1
ULUKA 9:23
IZIBHALO EZINGCWELE
Wayesithi ke kubo bonke, Ukuba ubani uthanda ukundilandela, makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe imihla ngemihla, andilandele ke.
ஒப்பீடு
ULUKA 9:23 ஆராயுங்கள்
2
ULUKA 9:24
Ngokuba osukuba ethanda ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; ke othe wawulahla umphefumlo wakhe ngenxa yam, wowusindisa lowo.
ULUKA 9:24 ஆராயுங்கள்
3
ULUKA 9:62
Uthe ke uYesu kuye, Akukho namnye usibekileyo isandla sakhe epuluweni, abe emana ekhangela kokusemva, ubulungeleyo ubukumkani bukaThixo.
ULUKA 9:62 ஆராயுங்கள்
4
ULUKA 9:25
Kuba kumnceda ntoni na umntu ukuthi azuze ihlabathi liphela, abe ke ezilahlile, mhlawumbi ezonakalisile?
ULUKA 9:25 ஆராயுங்கள்
5
ULUKA 9:26
Kuba othe waneentloni ngam, nangawo amazwi am, uNyana woMntu woba neentloni ngaye lowo, xa athe weza esebuqaqawulini bakhe, nobukaYise, nobezithunywa ezingcwele.
ULUKA 9:26 ஆராயுங்கள்
6
ULUKA 9:58
Waza uYesu wathi kuye, Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zezulu zineendawo zokuhlala; ke yena uNyana woMntu akanayo nendawo angalalisa kuyo intloko yakhe.
ULUKA 9:58 ஆராயுங்கள்
7
ULUKA 9:48
Wathi kubo, Othe wamamkela lo mntwanana egameni lam, wamkela mna; nothe wamkela mna, wamkela lowo wandithumayo. Kuba lowo umncinane phakathi kwenu nonke, ngoyena mkhulu.
ULUKA 9:48 ஆராயுங்கள்
முகப்பு
வேதாகமம்
வாசிப்புத் திட்டங்கள்
காணொளிகள்