Lwaye usapo luka‐Sirayeli lusiti kubo: Akwaba sabesifele ezweni le‐Jipete ngesandla SIKAYEHOVA, nxa sibe sihleli ngasezimbizeni zenyama, nanxa sibe sisitya isonka kwada kwahlutwa! ngokuba nisipumisile ukuza kulentlango, ukuba nibubise wonke lomhlambi ngokulamba.
Wandula UYEHOVA wati ku‐Mosesi: Bona ke, ndiya kuninisela isonka ezulwini; babeya kupuma abantu, babute into yemini nye ngemini yayo; ukuze ndibalinge, ukuba bohamba emtetweni wam, abayi kuhamba kuwo, kusinina.