Ndiyamcela ukuba anikhanyisele nibe nokuqonda, khon' ukuze nilazi ithemba anibizele kulo, niziqonde iintsikelelo ezingaka ezililifa lemilowo yakhe, nikuve ukongama kwawo amandla akhe ngakuthi, thina bathembele kuye. La mandla ikwangalawa wavusa ngawo uKrestu ekufeni, waza wamthwesa ubukhosi ezulwini. Ngenxa yobo bukhosi wongamele lonke ulawulo, negunya, nawo onke amandla nobukhosi. Ubukhosi bakhe bungaphezu kwawo onke amawonga obungangamsha nawo onke amagama anokukhankanywa kweli lizwe nakwelizayo.