OOKUMKANI I 2
2
Ukufa kukaDavide
1Yasondela imihla kaDavide yokuba afe; wamwisela umthetho uSolomon unyana wakhe, wathi, 2Ndihamba indlela yehlabathi lonke; yomelela ke ube yindoda, 3ugciné isigxina sikaYehova uThixo wakho, uhambe ngeendlela zakhe, ugcine imimiselo yakhe, nemithetho yakhe, namasiko akhe, nezingqino zakhe, njengoko kubhaliweyo emyalelweni kaMoses, ukuze ube nengqiqo ezintweni zonke othe wazenza, nasezintweni zonke othe wasinga kuzo; 4ukuze alimise uYehova ilizwi lakhe awalithethayo ngam, esithi, Ukuba bathe oonyana bakho bayigcina indlela yabo, ukuba bahambe phambi kwam enyanisweni ngentliziyo yabo yonke, nangomphefumlo wabo wonke, (esithi) akuyi kunqunyukelwa ndoda etroneni yakwaSirayeli.
5Kananjalo wena ùya kwazi awakwenzáyo kum uYowabhi unyana kaTseruya, awakwenzayo kubathetheli ababini bemikhosi yakwaSirayeli, kuAbhinere unyana kaNere, nakuAmasa unyana kaYetere, awababulalayo, waphalaza amagazi emfazwe, lixolile, wabeka amagazi emfazwe embhinqweni wakhe obusesinqeni sakhe, nasezimbadadeni zakhe ezisezinyaweni. 6Yènza ngokobulumko bakho, zingehli izimvi zakhe ziye kwelabafileyo enoxolo.
7Ke koonyana bakaBharzilayi waseGiliyadi, uze wenze ngenceba, babe kwabadla etafileni yakho; ngokuba benjenjalo ukuza kum ekusabeni kwam ebusweni buka-Abhisalom, umkhuluwa wakho.
8Ùyabona, únawe uShimehi unyana kaGera, umBhenjamin, waseBhahurim; yena wanditshabhisa ngotshabhiso olukhulu, mini ndaya eMahanayim. Yena ke wehla weza kundikhawulela eYordan, ndamfungela uYehova, ndathi, Andiyi kukubulala ngekrele. 9Ngoko uze ungamenzi omsulwa, ngokuba ùyindoda elumkileyo wena; uze ukwazi oko uya kukwenza kuye; uzihlisele kwelabafileyo zinegazi izimvi zakhe.
10Walala ke uDavide kooyise, wangcwatyelwa emzini kaDavide. 11Ke imihla abengukumkani kumaSirayeli uDavide ibingamashumi omané eminyaka; eHebron wayengukumkani iminyaka esixhenxe; eYerusalem wayengukumkani iminyaka emashumi mathathu anamithathu.
12Wahlala ke uSolomon etroneni kaDavide uyise; baqiniseka kunene ubukumkani bakhe.
Ukubulawa kuka-Adoniya noYowabhi nokuzinziswa kwegunya likaSolomon
13Ke kaloku waya uAdoniya, unyana kaHagiti, kuBhatshebha unina kaSolomon. Wathi yena, Ùza ngoxolo na? Wathi, Ngoxolo. 14Wathi, Ndinelizwi nawe. 15Wathi, Thetha. Wathi, Ùyazi wena ukuba bebubobam ubukumkani, abe ebubhekise kum ubuso bawo onke amaSirayeli, ukuba ndibe ngukumkani. Bathi guququ ubukumkani, baba bobomninawa wam; ngokuba baba bobakhe, buphuma kuYehova. 16Kungokunje ndicela nto-nye kuwe, uze ungandilanduleli.
17Wathi kuye, Thetha. Wathi ke, Khawuthethe noSolomon ukumkani, ngokuba akayi kukulandulela, andinike uAbhishagi waseShunem, abe ngumkam. 18Wathi uBhatshebha, Kulungile, ndokuthethelela kukumkani.
19Waya ke uBhatshebha kukumkani uSolomon, ukuba athethe naye ngoAdoniya. Wesuka ukumkani waya kumkhawulela, waqubuda kuye, wahlala etroneni yakhe, wammisela itrone unina wokumkani, wahlala ke ngasekunene kwakhe. 20Wathi, Ndicela nto-nye kuwe; ùze ungandilanduleli. Wathi ke ukumkani kuye, Cela, ma, ngokuba andiyi kukulandulela. 21Wathi yena, UAbhishagi waseShunem makanikwe uAdoniya, umkhuluwa wakho, abe ngumkakhe.
22Waphendula ukumkani uSolomon, wathi kunina, Yini na ukuba uAdoniya umcelele uAbhishagi waseShunem? Sewumcelela nobukumkani, ngokuba ungumkhuluwa wam; ucélele yena, noAbhiyatare umbingeleli, noYowabhi unyana kaTseruya. 23Ukumkani uSolomon wafunga uYehova, wathi, Makenjenje uThixo kum, aqokele ukwenjenje, ukuba uAdoniya akalithethanga elo lizwi elahla umphefumlo wakhe. 24Ngoko, ehleli nje uYehova, ondiqinisileyo, wandihlalisa etroneni kaDavide ubawo, wandenzela indlu njengoko wakuthetháyo, úya kubulawa namhlanje uAdoniya. 25Ukumkani uSolomon wathumela ke ngoBhenaya unyana kaYehoyada; wamgwaza, wafa.
