1
KwabaseKolose KwabaseKolose 3:13
Contemporary Xhosa Bible 2024
ninyamezelana, nixolelana, ukuba ubani uthi abe nokusola ngakubani; njengokuba naye uKristu wanixolelayo, yenjani njalo nani.
Thelekisa
Phonononga KwabaseKolose KwabaseKolose 3:13
2
KwabaseKolose KwabaseKolose 3:2
Nyamekelani izinto zaphezulu, ingabi kwizinto zasemhlabeni.
Phonononga KwabaseKolose KwabaseKolose 3:2
3
KwabaseKolose KwabaseKolose 3:23
Nako konke enisukuba nikwenza, kusebenzeni ngokwasemphefumlweni, kunge kukwiNkosi, akukhona kubantu
Phonononga KwabaseKolose KwabaseKolose 3:23
4
KwabaseKolose KwabaseKolose 3:12
Yambathani ngoko, njengabanyulwa bakaThixo, abangcwele, abathandiweyo, iimfesane zeemfefe, ububele, ukuthobeka kwentliziyo, ubulali, ukuzeka kade umsindo
Phonononga KwabaseKolose KwabaseKolose 3:12
5
KwabaseKolose KwabaseKolose 3:16-17
Ilizwi likaKristu malihlale ngaphakathi kwenu ngokobutyebi; nifundisana, nilulekana ngeendumiso neengoma nezango ezizezomoya, nivume kamnandi entliziyweni yenu kuyo iNkosi. Nako konke enisukuba nikwenza ngelizwi, nokuba kungomsebenzi, yenzani izinto zonke egameni leNkosi uYesu, nibulela ngayo kuye uThixo uYise.
Phonononga KwabaseKolose KwabaseKolose 3:16-17
6
KwabaseKolose KwabaseKolose 3:14
Ke, phezu kwazo zonke ezo zinto, yalekani uthando, oluyintambo yogqibelelo.
Phonononga KwabaseKolose KwabaseKolose 3:14
7
KwabaseKolose KwabaseKolose 3:1
Ukuba ngoko navuswa kunye noKristu, funani izinto zaphezulu, apho akhona uKristu, ehleli ngasekunene kukaThixo.
Phonononga KwabaseKolose KwabaseKolose 3:1
8
KwabaseKolose KwabaseKolose 3:15
Uxolo lukaThixo, enabizelwa kwakulo mzimbeni mnye, malulawule ezintliziyweni zenu, nibe nokubulela.
Phonononga KwabaseKolose KwabaseKolose 3:15
9
KwabaseKolose KwabaseKolose 3:5
Bhubhisani ngoko amalungu enu asemhlabeni; uhenyuzo, ukungcola, ukuthabatheka okuhlazisayo, inkanuko embi, nokubawa, okuyinkonzo yezithixo kona oko
Phonononga KwabaseKolose KwabaseKolose 3:5
10
KwabaseKolose KwabaseKolose 3:3
Kaloku nafa, baye ubomi benu bufihlakele ndawonye noKrestu kuye uThixo.
Phonononga KwabaseKolose KwabaseKolose 3:3
11
KwabaseKolose KwabaseKolose 3:8
Kodwa ke ngoku nani zilahleni zonke ezi zinto; ingqumbo, umsindo, ulunya, ukunyelisa; ukuthetha amanyala kungabikho emlonyeni wenu.
Phonononga KwabaseKolose KwabaseKolose 3:8
12
KwabaseKolose KwabaseKolose 3:9-10
Musani ukuxokisana, nizihlubile nje umntu omdala, kunye nezenzo zakhe; nambatha lowo umtsha, uhlaziyelwa ekwazini okuhle, ngokomfanekiselo walowo wamdalayo
Phonononga KwabaseKolose KwabaseKolose 3:9-10
13
KwabaseKolose KwabaseKolose 3:19
Nina madoda, bathandeni abafazi benu, ningabi krakra ngakubo.
Phonononga KwabaseKolose KwabaseKolose 3:19
14
KwabaseKolose KwabaseKolose 3:20
Nina bantwana, balulameleni abazali benu ezintweni zonke; kuba oko kukholekile kuyo iNkosi.
Phonononga KwabaseKolose KwabaseKolose 3:20
15
KwabaseKolose KwabaseKolose 3:18
Nina bafazi, walulameleni awenu amadoda, njengoko kufanele eNkosini.
Phonononga KwabaseKolose KwabaseKolose 3:18
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo