1
2 YOOKUMKANI 2:9
IBHAYIBHILE
Besakuba bewelile ke, uEliya ubuze kuElisha wathi: “Khawutsho, yintoni ofuna ndikwenzele yona phambi kokuba ndahlukaniswe nawe?” UElisha waphendula wathi: “Mandizuze isabelo esiphindiweyo somoya wakho, sibe lilifa lam.”
Thelekisa
Phonononga 2 YOOKUMKANI 2:9
2
2 YOOKUMKANI 2:11
Bathe ke besahamba kunye njalo, suka kwee gqi inqwelo yomlilo enamahashe omlilo, yabahlukanisa, uEliya wenyuselwa ezulwini ngesaqhwithi.
Phonononga 2 YOOKUMKANI 2:11
3
2 YOOKUMKANI 2:10
UEliya wathi: “Ùcele into enzima, kambe ke ukuba undibonile xa ndahlukaniswa nawe, woyifumana; kungenjalo ke akunakuyifumana loo nto.”
Phonononga 2 YOOKUMKANI 2:10
4
2 YOOKUMKANI 2:14
Wawuthatha loo mnweba wawuwe kuEliya, wabetha ngawo amanzi, wathi: “Uphi ngoku uNdikhoyo uThixo kaEliya, yena kanye?” Uthe ke akuwabetha amanzi lawo, suka ahlukana kubini, asinga kweli cala nakweliya, waza ke wawela.
Phonononga 2 YOOKUMKANI 2:14
5
2 YOOKUMKANI 2:12
UElisha ke wayibona yonke loo nto, waza wakhala wathi: “Awu, tata wam, tata wam! Nâzo iinqwelo nabamahashe bakwaSirayeli!” UElisha ke akaphindanga ambone uEliya. Wazibamba ke iimpahla zakhe, wazikrazula zaziziqwenge ezibini.
Phonononga 2 YOOKUMKANI 2:12
6
2 YOOKUMKANI 2:8
Ke Eliya wawuthatha umnweba wakhe, wawusonga, waza wawabetha ngawo amanzi. Amanzi ke ahlukana kubini, asinga kweli cala nakweliya, baza ke bobabini bawela emhlabeni owomileyo.
Phonononga 2 YOOKUMKANI 2:8
7
2 YOOKUMKANI 2:1
Ke kaloku ngethuba lokuba *uNdikhoyo anyusele uEliya ezulwini ngesaqhwithi, uEliya noElisha babesendleleni evela eGiligali.
Phonononga 2 YOOKUMKANI 2:1
Home
Bible
Plans
Videos