1
EKAYAKOBI 1:2-3
IZIBHALO EZINGCWELE
Kubaleleni ekuthini kuluvuyo olukhulu, bazalwana bam, xa nithe nagaxeleka ezilingweni ngezilingo, nisazi nje ukuba ucikido lokholo lwenu lusebenza umonde.
Thelekisa
Phonononga EKAYAKOBI 1:2-3
2
EKAYAKOBI 1:5
Ukuba ke ubani kuni uswele ubulumko, makacele kuThixo, onika bonke engenakumbi, engangcikivi; wobunikwa.
Phonononga EKAYAKOBI 1:5
3
EKAYAKOBI 1:19
Ngoko ke, bazalwana bam baziintánda, makathi umntu wonke enze msinya ukuva, enze kade ukuthetha, enze kade ukuqumba
Phonononga EKAYAKOBI 1:19
4
EKAYAKOBI 1:4
Umonde ke mawube nomsebenzi ozalisekileyo, ukuze nibe ngabazalisekileyo, abagqibeleleyo, ningaswele nto.
Phonononga EKAYAKOBI 1:4
5
EKAYAKOBI 1:22
Yibani ke ngabenzi belizwi, ningabi ngabaphulaphuli kodwa, nizidephisela.
Phonononga EKAYAKOBI 1:22
6
EKAYAKOBI 1:12
Inoyolo indoda ekunyamezelayo ukulingwa; ngokuba yothi, yakuba icikidekile, isamkele isithsaba sobomi, ebabeke ngedinga iNkosi abo bayithandayo.
Phonononga EKAYAKOBI 1:12
7
EKAYAKOBI 1:17
Sonke isipho esilungileyo, naso sonke isipho esigqibeleleyo, sesaphezulu; síhla sivela kuye uYise wezikhanyiso, ongenabuyambo nasithunzi sakujika.
Phonononga EKAYAKOBI 1:17
8
EKAYAKOBI 1:23-24
Ngokuba umntu, ukuba ungumphulaphuli nje welizwi, engemenzi walo, lowo ufana nendoda eqiqa ubuso bayo bobuntu esipilini; kuba iyaziqiqa, imke, ilibale kwaoko ukuba ibinjani na.
Phonononga EKAYAKOBI 1:23-24
9
EKAYAKOBI 1:27
Unqulo lona oluhlambulukileyo, olungadyobhekileyo phambi koThixo uBawo, lulo olu: kukuvelela iinkedama nabahlolokazi embandezelweni yabo; kukuzigcina engenabala kulo ihlabathi.
Phonononga EKAYAKOBI 1:27
10
EKAYAKOBI 1:13-14
Makungabikho namnye utshoyo akùhendwa ukuthi, Ndihendwa kwaThixo; kuba uThixo akanakuhendeka kokubi, akahendi namnye ke yena. Elowo ke uhendwa akutsalwa, abanjiswe, yeyakhe inkanuko.
Phonononga EKAYAKOBI 1:13-14
11
EKAYAKOBI 1:9
Ke umzalwana othobekileyo makaqhayise ngako ukuphakama kwakhe
Phonononga EKAYAKOBI 1:9
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo