USAMUWELI I 9
9
Ukuhlangana kukaSawule noSamuweli
1Kwakukho ndoda yakwaBhenjamin, igama lalinguKishe, unyana ka-Abhiyeli, unyana kaTserore, unyana kaBhekorati, unyana ka-Afiya, unyana womBhenjamin, indoda esisityebi. 2Yayinonyana ogama linguSawule, umfo omtsha, omhle, ebekungekho mfo phakathi koonyana bakaSirayeli umhle kunaye; ethabathela emagxeni akhe anyuse, ubemde kubantu bonke.
3Ke kaloku uKishe, uyise kaSawule, walahlekelwa ziimazi zakhe zamaesile. Wathi uKishe kuSawule unyana wakhe, Khawuthabathe omnye kubafana ahambe nawe, usuke uye kuzifuna iimazi zamaesile. 4Wacanda kweleentaba lakwaEfrayim, wacanda nasezweni laseShalisha; àbazifumana. Wacanda nasezweni laseShahalim, azabakho; wacanda nasezweni lakwaBenjamin, àbazifumana. 5Bakufika ezweni lakwaTsufi, uSawule wathi kumfana obenaye, Hamba sibuye, hleze ubawo azincame iimazi zamaesile, abe nesithukuthezi ngathi.
6Wathi ke yena kuye, Uyabona ke, kulo mzi kukho umntu kaThixo; ngumntu ozukileyo; konke akuthethayo kuyenzeka ngenene. Makhe siye khona ke, mhlawumbi angasibonisa indlela yethu esohamba ngayo. 7Wathi uSawule kumfana lowo, Yabona, sihamba nje, siya kumnika ntoni na umntu lowo? Kuba isonka siphelile empahleni yethu; akukho sipho singasisa kumntu kaThixo. 8Into esinayo yintoni na? Waphinda umfana wamphendula uSawule, wathi, Nanku kufumaneke esandleni sam isahlulo sesiné seshekele• yesilivere; ndosinika umntu kaThixo, asibonise indlela yethu. 9Ngaphambili, kwaSirayeli, umntu xa aya kubuza kuThixo ubesithi, Hamba siye kwimboni; ngokuba onguprofeti namhla bekusithiwa yimboni ngenxa engaphambili. 10Wathi uSawule kumfana lowo, Lihle ilizwi lakho; hamba siye.
Bahamba baya kuloo mzi, apho umntu kaThixo wayekhona. 11Bathi benyuka eqhineni lomzi, baqubisana nomthinjana, uphuma usiya kukha amanzi; bathi kuwo, Ikho na apha imboni? 12Wabaphendula, wathi, Ikho, nantso phambi kwenu; khawulezani ngoku, kuba ifike namhlanje kulo mzi, ngokuba abantu banombingelelo namhla esigangeni; 13xa ningena kulo mzi, noyifumana ingekenyuki iye kudla esigangeni; kuba abayi kudla abantu ingekafiki; ngokuba usikelelwa yiyo umbingelelo, baze badle emveni koko abamenyiweyo; nyukani ngoku, ngokuba noyifumana ngoku. 14Benyuka ke baya kuloo mzi. Bakubona ukuba bayangena kuloo mzi, nanko uSamuweli ephuma equbisana nabo, eza kunyuka aye esigangeni.
15Ke kaloku uYehova wayeyityhilele indlebe kaSamuweli ngosuku olungaphambi kokuza kukaSawule, esithi, 16Ngeli xesha ngomso, ndiya kuthumela kuwe indoda yasezweni lakwaBhenjamin, ukuze uyithambise, ibe yingànga yabantu bam amaSirayeli, ibasindise abantu bam esandleni samaFilisti; ngokuba ndibabonile abantu bam; kuba ukukhala kwabo kufikile kum.
17USamuweli wambona uSawule. UYehova wamphendula, wathi, Nantso loo ndoda ndibe ndithethe kuwe ngayo. Yiyo eya kuphatha ubukhosi phezu kwabantu bam.
18Wasondela uSawule kuSamuweli esangweni, wathi, Khawundixelele, iphi na apha indlu yemboni? 19USamuweli wamphendula uSawule, wathi, Ndim imboni; nyuka phambi kwam uye esigangeni, nidle nam namhla, ndikundulule ngomso, ndikuxelele konke okusentliziyweni yakho. 20Ke iimazi zamaesile esekuntsuku ntathu namhla zikulahlekile, musa ukuyibekela kuzo intliziyo yakho; ngokuba zifunyenwe. Kokukabani na konke okunqwenelekayo kwaSirayeli? Asikokwakho na, nokwendlu yonke kayihlo? 21Waphendula uSawule, wathi, AndingumBhenjamin yini na, wesizwe esincinanana kwaSirayeli? Nomzalwane wakowethu awuphantsi na emizalwaneni yonke yesizwe sakwaBhenjamin? Yini na ukuba uthethe ilizwi elinje kum?
22USamuweli wamthabatha uSawule nomfana lowo, wabangenisa egumbini, wabanika indawo yobukhulu phakathi kwabamenyiweyo abo, bengamadoda akumashumi amathathu. 23Wathi uSamuweli kumpheki, Ethe isabelo endakunikayo, ndathi kuwe, Sibeke. 24Wawuzisa umlenze lowo nento ephezu kwawo, wabeka phambi koSawule. Wathi uSamuweli, Nantso into endikubekeleyo, ibekiwe phambi kwakho, yidla; ngokuba ibigcinelwe wena, ukuba ibe yeyeli xesha, kususela koko ndathi, Ndibamemile abantu. Wadla uSawule noSamuweli ngaloo mini. 25Behla esigangeni apho, beza phakathi komzi; wathetha noSawule phezu kwendlu.
26Bavuka kusasa; kwathi, xa kunyuka isifingo, uSamuweli wamemeza kuSawule phezu kwendlu, esithi, Vuka, ndikugoduse. Wavuka uSawule; baphuma baya phandle bobabini, yena noSamuweli. 27Behlile, baya ekupheleni komzi, wathi uSamuweli kuSawule, Yitsho kumfana lo agqithele phambi kwethu (wagqitha ke); khawume wena ngoku, ndikuvise ilizwi likaThixo.
Currently Selected:
USAMUWELI I 9: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: