1
2 KWABASETESALONIKA 2:3
IBHAYIBHILE
Sanukuvuma nilahlekiswe mntu. Kaloku loo Mini ayinako ukufika lungakhange lubekho uvukelo-mbuso lokugqibela, andule ke ukucaca umchasi-mthetho, umfo okhohlakeleyo ochasana noThixo, omiselwe intshabalalo, avele elubala.
Thelekisa
Phonononga 2 KWABASETESALONIKA 2:3
2
2 KWABASETESALONIKA 2:13
Sifanele ukuba simbulele uThixo singaphezi ngenxa yenu, mawethu athandiweyo yiNkosi. Kuba kaloku uThixo waninyula kwasekuqaleni ukuze nisindiswe ngokwenziwa nyulu nguMoya wakhe, nangokukholwa kuyo inyaniso.
Phonononga 2 KWABASETESALONIKA 2:13
3
2 KWABASETESALONIKA 2:4
Ulolona tshaba kaloku. Yena uya kuziphakamisa achase nantoni na ekuthiwa nguthixo, achase nantoni na enqulwa ngabantu, ade athathe isihlalo endlwini kaThixo, ezigwagwisa ngokuthi unguThixo ngenkqu.
Phonononga 2 KWABASETESALONIKA 2:4
4
2 KWABASETESALONIKA 2:16-17
Yanga iNkosi yethu uYesu Krestu ngenkqu noThixo uBawo wethu, owasithandayo, ngesisa sakhe wasinika ukukhuthala nethemba eliyokozelayo, wanga angaziphuphumisa iintliziyo zenu ngenkuthalo, anomeleze ukuze nenze, nithethe, izinto ezilungileyo.
Phonononga 2 KWABASETESALONIKA 2:16-17
5
2 KWABASETESALONIKA 2:11
Ngoko ke uThixo ubayekele ngolahlekiso olusebenza kubo, ukuze bamkele ubuxoki.
Phonononga 2 KWABASETESALONIKA 2:11
6
2 KWABASETESALONIKA 2:9-10
Ukufika kwalo mchasi-mthetho ngumsebenzi kaSathana; yaye uya kuphelekwa yimisebenzi yamandla nemiqondiso nemimangaliso yenkohliso, kubekho zonke iintlobo zolahlekiso ezinokwenziwa bububi kwabo baya kwantshabalalo. Ewe, baya kutshabalala, kuba kaloku bona abalwamkelanga uthando lukaKrestu nenyaniso yakhe, ukuze basindiswe.
Phonononga 2 KWABASETESALONIKA 2:9-10
7
2 KWABASETESALONIKA 2:7
Kuba selekho kambe amandla enkohlakalo asebenza ngokufihlakeleyo. Ewe, asebenza ngokufihlakeleyo okwangoku, elinde ukuba ade emke lowo umbambezeleyo.
Phonononga 2 KWABASETESALONIKA 2:7
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo