1
IGENESIS 37:5
IZIBHALO EZINGCWELE
UYosefu waphupha iphupha, wabaxelela abakhuluwa bakhe; kwaba kukhona bamthiyayo.
Thelekisa
Phonononga IGENESIS 37:5
2
IGENESIS 37:3
USirayeli wayemthanda uYosefu ngaphezu kwabo bonke oonyana bakhe, ngokuba ebengunyana wokwaluphala kwakhe; yena wamenzela ke ingubo ende enemikhono.
Phonononga IGENESIS 37:3
3
IGENESIS 37:4
Abakhuluwa bakhe babona ukuba uyise umthanda ngaphezu kwabo bonke, bamthiya, ababa nakuthetha naye bexolile.
Phonononga IGENESIS 37:4
4
IGENESIS 37:9
Wabuya waphupha elinye iphupha, walixela kubakhuluwa bakhe, wathi, Yabonani, ndibuye ndaphupha iphupha; ndiphuphé ilanga nenyanga neenkwenkwezi ezilushumi elinanye ziqubuda kum.
Phonononga IGENESIS 37:9
5
IGENESIS 37:11
Abakhuluwa bakhe bammonela, ke yena uyise waligcina eli lizwi.
Phonononga IGENESIS 37:11
6
IGENESIS 37:6-7
Wathi kubo, Khanilive eli phupha ndiliphuphileyo. Yabonani, besibopha izithungu entsimini phakathi; saza isithungu sam sesuka sema; zaza izithungu zenu zasingqonga, zaqubuda kwisithungu sam.
Phonononga IGENESIS 37:6-7
7
IGENESIS 37:20
Yizani ke ngoko, simbulale, simphose komnye wemihadi, sithi, Udliwe lirhamncwa, size sibone ukuba amaphupha akhe oba yintoni na.
Phonononga IGENESIS 37:20
8
IGENESIS 37:28
Adlula amaMidiyan lawo angabarhwebi; bamrhola, bamkhupha uYosefu emhadini, bathengisa ngoYosefu kumaIshmayeli ngeesilivere ezimashumi mabini; amsa uYosefu eYiputa.
Phonononga IGENESIS 37:28
9
IGENESIS 37:19
Bathetha omnye komnye besithi, Nanko lo mphuphi esiza.
Phonononga IGENESIS 37:19
10
IGENESIS 37:18
Bambona ke esekude, engekasondeli kubo, benza iyelenqe lokumbulala.
Phonononga IGENESIS 37:18
11
IGENESIS 37:22
Wathi uRhubhen kubo, Musani ukuphalaza gazi; mphoseni kulo mhadi usentlango; musani ukumsa sandla. Watsho, ukuze amhlangule esandleni sabo, ambuyisele kuyise.
Phonononga IGENESIS 37:22
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo