1
uMarko uMarko 14:36
Contemporary Xhosa Bible 2024
Wayesithi, Abha, Bawo, zonke izinto zinokwenzeka kuwe; yigqithise kum le ndebe; noko ke makungabi kokuthandwa ndim, makube kokuthandwa nguwe.
Thelekisa
Phonononga uMarko uMarko 14:36
2
uMarko uMarko 14:38
Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni; umoya okunene unentumekelelo, ke yona inyama ithambile.
Phonononga uMarko uMarko 14:38
3
uMarko uMarko 14:9
Inene ndithi kuni, Apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zilungileyo kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto ayenzileyo yena, ibe sisikhumbuzo ngaye.
Phonononga uMarko uMarko 14:9
4
uMarko uMarko 14:34
Athi kubo, Umphefumlo wam ubuhlungu kakhulu, ngokokude ube sekufeni; hlalani apha nilinde.
Phonononga uMarko uMarko 14:34
5
uMarko uMarko 14:22
Bakubon’ ukuba bayadla, uYesu wasithabatha isonka, wathi akusikelela, waqhekeza, wabanika, wathi, Thabathani nidle; ngumzimba wam lo.
Phonononga uMarko uMarko 14:22
6
uMarko uMarko 14:23-24
Wayithabatha nendebe, wabulela, wabanika; basela kuyo bonke. Wathi kubo, Ligazi lam eli lomnqophiso omtsha, eliphalala ngenxa yabaninzi.
Phonononga uMarko uMarko 14:23-24
7
uMarko uMarko 14:27
Athi kubo uYesu, Nonke niya kukhubeka ngam ngobu busuku; ngokuba kubhaliwe kwathiwa, Ndiya kubetha kumalusi, zichithwachithwe izimvu.
Phonononga uMarko uMarko 14:27
8
uMarko uMarko 14:42
Vukani, sihambe; yabonani, lowo undingcatshayo usondele.
Phonononga uMarko uMarko 14:42
9
uMarko uMarko 14:30
Athi uYesu kuye, Inene ndithi kuwe, namhlanje, kwangobu busuku, ingekalili kabini inkuku, uya kundikhanyela kathathu.
Phonononga uMarko uMarko 14:30
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo