1
UMARKO 14:36
IBHAYIBHILE
Wayesithi ke: “Bawo, wena akuxakwa nto. Yisuse kum le ntlungu. Noko ke, makungabi kokuthandwa ndim, makube kukuthanda kwakho.”
Thelekisa
Phonononga UMARKO 14:36
2
UMARKO 14:38
Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni. Umoya wona okunene unentumekelelo, ke wona umzimba ubuthathaka.”
Phonononga UMARKO 14:38
3
UMARKO 14:9
Ndithi kuni, inene, naphi na apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zimnandi kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto iyenzileyo yona, ibe sisikhumbuzo ngayo.”
Phonononga UMARKO 14:9
4
UMARKO 14:34
wathi kubo: “Intliziyo yam ibuhlungu ukufa, iligazi. Hlalani apha nilinde.”
Phonononga UMARKO 14:34
5
UMARKO 14:22
Xa babesitya, uYesu wathatha isonka, wabulela, wasiqhekeza, wabanika, wathi: “Thathani nitye; ngumzimba wam lo.”
Phonononga UMARKO 14:22
6
UMARKO 14:23-24
Wathatha nendebe, wabulela, wabanika, basela kuyo bonke. Wathi ke kubo: “Ligazi lam eli elitywina umnqophiso, eliphalazwa ngenxa yabaninzi.
Phonononga UMARKO 14:23-24
7
UMARKO 14:27
UYesu wathi kubo: “Ndiya kuba sisikhubekiso kuni nonke, kuba *iziBhalo zithi: ‘Ndiya kubulala umalusi, zichithakale iigusha!’
Phonononga UMARKO 14:27
8
UMARKO 14:42
Vukani, sihambe! Nanko lowo undinikelayo.”
Phonononga UMARKO 14:42
9
UMARKO 14:30
UYesu wathi kuye: “Ndithi kuwe, inene, namhlanje, kwangobu busuku, ingekakhali kabini inkuku, uya kundikhanyela kathathu.”
Phonononga UMARKO 14:30
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo