1
uMarko uMarko 8:35
Contemporary Xhosa Bible 2024
Kuba othe wathanda ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; ke yena othe wawulahla umphefumlo wakhe ngenxa yam, nangenxa yeendaba ezilungileyo ezi, wowusindisa lowo.
Thelekisa
Phonononga uMarko uMarko 8:35
2
uMarko uMarko 8:36
Kuba komnceda ntoni na umntu, ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, waza wonakalelwa ke ngumphefumlo wakhe?
Phonononga uMarko uMarko 8:36
3
uMarko uMarko 8:34
Esibizele kuye indimbane, kwanabafundi bakhe, wathi kubo, Osukuba ethanda ukundilandela, makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe, andilandele.
Phonononga uMarko uMarko 8:34
4
uMarko uMarko 8:37-38
Okanye worhola ntoni na umntu, ibe sisananelo somphefumlo wakhe? Othe waneentloni ngam nangamazwi am, kwesi sizukulwana sikrexezayo, sonayo, uNyana woMntu woba neentloni ngaye lowo, xa athe weza esebuqaqawulini boYise, enezithunywa ezingcwele.
Phonononga uMarko uMarko 8:37-38
5
uMarko uMarko 8:29
Athi kubo, Ke nina nithi ndingubani na? Aphendule ke uPetros athi kuye, Wena unguye uKristu.
Phonononga uMarko uMarko 8:29
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo