1
2 KWABASEKORINTE 1:3-4
IBHAYIBHILE
Makabongwe uThixo, uyise weNkosi yethu uYesu Krestu, uBawo uSozinceba, uThixo umthombo wentuthuzelo. Yena uyasithuthuzela ezimbandezelweni zethu zonke, ukuze nathi sikwazi ukubathuthuzela abanye kwangaloo ntuthuzelo ivela kuye.
Thelekisa
Phonononga 2 KWABASEKORINTE 1:3-4
2
2 KWABASEKORINTE 1:5
Njengoko ziphuphumela kuthi iimbandezelo zikaKrestu, ngokunjalo ke, kwangaye uKrestu, iphuphumela kuni nentuthuzelo yethu.
Phonononga 2 KWABASEKORINTE 1:5
3
2 KWABASEKORINTE 1:9
Sasesilibona lijinga phezu kwethu ithunzi lokufa. Loo nto yasifundisa ukuthembela kuThixo ovusa abafileyo, singazithembi thina.
Phonononga 2 KWABASEKORINTE 1:9
4
2 KWABASEKORINTE 1:21-22-21-22
NguThixo osizimasileyo thina nani ngokusimanya noKrestu. Ewe, nguThixo ngokwakhe osiphawuleyo wasithambisa ngoMoya oyiNgcwele ohleli kuthi osisiqinisekiso sezinto ezizayo.
Phonononga 2 KWABASEKORINTE 1:21-22-21-22
5
2 KWABASEKORINTE 1:6
Xa sukuba thina sisiva ubunzima, loo nto ibangela ukuba nikhuthale, nto leyo iphelela elusindisweni. Naxa sukuba thina sithuthuzelwa, siyancedwa ukuze sikwazi ukunithuthuzela, khon' ukuze nizithwale ngomonde iimbandezelo ezifana nezethu.
Phonononga 2 KWABASEKORINTE 1:6
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo