Chapa ya Youversion
Ikoni ya Utafutaji

I‐Genesise 33

33
1WAPAKAMISA u‐Yakobi amehlo ake, wakangela; kekaloku nanku u‐Esau esiza, enaye amadoda amakulu mane. Wandula ukwahlulela abantwana ku‐Leya, naku‐Rakele, nakuwo amakobokakazi omabini. 2Waza wabeka amakobokakazi nabantwana bawo pambili, no‐Leya nabantwana bake ngasemva, no‐Rakele no‐Josefe ngasemva ngakumbi. 3Wasuka yena wandulela kubo ukuwela, waziqubuda ngasemhlabeni amaxesha asixe̔nxe, wada wasondela kumkuluwe wake. 4Waza wabaleka u‐Esau ukuya kumkaulela, wamsingata, wawa pezu kwentamo yake, wamanga: balila ke. 5Wada wapakamisa amehlo ake, wabona abafazi nabantwana; wati: Bayinto nina aba kuwe? Wayesiti: Ngabantwana abanikileyo utixo ngofefe kwisicaka sako. 6Andula asondela amakobokakazi, kwa wona nabantwana bawo, baziqubuda. 7Wasondela no‐Leya, nabantwana bake, baziqubuda; nakamva kwasondela u‐Josefe no‐Rakele, baziqubuda nabo.
8Waza wati: Uyinto nina kuwe wonke lomkosi bendihlangene nawo? Wayesiti: Ngowokuba ndifumane ufefe emehlweni enkosi yam. 9Wati u‐Esau: Kuko kum okuninzi, mninawe wam! makube kokwako oko unako. 10Koko u‐Yakobi wati: Makekungabi njalo! ukuba kambe ndifumene ufefe emehlweni ako, uke uwamkele umnikelo wam esandleni sam; ngokuba kukona endibonileyo ubuso bako, njengokungati ndibonile ubuso bukatixo, waza wakoliswa ndim. 11Zulitabate itamsanqa lam eliziswa kuwe, ngokuba utixo endipete ngofefe, nangokuba ndinento zonke. Wamqu̔ba ke, wada walitabata.
12Wayesiti: Masinduluke, sihambe; ndandiya kuhamba pambi kwako. 13Koko wati kuye: Inkosi yam iyazi ukuba abantwana batambile, nokuba imazi zegusha nezenkomo ezikulelweyo zingakum; kekaloku zakuba ziya kuqu̔tywa kakulu ibe yimini nye, wonke umhlambi uya kufa. 14Makeiti inkosi yam idlule pambi kwesicaka sayo; nam ndiya kuhambisa kakuhle, njengokuhamba kwenkomo ezipambi kwam, nanjengokuhamba kwabantwana, ndide ndifike enkosini yam e‐Sehire. 15Wati u‐Esau: Makendisalise kuwe inxenye yabantu abanam. Wayesiti: Kwoba nganina oko? mandifumane ufefe emehlweni enkosi yam.
16Waza wabuya u‐Esau kwa ngalomini ukuya endleleni yake ngase‐Sehire. 17Wasuka u‐Yakobi wahambela e‐Sukote, wazakela indlu, wenzela nenkomo zake amapempe: ngako oko wabiza igama lalondawo nge‐Sukote#33:17 Oko kukuti: Amapempe..
18WADA wafika u‐Yakobi ngokunqaba esixekweni se‐Shekeme, esisezweni le‐Kanane, ekuveleni kwake e‐Padane‐arame; wayemisa intente ngapambi kwesixeko. 19Wandula watenga isiqendu sentsimi, apo abeyolule kona intente yake, esandleni sosapo luka‐Hamore, uyise ka‐Shekeme, ngekulu lamaqosha emali. 20Waza wamisa kona isibingelo, wasibiza ngokuti: Utixo ngutixo ka‐Sirayeli.

Iliyochaguliwa sasa

I‐Genesise 33: XHO1902A

Kuonyesha

Shirikisha

Nakili

None

Je, ungependa vivutio vyako vihifadhiwe kwenye vifaa vyako vyote? Jisajili au ingia