1
UISAYA 6:8
IZIBHALO EZINGCWELE
Ndeva izwi leNkosi, lisithi, Ndothuma bani na? Ngubani na owosiyèla?
Thelekisa
Phonononga UISAYA 6:8
2
UISAYA 6:3
Iyileyo indanduluke kuleyo isithi. Úyingcwele, ùyingcwele, ùyingcwele uYehova wemikhosi; buzalise ihlabathi lonke ubuqaqawuli bakhe.
Phonononga UISAYA 6:3
3
UISAYA 6:5
Ndathi, Athi ke mna! Ngokuba ndithe shwaka, ngokuba ndiyindoda emlomo uyinqambi; ndihleli phakathi kwabantu abamilomo iyinqambi; ngokuba amehlo am aboné ukumkani, uYehova wemikhosi.
Phonononga UISAYA 6:5
4
UISAYA 6:1
Ngomnyaka wokufa kokumkani u-Uziya, ndayibona iNkosi ihleli etroneni ende enyukileyo; amasondo eengubo zayo ezirholayo azalisa itempile.
Phonononga UISAYA 6:1
5
UISAYA 6:7
yalifikisa emlonyeni wam, yathi, Yabona, eli lahle lifikile nje emlonyeni wakho, bususiwe ubugwenxa bakho, nesono sakho sicanyagushelwe.
Phonononga UISAYA 6:7
6
UISAYA 6:2
Kumi iiserafi• ngaphezu kwayo, iyileyo inamaphiko amathandathu, ngamabini ifihle ubuso bayo, ngamabini ifihle iinyawo zayo, ngamabini iphaphazela.
Phonononga UISAYA 6:2
7
UISAYA 6:6
Yaphaphazela yeza kum enye yeeserafi, iphethe ilahle elivuthayo, elithabathe ngesithabatho esibingelelweni
Phonononga UISAYA 6:6
8
UISAYA 6:9
Ndathi, Ndikho, thuma mna. Yathi, Yiya, uthi kubo aba bantu, Yivani, ukuva oku niya kuva, ningaqondi; qiqani, ukubona oku niya kubona, ningaqiqi.
Phonononga UISAYA 6:9
9
UISAYA 6:10
Yityebise intliziyo yaba bantu, neendlebe zabo zénze zithi nkqi, namehlo abo uwavingce; hleze babone ngamehlo abo, beve ngeendlebe zabo, baqonde ngentliziyo yabo, babuye, baze baphiliswe.
Phonononga UISAYA 6:10
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo