1
uMarko uMarko 2:17
Contemporary Xhosa Bible 2024
Evile ke uYesu, wathi kubo, Akufuneki gqirha kwabaphili leyo lifuneka kwabafayo. Andize kubiza malungisa, ndize kubiza aboni ukuba baguquke.
Thelekisa
Phonononga uMarko uMarko 2:17
2
uMarko uMarko 2:5
Akulubona uYesu ukholo lwabo, wathi konedumbe, Mntwana wam, uzixolelwe izono zakho.
Phonononga uMarko uMarko 2:5
3
uMarko uMarko 2:27
Wayesithi kubo, Isabatha le yabakho ngenxa yomntu, asingumntu owabakhoyo ngenxa yesabatha.
Phonononga uMarko uMarko 2:27
4
uMarko uMarko 2:4
Bakuba bengenakusondela kuye ngenxa yendimbane, banqika uphahla apho abekhona, baza bakuba begqobhozile, baluhlisa ukhuko abelele kulo lowo unedumbe.
Phonononga uMarko uMarko 2:4
5
uMarko uMarko 2:10-11
Ke ukuze nazi ukuba unalo igunya uNyana woMntu lokuxolela izono emhlabeni apha (selesithi konedumbe), Ndithi kuwe, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uye endlwini yakho.
Phonononga uMarko uMarko 2:10-11
6
uMarko uMarko 2:9
Okukhona kulula phi na, ukuthi konedumbe, Zixolelwe izono zakho; nokuthi, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uhambe?
Phonononga uMarko uMarko 2:9
7
uMarko uMarko 2:12
Wavuka kwaoko, waluthabatha ukhuko, waphuma phambi kwabo bonke; Bada bathi nqa bonke, bamzukisa uThixo, besithi, Asizanga sikubone okunje.
Phonononga uMarko uMarko 2:12
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo