1
ULUKA 13:24
IZIBHALO EZINGCWELE
Uthe ke yena kubo, Zamani ukungena ngesango elimxinwa; ngokuba ndithi kuni, baninzi abaya kufuna ukungena, bakhohlwe.
ஒப்பீடு
ULUKA 13:24 ஆராயுங்கள்
2
ULUKA 13:11-12
Kwabonakala kukho ntokazi ibinomoya wobulwelwe iminyaka elishumi elinesibhozo; yaye igobile, ingenako kanye ukuziphakamisa. Eyibonile ke uYesu, wayibiza wathi kuyo, Ntokazindini, khululeka ebulwelweni bakho.
ULUKA 13:11-12 ஆராயுங்கள்
3
ULUKA 13:13
Wayibeka ke izandla; yoluka kwangoko, yazukisa uThixo.
ULUKA 13:13 ஆராயுங்கள்
4
ULUKA 13:30
Yabonani, bakho abokugqibela abaya kuba ngabokuqala; bakho nabokuqala abaya kuba ngabokugqibela.
ULUKA 13:30 ஆராயுங்கள்
5
ULUKA 13:25
Xa selethe wavuka umninindlu, waluvala ucango, naza naqala ukuma ngaphandle, nokunkqonkqoza elucangweni, nisithi, Nkosi, nkosi, sivulele: úya kuza aphendule athi kuni, Andinazi apho nivela khona.
ULUKA 13:25 ஆராயுங்கள்
6
ULUKA 13:5
Ndithi kuni, Hayi; nòthi, xa sukuba ningaguquki, nitshabalale kwangokunjalo nonke.
ULUKA 13:5 ஆராயுங்கள்
7
ULUKA 13:27
Athi, Ndithi kuni, andinazi apho nivela khona; mkani kum, nina nonke basébenzi bokungalungileyo.
ULUKA 13:27 ஆராயுங்கள்
8
ULUKA 13:18-19
Wayesithi ke, Bufana nantoni na ubukumkani bukaThixo? Ndiya kubufanisa nantoni na? Bufana nokhozo lwemostade, awaluthabathayo umntu, waluphosa emyezweni wakhe; lwahluma lwaba ngumthi omkhulu, zathi iintaka zezulu zahlala emasebeni awo.
ULUKA 13:18-19 ஆராயுங்கள்
முகப்பு
வேதாகமம்
வாசிப்புத் திட்டங்கள்
காணொளிகள்