1
UMARKO 9:23
IZIBHALO EZINGCWELE
Wathi ke uYesu kuye, Ewe, ukuba unokukholwa! Zonke izinto zinokwenzeka kuye okholwayo.
Thelekisa
Phonononga UMARKO 9:23
2
UMARKO 9:24
Wakhala kwaoko uyise womntwana lowo, wathi eneenyembezi, Ndiyakholwa, Nkosi; síza, ususe ukungakholwa kwam.
Phonononga UMARKO 9:24
3
UMARKO 9:28-29
Eye kungena endlwini, bambuza abafundi bakhe ngasese, besithi, Yayiyini na ukuba singabi nako ukuwukhupha thina? Wathi kubo, Olu lona uhlobo alunako ukuphuma nganto, kungengako ukuthandaza nokuzila ukudla.
Phonononga UMARKO 9:28-29
4
UMARKO 9:50
Ityuwa ilungile yona; ke ukuba ithe ityuwa ayaba nabutyuwa, noyivakalisa ngantoni na? Yibani netyuwa phakathi kwenu, nihlale ninoxolo omnye komnye.
Phonononga UMARKO 9:50
5
UMARKO 9:37
Othe wamkela noko amnye wabantwana abanje, egameni lam, wamkela mna; nothe wamkela mna, akamkeli mna, wamkela lowo wandithumayo.
Phonononga UMARKO 9:37
6
UMARKO 9:41
Kuba othe waniseza nendebe le yamanzi egameni lam, ngokuba ningabakaKristu,• inene ndithi kuni, akasayi kuphulukana nomvuzo wakhe.
Phonononga UMARKO 9:41
7
UMARKO 9:42
Nothe wakhubekisa noko amnye wabancinane abakholwayo kum, ngekumlungele kanye ukuba ubegangxwe ilitye lokusila entanyeni yakhe, waphoswa elwandle.
Phonononga UMARKO 9:42
8
UMARKO 9:47
Nokuba iliso lakho lithe lakukhubekisa, likhuphe lona; kukulungele kanye ukungena ebukumkanini bukaThixo unaliso linye, kunokuba uthi, unamehlo amabini, uphoswe esihogweni somlilo
Phonononga UMARKO 9:47
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo