KWABASETESALONIKA I 4
4
Iziyalo ezingokuziphatha
1Elokugqiba ngoko, bazalwana, siyanicela siniyala siseNkosini uYesu, ukuba nithi, njengokuba nakwamkelayo kuthi, okokuba nimelwe kukuthini na ukuhamba nokumkholisa uThixo, nikhule kuko ngakumbi. 2Kuba niyazi ukuba zaba ziziyalo zini na, esaniyala ngazo ngeNkosi uYesu.
3Kuba oku kukuthanda kukaThixo, ukungcwaliswa kwenu, ukuba nikhumke kulo uhenyuzo; 4ukuba elowo kuni ákwazi ukusizuza asiphathe esakhe isitya• enobungcwalisa, enembeko; 5angathabatheki yinkanuko, njengeentlanga ezingamaziyo uThixo; 6ukuba kungabikho ugqithisayo, amlumkise umzalwana wakhe emcimbini lowo; ngenxa enokuba iNkosi ngumphindezeli wazo zonke ezi zinto, njengoko sasinixelele ngenxa engaphambili, saniqononondisa. 7Kuba uThixo akasibizelanga ekungcoleni; usibizele ebungcwaliseni. 8Ngako oko ke lowo ugibayo, akagibi mntu, ugiba uThixo, owasinikayo nokusinika uMoya wakhe oyiNgcwele.
9Ke kaloku, ngalo uthando lobuzalwana, akufuneki ukuba ndinibhalele; kuba nina ngokwenu ningabafundiswe nguThixo ukuba nithandane; 10kuba okunene niyakwenza oko kubo bonke abazalwana abakwelaseMakedoni liphela. Siyanivuselela ke, bazalwana, ukuba nikhule kuko oko ngakumbi; 11nokuba nizondelele ukuba nizole, nenze ezenu izinto, nisebenze ngezenu izandla, njengoko saniyalayo; 12ukuze nihambe ngokuzibekileyo ngakwabo bangaphandle, ningasweli nto.
Imeko yabafileyo
13Ke kaloku andithandi ukuba ningazi, bazalwana, mayela nabalele ukufa, ukuze ningabi buhlungu njengabanye abangenathemba bona. 14Kuba xa sikholwa ukuba uYesu wafa, wabuya wavuka, kwangokunjalo naye uThixo woza nabo abalele ukufa ngaye uYesu, kunye naye.
15Kuba oku siyakutsho kuni ngelizwi leNkosi ukuthi, thina babudlayo ubomi, bàya kuba besekho ekufikeni kweNkosi, asisayi kubaphangela abalele ukufa. 16Ngokuba iNkosi ngokwayo iya kuhla emazulwini inendanduluko, inelizwi lesiphatha-zithunywa, inexilongo likaThixo, baze abafele kuKristu bavuke kuqala; 17sandule thina babudlayo ubomi, basaseleyo, sixwilelwe emafini kwakunye nabo, siye kuyikhawulela iNkosi esibhakabhakeni; size ngokunjalo sihlale sihleli, sindawonye neNkosi.
18Ngoko ke thuthuzelanani ngala mazwi.
Currently Selected:
KWABASETESALONIKA I 4: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: