Chapa ya Youversion
Ikoni ya Utafutaji

I‐Genesise 47

47
1Wandula ukuza u‐Josefe washumayela ku‐Faro, wati: Bafikile ubawo nabakuluwe bam, negusha zabo, nenkomo zabo, nako konke abanako, bevela elizweni le‐Kanane; bona ke, basezweni le‐Goshene. 2Waya watabata kubo bonke abazalwana bake amadoda amahlanu, wawamisa ebusweni buka‐Faro. 3Waza u‐Faro wati kubazalwana bake: Yinto nina umsebenzi wenu? Bati ku‐Faro: Izicaka zako zingabalusi begusha, kwa tina, nobawo betu nabo. 4Babuya bati ku‐Faro: Size ukuza kupambukela kwelilizwe; ngokuba kungeko dlelo legusha ezinalo izicaka zako, indlala inzima nje elizweni le‐Kanane: maziti ke ngoko izicaka zako zihlale ezweni le‐Goshene.
5Wayesitsho u‐Faro ku‐Josefe ukuti: Uyihlo nabazalwana bako bafikile kuwe; 6ilizwe le‐Jipete lipambi kwako lona; kwelungileyo indawo yelizwe bahlalise uyihlo nabazalwana bako: mabahlale ezweni le‐Goshene: kanjalo ukuba uyazi okokuba kuko pakati kwabo amadoda omeleleyo, wandule uwenze abe ngabapati pezu kwenkomo zam.
7Waye u‐Josefe wamngenisa u‐Yakobi uyise, wammisa ebusweni buka‐Faro; waza u‐Yakobi wamtamsanqela u‐Faro. 8Wayesiti u‐Faro ku‐Yakobi: Mingapina imihla yeminyaka yokudla kwako ubomi? 9Wati u‐Yakobi ku‐Faro: Imihla yeminyaka yokupambukela kwam yiminyaka elikulu linamashumi matatu; ibe yemincinane nebububi imihla yeminyaka yokudla kwam ubomi, ndandingafikelelanga kuyo imihla yeminyaka yokudla ubomi kwobawo emihleni yokupambukela kwabo. 10Waza u‐Yakobi wamtamsanqela u‐Faro, wapuma ebusweni buka‐Faro.
11Waye u‐Josefe wahlalisa uyise nabazalwana bake, wabanika imfuyo yomhlaba elizweni le‐Jipete, kwelungileyo indawo yelizwe, elizweni le‐Ramesese, njengokuxela kuka‐Faro. 12Waza u‐Josefe wabafunzela uyise, nabazalwana bake, nabo bonke abendlu kayise, ngesonka esilingene nentsapo.
13KWAYE kungeko sonka kulo lonke ilizwe; ngokuba indlala ibinzima kakulu, lada lacubuka ilizwe le‐Jipete nelizwe le‐Kanane ngenxa yendlala. 14Waza u‐Josefe wabuta yonke imali ebifunyanwa elizweni le‐Jipete, naselizweni le‐Kanane, ngenxa yenqolowa abayitengayo; waye u‐Josefe wangenisa imali leyo endlwini ka‐Faro. 15Kekaloku yakugqibeka imali elizweni le‐Jipete, naselizweni le‐Kanane, andula eza onke ama‐Jipete ku‐Josefe, esiti: Sipe isonka; kunganina ke ukuba sibube ebusweni bako? ngokuba ipelile imali. 16Wayesiti u‐Josefe: Yipani inkomo zenu, ndandiya kuninika ngenxa yenkomo zenu, ukuba imali ipelile. 17Aza azisa inkomo zawo ku‐Josefe; wati u‐Josefe wawanika isonka ngenxa yamahashe, nangenxa yenkomo ezincinane, nangenxa yenkomo ezinkulu, nangenxa yamaqwaṙashe: wandula wawaxasa ngesonka ngenxa yazo zonke inkomo zawo ngalomnyaka.
18Kwati kwakugqitywa umnyaka lowo, abuya eza kuye ngowesibini umnyaka, ati kuye: Asiyi kukufihla enkosini yam, okokuba isel’ igqibekile imali; kanjalo imfuyo yetu yenkomo ibohlele enkosini yam: akuko nto eseleyo ebusweni benkosi yam, kupela yimizimba yetu, nemihlaba yetu: 19kunganina ukuba sibube pambi kwamehlo ako, kwa tina nomhlaba wetu? sitenge tina nawo umhlaba wetu ngesonka; sasiya kuti tina, nomhlaba wetu, sibe zizicaka ku‐Faro; uze unike imbewu, ukuba sidle ubomi, singafi nokufa, nokuba umhlaba ungatshabalali. 20Waza u‐Josefe wamtengela u‐Faro wonke umhlaba wase‐Jipete: ngokuba ama‐Jipete ebetengisile ngamasimi awo amanye ngamanye, ngokokuba indlala ibinamandla pezu kwawo; wada umhlaba lowo waba ngoka‐Faro. 21Nabo abantu, wabafudusela ezixekweni, kwa kwenye incam yemida yase‐Jipete kwada kwakwenye incam yayo. 22Kupela umhlaba wabaperisite ebengawutengi: ngokuba abaperisite bebenesahlulelwa sivela ku‐Faro, abatyayo isahlulelwa sabo ababesipiwe ngu‐Faro; kukona babengatengisi ngomhlaba wabo. 23Wandula wati u‐Josefe ebantwini: Bona ke, senditengele u‐Faro namhla nje nina nomhlaba wenu: kekaloku nantsi imbewu kuni, ukuba nihlwayele umhlaba. 24Kwakuya kuti ekuveliseni, esesihlanu isahlulo niya kusinikela u‐Faro, nezahlulo zizine zoba zezenu, zibe zezembewu yentsimi, nezokutya kwenu, nezokwabo basezindlwini zenu, nezokutya kwentsapo zenu. 25Baye besiti: Ulondolozile ubomi betu; makesifumane ufefe emehlweni enkosi yam, sasiya kuba zizicaka ku‐Faro. 26Waza u‐Josefe wamisa oku kube ngumteto kwada kwanamhla pezu kwomhlaba wase‐Jipete, ukuba u‐Faro abe nesesihlanu isahlulo; kupela ngumhlaba wabaperisite bodwa obe ungengoka‐Faro.
27KWA njalo wahlala u‐Sirayeli elizweni le‐Jipete, elizweni le‐Goshene: bada bazuza imfuyo kulo, bacuma, banda nokwanda kakulu. 28Waye u‐Yakobi wahlala ezweni le‐Jipete iminyaka yalishumi linesixe̔nxe; yaza imihla ka‐Yakobi, iminyaka yokudla kwake ubomi, yaba likulu leminyaka linamashumi mane anesixe̔nxe. 29Yada yasondela imihla ka‐Sirayeli yokuba abube; waza wabiza unyana wake u‐Josefe, wati kuye: Ukuba ke sendifumene ufefe emehlweni ako, kaubeke isandla sako ngapantsi kwetanga lam, undenzele ububele nenyaniso: zungandincw̔abi e‐Jipete; 30koko ndiya kulala nobawo bam, wauya kundisusa e‐Jipete, undincw̔abe encw̔abeni labo. Wayesiti: Ndiya kwenza njengelizwi lako. 31Waza wati: Ndifungele. Wamfungela ke. Waza u‐Sirayeli wazitoba pezu kwentloko yawo umandlalo.

Iliyochaguliwa sasa

I‐Genesise 47: XHO1902A

Kuonyesha

Shirikisha

Nakili

None

Je, ungependa vivutio vyako vihifadhiwe kwenye vifaa vyako vyote? Jisajili au ingia