Chapa ya Youversion
Ikoni ya Utafutaji

I‐Levitikusi 6

6
1Wateta uyehova kanjalo ku‐Mosesi, esiti: 2Ukuba umntu uyona, agqite ngesigqito ngakuye uyehova, amxokise ummelwane wake ngento enikelwe ekugcineni kwake, umhlaumbi ngento ebekelwe kuye, umhlaumbi ngento epangiweyo; ati umhlaumbi amlumkise ummelwane wake, 3umhlaumbi afumane into elahlekileyo, aze axoke ngayo, afunge ngobuxoki; kwenye yezizinto zonke azenzayo umntu, esona ngazo; 4kwoti ke, ngokuba onile, enetyala nje, wobuyisa lonto epangiweyo owayipangayo, umhlaumbi lonzuzo ingalungileyo walumkisa ngayo, umhlaumbi lonto yokugcinelwa ebinikelwa ekugcineni kwake, umhlaumbi lonto ilahlekileyo owayifumanayo, 5umhlaumbi enye into kuko konke asukuba efungile pezu kwako ngobuxoki; wobuyekezela yona ngenani layo, nesesihlanu isiqingata salo wosongeza pezu kwalo; kulowo into iyeyake woyinika ngomhla wetyala lake. 6Waeya kuzisela ityala lake kuyehova, inkunzi yegusha emsulwa ivela emhlambini, njengokulinganisa kwako, ibe lidini letyala, kumperisite; 7woti umperisite amenzele uxoliso ebusweni bukayehova, kwakuya kumxolelwa pezu kwenye into kuko konke asukuba ekwenzile anetyala ngayo.
8WABUYA wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 9Yalela u‐Arone nonyana bake, ngokuti: Nguwo lo umteto wedini lokutshiswa: lidini lokutshiswa lona, ngenxa yokuvuta pezu kwesibingelo bonke ubusuku kude kuse, ngokuba umlilo wesibingelo uya kuhlala uvuta kuso. 10Woti umperisite ayambate ingubo yake yeqiya, nebrukwe yeqiya ayambate pezu kwenyama yake, aze asuse ututu, oko umlilo seugqibele idini lokutshiswa pezu kwesibingelo, alubeke ngasecaleni lesibingelo. 11Andule atule izivato zake, ambate izivato zimbi, apume notutu olo ukuya ngapandle kwomnquba, endaweni emhlope. 12Waye umlilo esibingelweni uya kuhlala uvuta kuso; awusayi kucinywa; umperisite uya kupemba inkuni pezu kwawo imiso ngemiso, acwangcise nedini lokutshiswa pezu kwawo; waeya kutshisa pezu kwawo inqata leminikelo yoxolo. 13Umlilo womana uvuta futi esibingelweni; awusayi kucinywa.
14Kanjalo nguwo lo umteto womnikelo wokudla: wona omnye wonyana baka‐Arone wowunikela ebusweni bukayehova, ngapambi kwesibingelo. 15Waeya kususa kuwo ngento ezalisa isandla sake, kwa kuwo umgubo ocolekileyo womnikelo wokudla, nakuyo ioli yawo, nayo yonke intlakamhlope epezu kwawo umnikelo wokudla; andule atshise pezu kwesibingelo, libe livumba elimnandi, isikunjuzelwa sawo, kuyehova. 16Nokuseleyo kuwo baya kukudla u‐Arone nonyana bake: kwotyiwa kungenagwele endaweni eyingcwele; ebaleni lentente yentlangano baya kukudla. 17Akuyi kwojwa kubilisiwe: kusisabelwa sabo endibanikile sona, kuyo iminikelo yam eyenziwa ngomlilo; kuyinto eyingcwelekazi, njengedini lesono, nanjengedini letyala. 18Konke okubudoda pakati kwabantwana baka‐Arone kuya kukutya. Ngummiselwa ongunapakade ezizukulwaneni zenu ngayo iminikelo eyenziwa ngomlilo kayehova: konke okuyicukumisayo kwoba kungcwele.
19Waye uyehova wateta ku‐Mosesi, esiti: 20Nguwo lo umnikelo ka‐Arone nonyana bake, abaya kunikela ngawo kuyehova ngomhla wokutanjiswa kwake: eseshumi isiqingata seyefa yomgubo ocolekileyo, ube ngumnikelo wokudla ofuti; esinye isiqingata sawo kwakusa, nesinye isiqingata sawo kwakuhlwa. 21Pezu kwokamba uya kwenziwa ngeoli; unyakanyisiwe uya kuwuzisa; namaqezu ojiweyo omnikelo wokudla uya kunikela wona abe livumba elimnandi kuyehova. 22Umperisite otanjisiweyo esikundleni sake konyana bake wowunikela: ngummiselwa ongunapakade kuyehova; wogqityelwa ukutshiswa. 23Ngokuba yonke iminikelo yokudla yomperisite iya kugqityelwa ukutshiswa; ayisayi kutyiwa.
24Wati kanjalo uyehova ku‐Mosesi, esiti: 25Teta ku‐Arone nakonyana bake, usiti: Nguwo lo umteto wedini lesono: endaweni apo kuxe̔lwayo idini lokutshiswa, liya kuxe̔lwa kona idini lesono ebusweni bukayehova: liyinto eyingcwelekazi lona. 26Umperisite olinikelayo ngenxa yesono uya kulidla; kweyingcwele indawo liya kudliwa, ebaleni lentente yentlangano. 27Konke okuyicukumisayo inyama yalo kwoba kungcwele: naxeshekweni kufefiwe ngegazi lalo pezu kwesivato, lonto kwafefwa pezu kwayo woyihlanza endaweni eyingcwele: 28kodwa into yodongwe lipekiwe kuyo iya kuqekezwa; ukuba kanti lipekiwe entweni yexina, iya kuhlanjululwa yona, iyalazwe ngamanzi. 29Konke okubudoda pakati kwabaperisite kuya kulidla: liyinto eyingcwelekazi lona. 30Kodwa onke amadini esono, ekuziswa inxenye yegazi lawo ententeni yentlangano, kuze kuxoliswe kweyingcwele indawo, wona akasayi kudliwa; aya kutshiswa ngomlilo.

Iliyochaguliwa sasa

I‐Levitikusi 6: XHO1902A

Kuonyesha

Shirikisha

Nakili

None

Je, ungependa vivutio vyako vihifadhiwe kwenye vifaa vyako vyote? Jisajili au ingia