1
KWABASEFILIPI 4:6
IBHAYIBHILE
Sanukuba naxhala; kodwa iintswelo zenu ziseni kuThixo ngomthandazo, nimbongoze ninombulelo.
Thelekisa
Phonononga KWABASEFILIPI 4:6
2
KWABASEFILIPI 4:7
Ke lona uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzalusa iintliziyo neengcinga zenu ningahlukani noKrestu.
Phonononga KWABASEFILIPI 4:7
3
KWABASEFILIPI 4:8
Mandiphethe ngelithi, mawethu, hlalani nicinga ngezinto eziyinyaniso nezindilekileyo nazo zonke izinto ezilungileyo nezinyulu, zonke ezithandekayo nezinesidima, nangezinto ezintle ngokupheleleyo kwanezincomekayo.
Phonononga KWABASEFILIPI 4:8
4
KWABASEFILIPI 4:13
Ndinako ukumelana nayo nayiphi na imeko ngenxa yamandla alowo undomelezayo.
Phonononga KWABASEFILIPI 4:13
5
KWABASEFILIPI 4:4
Ngoko ke, nimanywe neNkosi nje, yonwabani! Ewe, ndiyaphinda ndithi vuyani!
Phonononga KWABASEFILIPI 4:4
6
KWABASEFILIPI 4:19
Yaye uThixo wam wonibonelela kuzo zonke iintswelo zenu ngendyikityha yendyebo yakhe ekuKrestu Yesu.
Phonononga KWABASEFILIPI 4:19
7
KWABASEFILIPI 4:9
Zenzeni zonke izinto enazivayo nezo nazibonela kum, amazwi kwanezenzo. Ke uThixo onika uxolo uya kuba nani.
Phonononga KWABASEFILIPI 4:9
8
KWABASEFILIPI 4:5
Bazeleleleni bonke abantu. INkosi isemnyango.
Phonononga KWABASEFILIPI 4:5
9
KWABASEFILIPI 4:12
Ndiyazana nokuswela, kanti ke futhi ndikuqhelile ukuba nento yonke. Ndiwaqhelile amahlandinyuka obomi: intlutha nendlala, ubutyebi nokuswela.
Phonononga KWABASEFILIPI 4:12
10
KWABASEFILIPI 4:11
Xa nditshoyo ke andikhalazeli kuswela. Kaloku mna ndafunda ukwanela nakuyiphi na imeko endikuyo.
Phonononga KWABASEFILIPI 4:11
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo