Chapa ya Youversion
Ikoni ya Utafutaji

I‐Genesise 45

45
1Waza wakohlwa u‐Josefe kukuzinyanzela pambi kwabo bonke abebemi ngakuye, wadanduluka esiti: Yenzani bapume bonke abantu kum. Kwaye kungeko mntu emi ngakuye, ekuzaziseni kuka‐Josefe kubakuluwe bake. 2Wandula ukukupa ilizwi lake ngokulila; ada eva ama‐Jipete, yeva nendlu ka‐Faro. 3Waza u‐Josefe wati kubakuluwe bake: Mna ndingu‐Josefe; ubawo usahleli na? Koko abakuluwe bake bebekohlwa kukumpendula; ngokuba bebetuswa ebusweni bake.
4Waza u‐Josefe wati kubakuluwe bake: Kanisondele kum. Basondela ke. Waza wati: Mna ndingu‐Josefe, umninawe wenu, enanimtengisele e‐Jipete. 5Kodwa kaloku maningadandateki, makungaqumbiseki emehlweni enu kanjako, ukuba nibe ninditengisela apa: ngokuba utixo enditumile pambi kwenu, ndize kulondoloza ubomi. 6Ngokuba ngoku isel’ iyiminyaka mibini indlala ipakati kwelizwe; kanjalo iseko iminyaka mihlanu ekungayi kubako kulima nokuvuna ngayo. 7Waye utixo wandituma pambi kwenu, ukuba ndinigcinele isisalela emhlabeni, nokuba ndilondoloze ubomi benu ngosindiso olukulu. 8Ngako kaloku asi nini abanditumileyo ukuza apa, koko ngutixo; owayendenzile uyise ku‐Faro, nenkosi pezu kwayo yonke indlu yake, nompati kulo lonke ilizwe le‐Jipete. 9Nxamani, ninyuke ukuya kubawo, niti kuye: Utsho unyana wako u‐Josefe ukuti: Utixo undenzile inkosi pezu kwayo yonke i‐Jipete; yihla uze kum, ungalibali: 10wauya kuhlala ezweni le‐Goshene, ube kufupi kum, wena nonyana bako, nonyana bonyana bako, negusha zako, nenkomo zako, nako konke onako. 11Ndaye ndiya kukufunzela kwa lapo; ngokuba kusaya kubako emihlanu iminyaka yendlala; ukuze ungangeni ebuhlwentshini, wena nendlu yako, nako konke onako. 12Kangelani, amehlo enu ayabona, kwa namehlo omninawe wam u‐Benjamine, ukuba ngumlomo wam otetayo kuni. 13Naniya kumshumayeza ubawo bonke ubungcwalisa bam e‐Jipete, nako konke enikubonileyo; nize ninxame ukumhlisa ubawo eze apa.
14Waza wamwela umninawe wake u‐Benjamine entanyeni, walila; no‐Benjamine walila entanyeni yake. 15Wasuka wanga bonke abakuluwe bake, walila pezu kwabo; nasemveni kwoko abakuluwe bake bateta naye.
16Kwati kwakuvakala iṙeto endlwini ka‐Faro, lisiti: Bafikile abakuluwe baka‐Josefe; kwakulungile emehlweni ka‐Faro, nasemehlweni azo izicaka zake. 17Waza wati u‐Faro ku‐Josefe: Uti kubakuluwe bako: Kwenzeni oku; twesani amaqegu enu, nihambe, niye ezweni le‐Kanane; 18nitabate uyihlo nabezindlu zenu, nize kum; ndiya kunipa ubumnandi belizwe le‐Jipete, naniya kutya ubunqata belilizwe. 19Kekaloku wena uyayalelwa: yenzani oku; zitabateleni kwa sezweni le‐Jipete inqwelo zibe zezabantwana benu, nezabafazi benu, nimtwale uyihlo, nize ke. 20Kanjalo ningakataleli impahla yenu; ngokuba ubumnandi balo lonke ilizwe le‐Jipete bubobenu bona. 21Benje njalo ke onyana baka‐Sirayeli: waye u‐Josefe wabanika inqwelo ngezwi lika‐Faro; wabanika nompako wendlela. 22Bonke wabanika, abanye ngabanye, izivato zokuguqulelana; kodwa u‐Benjamine wamnika ishekele ezimakulu matatu zesilivere, nezivato zokuguqulelana ezihlanu. 23Noyise watuma kuye njengokunje; kwa ishumi lamaqwaṙashe etwele okwobumnandi base‐Jipete, neshumi lamaqwaṙashekazi etwele inqolowa, nesonka, nokutya kube kokwoyise endleleni. 24Waza wabandulula abakuluwe bake; basuka bemka; wayesiti kubo: Ningabi navuso endleleni.
25Baye benyuka e‐Jipete, beza ezweni le‐Kanane ku‐Yakobi uyise wabo; 26bashumayela kuye, besiti: U‐Josefe usahleli, kanjalo nguye ongumpati pezu kwalo lonke ilizwe le‐Jipete. Yaza intliziyo yake yawa, ngokuba engakolwanga ngabo. 27Kodwa bakuba bemtetele onke amazwi ka‐Josefe, abewatetile kubo, nokuba wabona inqwelo u‐Josefe wabezitumele ukumtwala, wandula umoyaka‐Yakobi uyise wabo wabuya wapila. 28Waza wati u‐Sirayeli: Kwanele; u‐Josefe unyana wam usahleli; ndoya ndimbone ndingekabubi.

Iliyochaguliwa sasa

I‐Genesise 45: XHO1902A

Kuonyesha

Shirikisha

Nakili

None

Je, ungependa vivutio vyako vihifadhiwe kwenye vifaa vyako vyote? Jisajili au ingia