Nangexesha elo kwosuka u‐Mikaheli, lonkosi inkulu esukayo ngenxa yosapo lwabantu bako: kwobako ixesha lobunzima, ebelingezanga libeko elinjalo kuseloko kube kuko isizwe kwada kwalixesha elo: nangeloxesha baya kusindiswa abantu bako, bonke abaya kufunyanwa beba̔liwe encwadini.