26NakuAbhiyatare umbingeleli wathi ukumkani, Hamba uye eAnatoti, emhlabeni wakho; ngokuba ungumfo wokufa; ke andiyi kukubulala ngale mini; ngokuba wayithwala ityeya yeNkosi uYehova phambi koDavide ubawo, nangokuba ubucinezelwe kuko konke abecinezelwe kuko ubawo. 27USolomon wamgxotha uAbhiyatare ekubeni ngumbingeleli kaYehova; ukuze alizalise ilizwi likaYehova, awalithethayo ngendlu kaEli eShilo.
28Lwafika olu daba kuYowabhi; ngokuba uYowabhi wayethelele kuAdoniya, noko wayengathelelanga kuAbhisalom. UYowabhi wasabela ententeni kaYehova, wabambelela ezimpondweni zesibingelelo. 29Waxelelwa ukumkani uSolomon, ukuba uYowabhi usabele ententeni kaYehova; nanko ecaleni lesibingelelo. USolomon wathuma uBhenaya unyana kaYehoyada, wathi, Yiya umgwaze. 30Waya uBhenaya ententeni kaYehova, wathi kuye, Uthi ukumkani, Phuma. Wathi yena, Hayi; ndiya kufela apha. UBhenaya wambuyisela ukumkani ilizwi, esithi, Wenjenje ukuthetha uYowabhi, wenjenje ukundiphendula.
31Wathi ukumkani kuye, Yenza njengoko athethe ngako, umgwaze, umngcwabe, uwasuse kum nakwindlu kabawo amagazi amsulwa, awawaphalazayo uYowabhi. 32UYehova wolibuyisela entlokweni yakhe igazi lakhe, owawela amadoda amabini angamalungisa, alungileyo kunaye, wawabulala ngekrele, engazi ubawo uDavide, angooAbhinere unyana kaNere, umthetheli-mkhosi wakwaSirayeli, noAmasa unyana kaYetere, umthetheli-mkhosi wakwaYuda. 33Obuyela amagazi awo entlokweni kaYowabhi, nasentlokweni yembewu yakhe ngonaphakade; kuDavide, nakwimbewu yakhe, nakwindlu yakhe, nakwitrone yakhe, ibe luxolo olungunaphakade, luvela kuYehova.
34Wenyuka ke uBhenaya unyana kaYehoyada, wamgwaza, wambulala; wangcwatyelwa endlwini yakhe entlango. 35Ukumkani wamisa uBhenaya, unyana kaYehoyada, esikhundleni sakhe phezu komkhosi; ukumkani wamisa uTsadoki umbingeleli esikhundleni sika-Abhiyatare.
36Wathumela ukumkani, wabiza uShimehi, wathi kuye, Zakhele indlu eYerusalem, uhlale khona, ungaphumi khona, uye phi naphi; 37kothi, mini uthe waphuma, wawela umlanjana oyiKidron, wazi inene ukuba uya kufa; igazi lakho loba phezu kwentloko yakho. 38Wathi uShimehi kukumkani, Lilungile elo lizwi; njengoko ithethe ngako inkosi yam ukumkani, úya kwenjenjalo umkhonzi wakho. Wahlala ke uShimehi eYerusalem imihla emininzi.
39Kwathi ekupheleni kweminyaka emithathu, kwazímela izicaka ezibini zikaShimehi, zaya kuAkishe unyana kaMahaka, ukumkani waseGati. Waxelelwa uShimehi, kwathiwa, Yabona, izicaka zakho ziseGati. 40Wesuka uShimehi, wabopha iesile lakhe, waya eGati kuAkishe, efuna izicaka zakhe ezo; uShimehi waya eGati, weza nazo izicaka zakhe.
41Waxelelwa uSolomon, ukuba uShimehi uphumile eYerusalem, waya eGati wabuya. 42Wathumela ke ukumkani, wambiza uShimehi, wathi kuye, Bendingakufungise uYehova yini na, ndakuqononondisa, nditsithi, Mini uthe waphuma waya phi naphi, yazi inene ukuba ùya kufa? Wathi ke wena kum, Lilungile elo lizwi, ndilivile. 43Kungani na ke ukuba ungasigcini isifungo sikaYehova, nomthetho endakuwiselayo? 44Wathi ukumkani kuShimehi, Uyabazi wena bonke ububi obaziwa yintliziyo yakho, owabenzayo kuDavide ubawo; úya bubuyisela uYehova ububi bakho kwasentlokweni yakho; 45asikelelwe ukumkani uSolomon, iqiniseke itrone kaDavide phambi koYehova, kude kuse ephakadeni.
46Ukumkani wamwisela ke umthetho uBhenaya unyana kaYehoyada; waphuma wamgwaza, wafa. Ubukumkani baqiniseka esandleni sikaSolomon.
Currently Selected:
OOKUMKANI I 2: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: