1
UJEREMIYA 8:22
IBHAYIBHILE
Ngaba akusekho yeza na eGiliyadi? Akusekho gqirha na khona? Ngani banganyangwa nje abantu bakowethu?
Thelekisa
Phonononga UJEREMIYA 8:22
2
UJEREMIYA 8:4
“Yithi kubo: Utsho *uNdikhoyo ukuthi: Xa umntu ewile, kanene akabuyi avuke na? Xa ebephambukile, akabuyi ayilande indlela?
Phonononga UJEREMIYA 8:4
3
UJEREMIYA 8:7
Nditsho nengwamza le ibhabh' emafini iyalazi ixesha lokujika. Iinkonjane, amahlankomo, nkqu nendwe le, iyalazi ixesha lokufuduka, kodwa bona abantu bam abazani nezithethe zam.
Phonononga UJEREMIYA 8:7
4
UJEREMIYA 8:6
Ndikhe ndabaz' iindlebe, kodwa akwabakho uthetha nto ifanelekileyo, akwabakho namnye uyidaneleyo inkohlakalo yakhe, akwabakho bani uzohlwayayo athi: ‘Bendiyenzela ntoni le nto?’ Ulowo nalowo uhamba ngayibonayo, axel' ihashe lityhudisela edabini.
Phonononga UJEREMIYA 8:6
5
UJEREMIYA 8:9
Izilumko zenu zihlazekile, zibhidekile, kuba zibhaqiwe. Kaloku ilizwi lam zilibukule nje, zinabulumko buvela phi?
Phonononga UJEREMIYA 8:9
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo