Chapa ya Youversion
Ikoni ya Utafutaji

I‐Genesise 7

7
1Wada wati uyehova ku‐Nowa: Ngena wena nayo yonke indlu yako enqanaweni; ngokuba wena ndikubonile ulungile ebusweni bam kwesisizukulwana. 2Kuzo zonke izilo ezicocekileyo wotabatela kuwe ngesixe̔nxe ngesixe̔nxe, inkunzi nemazi yayo; kodwa kuzo izilo ezingacocekileyo wotabata ngazibini, inkunzi nemazi yayo. 3Nakwintaka zezulu wotabata ngesixe̔nxe ngesixe̔nxe, inkunzi nemazi yayo; kuze kupiliswe inzalo ebusweni bomhlaba wonke. 4Ngokuba kusentsuku zisixe̔nxe, ndandiya kunisa imvula pezu kwomhlaba, imini zibe mashumi mane, nobusuku bube mashumi mane; nako konke okuhleliyo, endandikwenzile, ndiya kukucita ebusweni bomhlaba wonke.
5Waza u‐Nowa wenza njengoko konke abemyalele ngako uyehova.
6Kekaloku u‐Nowa ebeyiminyaka yamakulu matandatu ubudala bake, wakubako umsingakazi wamanzi pezu kwomhlaba. 7Wandula wangena u‐Nowa, nonyana bake, nomfazi wake, nabafazi bonyana bake kunye naye, enqanaweni, ngenxa yamanzi awo umsingakazi. 8Kwizilo ezicocekileyo, nakwizilo ezingezizo ezicocekileyo, nakuzo intaka nazo zonke izinto ezinambuzelayo emhlabeni, 9kwangenwa ngambini ngambini ukuza ku‐Nowa enqanaweni, inkunzi nemazi yayo, kwa njengokuba utixo ebemyalele u‐Nowa. 10Kwaza kwati, emveni kwezontsuku zisixe̔nxe, abako amanzi omsingakazi pezu kwomhlaba.
11NGOMNYAKA wamakulu matandatu wokudla ubomi kuka‐Nowa, ngenyanga yesibini, ngoweshumi linesixe̔nxe umhla wenyanga, kwa ngomhla lowo yonke imitombo yayo inzulu enkulu yanqikwa, nezituba zezulu zavuleka. 12Yaibe imvula ibako emhlabeni imini zamashumi mane nobusuku bamashumi mane. 13Ngokwa nguwo lomhla wangena u‐Nowa, no‐Sheme, no‐Hame, no‐Jafete, onyana baka‐Nowa, nomfazi ka‐Nowa, nabafazi bobatatu bonyana bake kunye nabo, enqanaweni: 14kwa bona, nazo zonke izilo ngemmilo yazo, nazo zonke inkomo ngemmilo yazo, nazo zonke izinambuzane ezinambuzelayo pezu kwomhlaba ngemmilo yazo, nazo zonke intaka ngemmilo yazo, zonke intakana zamapiko onke. 15Zaye zingena ku‐Nowa enqanaweni ngambini ngambini, kwinyama yonke ekukuyo umoya wobomi. 16Zati ezo ezazingena, zangena ziyinkunzi nemazi kuyo yonke inyama, njengokuba utixo ebemyalele. Waza uyehova wamvalela.
17Kekaloku umsingakazi wayimihla yamashumi mane pezu kwomhlaba; ati ke amanzi anda, afunqula inqanawa, yada yapakamela pezulu pezu kwomhlaba. 18Aza amanzi eyisa, anda nokwanda kakulu pezu kwomhlaba; yaye inqanawa ihamba ebusweni bamanzi. 19Ada akolisa amanzi ukweyisa kunene, zaza zagujungelwa zonke intaba ezinde ezipantsi kwezulu lonke. 20Amanzi eyisela ngapezulu ikubite zalishumi linantlanu; zaye zigujungelwa nentaba.
21Yabuba yonke inyama ebishukuma emhlabeni, eyentaka, eyenkomo, eyezilo, neyazo zonke izinambuzane ezinambuzelayo pezu kwomhlaba; nabo bonke abantu: 22konke okumpumlo zazinokupefumla kwomoya wobomi, kuko konke okube kusemhlabeni owomileyo, kwafa. 23Kwaye kucitwa konke okuhleliyo, oko kube kusebusweni bomhlaba, kwa abantu, nenkomo, nezinambuzane, nentaka zezulu; zacitwa emhlabeni: kwaye kusala u‐Nowa yedwa, nabo babenaye enqanaweni. 24Ati amanzi eyisa pezu kwomhlaba, imihla yalikulu elinamashumi mahlanu.

Iliyochaguliwa sasa

I‐Genesise 7: XHO1902A

Kuonyesha

Shirikisha

Nakili

None

Je, ungependa vivutio vyako vihifadhiwe kwenye vifaa vyako vyote? Jisajili au ingia