalo, nanku yena esemva kwetu naye. 19Wenje njalo ke ukuyalela esesibini, nesesitatu, kwa nabo bonke ababelandela imihlambi, esiti: Kunjengelizwi eli niya kuteta ku‐Esau, nxa nifumanana naye. 20Naniya kuti kanjako: Nasi isicaka sako u‐Yakobi sisemva kwetu. Ngokuba ebesiti: Ndiya kuxolisa ubuso bake ngalomnikelo ohambayo pambili kum, ndize nditi kamva, ndibone ubuso bake; kungati wobuka ubuso bam.
21Wandula wawela umnikelo lowo ngapambili kuye; kodwa yena walalisa ngobobusuku emnqubeni. 22Waza wesuka kwa ngobobusuku, watabata abafazi bake bobabini, namakobokakazi ake omabini, nonyana bake boshumi elinamnye, wawela izibuko le‐Yaboki. 23Wayetabata bona, wabaweza umlanjana lowo: waweza oko abenako kanjalo.
24Kanti u‐Yakobi wasala yedwa; kwaza kwazamana naye indoda side sapuma isifingo. 25Eyati, yakubona ukuba ayimeyisi, yacukumisa ilungu letanga lake; laza laṙuneka ilungu letanga lika‐Yakobi, nxa ibizamana naye. 26Yaisiti: Ndiyeke, ngokuba sise sipumile isifingo. Koko wati: Andiyi kukuyeka, kupela nxa unditamsanqeleyo. 27Yaza yati kuye: Ngubanina igama lako? Wati: Ngu‐Yakobi. 28Yandula yati: Asi ngo‐Yakobi eliya kubuya libizwe igama lako, koko liya kubizwa ngo‐Sirayeli#32:28 Oko kukuti: Inkosi katixo.: ngokuba wenzile ngobukosi ngakuye utixo nangakubo abantu, weyisa ke. 29Wayebuza u‐Yakobi, wati: Zuxele igama lako. Yaisiti: Kunganina ukuba ubuze igama lam? Yaza yamtamsanqela kona apo. 30Waye u‐Yakobi wabiza igama lalondawo nge‐Peniyeli#32:30 Oko kukuti: Ubuso bukatixo.: ngokuba, watsho, ndibonene notixo ubuso ngobuso, wasinda umpefumlo wam noko.
31Lakova ilanga ukupuma pezu kwake, xeshekweni abedlula kuyo i‐Penuweli; wabeqwalela etangeni lake. 32Ngako oko usapo luka‐Sirayeli alutyi umsipa owabufinyela, lowo upezu kwelungu letanga, kude kube yimini yanamhla; ngokokuba ibicukumisile ilungu letanga lika‐Yakobi emsipeni owafinyelayo.

Iliyochaguliwa sasa

I‐Genesise 32: XHO1902A

Kuonyesha

Shirikisha

Nakili

None

Je, ungependa vivutio vyako vihifadhiwe kwenye vifaa vyako vyote? Jisajili au ingia