1
UISAYA 51:12
IBHAYIBHILE
UNdikhoyo utsho ukuthi: “Mna ndingulowo ukuthuthuzelayo; ngani ke ukuba woyike umntu – into evuthuluka njengengca?
Thelekisa
Phonononga UISAYA 51:12
2
UISAYA 51:16
Mna ndawatwabulula amazulu, ndazaneka iziseko zehlabathi. KwiZiyon ke ndithi: ‘Ke wena ungowam; imfundiso yam ndikunikile, futhi ke ndiyakukhusela.’ ”
Phonononga UISAYA 51:16
3
UISAYA 51:7
“Ndiveni, nina babaziyo ubulungisa, luhlangandini lunomthetho wam entliziyweni. Sanukuzihlupha ngâbo baninyelisayo, ningazidubi nangabo banithukayo.
Phonononga UISAYA 51:7
4
UISAYA 51:3
Inene uNdikhoyo woyithuthuzela iZiyon, akhathazeke ngenxa yamabhodlo ayo. Elibharhileyo wolijika libe ngumyezo, nentlango ibe njengomyezo waseIdeni, khona kulawule uvuyo nemincili, ibe yintsholo yengoma yokudumisa.
Phonononga UISAYA 51:3
5
UISAYA 51:11
Abo bahlawulelweyo nguNdikhoyo baya kungena eJerusalem bechulumacha, bengqungqa bememelela ngemihlali, bathiwe jize ngovuyo ngonaphakade, bonwabe babe nemincili, bangaze babuye bazane neenzingo neenkxwaleko.
Phonononga UISAYA 51:11
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo