1
UMARKO 4:39-40
IZIBHALO EZINGCWELE
Wavuka, wawukhalimela umoya, wathi kulo ulwandle, Hlala uthi tu, uthi cwaka! Wadamba umoya, kwabakho ukuzola okukhulu. Wathi kubo, Yini na ukuba nibe nje, ukuba ngamagwala? Kutheni na, le nto ningenalukholo?
Thelekisa
Phonononga UMARKO 4:39-40
2
UMARKO 4:41
Boyika ngoloyiko olukhulu, batshono ukuthi, Ngubani na ke lo, le nto alulanyelwa nangumoya nalulwandle?
Phonononga UMARKO 4:41
3
UMARKO 4:38
Waye yena esesinqeni somkhombe, elele ubuthongo phezu komqamelo; bamvuse, bathi kuye, Mfundisi, akukhathali na, sitshabalala nje?
Phonononga UMARKO 4:38
4
UMARKO 4:24
Wayesithi kubo, Yilumkeleni into eniyivayo; umlinganiselo enilinganisela ngawo, niya kulinganiselwa ngawo nani, kongezwe kuni nina nivayo.
Phonononga UMARKO 4:24
5
UMARKO 4:26-27
Wayesithi, Ubukumkani bukaThixo bunjengokuba abengathi umntu aphose imbewu emhlabeni; aze alale, avuke, ubusuku nemini, ibe imbewu intshula ikhula ngohlobo angalwaziyo.
Phonononga UMARKO 4:26-27
6
UMARKO 4:23
Ukuba ubani uneendlebe zokuva, makeve.
Phonononga UMARKO 4:23
Home
Bible
Plans
Videos