IZENZO 13
13
Ibandla lakwa-Antiyokwe
1Ke kaloku, kwaye kukho kwa-Antiyokwe, ebandleni ebelikhona, abaprofeti nabafundisi abathile, abangooBharnabhas, noSimon ekuthiwa nguNigere, noLukiyo waseKirene, kwanoManayen owondliwa noHerode umphathi wesahlulo sesiné, noSawule. 2Bakubon' ukuba ke bayabusa eNkosini, bezila ukudla, wathi uMoya oyiNgcwele, Ndahluleleni ke uBharnabhas kwanoSawule, baye emsebenzini endibabizele kuwo. 3Bathe ke, bakuba bezilé ukudla, bathandaza, babeka nezandla phezu kwabo, babandulula.
UBharnabhas noSawule eSipro
4Bona ke ngoko, bakuthunywa nguMoya oyiNgcwele, behla baya kwaSeluki; kanjalo besuka apho ngomkhombe, baya eSipro. 5Bathe bakufika eSalamis, balishumayela ilizwi likaThixo ezindlwini zesikhungu zamaYuda. Baye ke benoYohane, ebancedisa.
6Besigqibile ke isiqhithi ngokuhamba, bada bafika ePafo; bafumana siyazi uthile, ungumprofeti wobuxoki, umYuda ogama linguBhar-yesu, 7owayehlala kwibamba uSergiyo Pawulos, indoda enokuqonda; eyababizela kuyo ooBharnabhas noSawule, yangxamela ukuliva ilizwi likaThixo. 8Wamelana nabo ke uElima, usiyazi lowo (kuba litsho igama lakhe lakuthethwa ngentetho evakalayo), efuna ukulijika ibamba elo elukholweni. 9Ke kaloku uSawule, okwanguPawulos, ezele nguMoya oyiNgcwele, wamjonga, wathi, 10Wena uzeleyo yiyo yonke inkohliso, nabubo bonke ubutshijolo, nyanandini woMtyholi, lutshabandini lobulungisa bonke, akuyi kupheza na ukuzijika iindlela ezithe tye zeNkosi? 11Uyabona, nangoku isandla seNkosi siphezu kwakho; ùya kuba yimfama, kube mzuzu ungaliboni ilanga.
Kwalapho ke wawelwa lurhatyazo nobumnyama; wayephamzela, efuna abangamrhola ngesandla. 12Lithe ke ibamba, lakukubona oko kwenzekileyo, lakholwa, likhwankqisiwe yiyo imfundiso yeNkosi.
Kwa-Antiyokwe kwelasePisidi: intshumayelo kaPawulos kumaYuda
13Ke kaloku, bakunduluka ngomkhombe ePafo abo babenoPawulos, beza ePerga yelasePamfili. Wahlukana ke nabo uYohane, wabuyela eYerusalem.
14Bendulukile ke bona ePerga, batyhutyha beza kufika kwa-Antiyokwe kwelasePisidi. Bangena endlwini yesikhungu ngomhla wesabatha, bahlala phantsi. 15Ke kaloku, emva kokuleswa komthetho nabaprofeti, abaphathi bendlu yesikhungu bathumela kubo besithi, Madoda, bazalwana, ukuba ninelizwi lokuvuselela abantu, thethani.
16Usukile ke uPawulos, wawangawangisa ngesandla, wathi:
Madoda, maSirayeli, nani nimoyikayo uThixo, phulaphulani. 17UThixo waba bantu amaSirayeli wabanyula oobawo bethu, wabaphakamisa abantu ekuphambukeleni kwabo emhlabeni waseYiputa, wabakhupha kuwo ngengalo ephakamileyo. 18Wathi ngexesha eliyiminyaka engathi imashumi mané, wayithwala imikhwa yabo entlango; 19wathi akuwisa iintlanga ezisixhenxe emhlabeni wakwaKanan, wababela umhlaba wazo ngeqashiso.
20Emva koko, iminyaka engathi imakhulu mané anamanci mahlanu, wabanika abagwebi, kwada kwakuSamuweli umprofeti. 21Emva koko bacela ukumkani, uThixo wabanika uSawule, unyana kaKishe, indoda yesizwe sakwaBhenjamin, iminyaka emashumi mané. 22Akumkhupha yena, wabavelisela uDavide, wangukumkani; awamngqinelayo kanjalo, wathi, Ndimfumene uDavide okaYese, indoda engantliziyo yam, eya kukwenza konke ukuthanda kwam.
23Embewini yalowo, uthe uThixo ngokwedinga wavelisa uYesu, ukuba abe nguMsindisi kuSirayeli; 24kwakubon' ukuba uYohane uvakalise tanci, phambi kokungena kwakhe, ubhaptizo loguquko kubo bonke abantu bakwaSirayeli. 25Xa ke uYohane ebesekulufezeni uhambo lwakhe, ubesithi, Nithi nina ndingubani na? Andinguye. Yabonani, kuza emva kwam endingafanelekileyo ukuba ndizithukulule iimbadada ezinyaweni zakhe.
26Madoda, bazalwana, nyana bomlibo wakwa-Abraham, nâbò phakathi kwenu bamoyikayo uThixo, ilizwi lolu lusindiso lathunyelwa kuni. 27Kuba abo bemiyo eYerusalem, nabaphathi babo, bengamazanga lowo, kwanamazwi abaprofeti aleswayo iisabatha ngeesabatha zonke, bawazalisa ngokumgweba; 28bathi, bengafumananga nalinye ityala lokufa, bacela kuPilato ukuba asikwe. 29Xa ke babezifezile zonke izinto ezibhaliweyo ngaye, bamthula emthini, bambeka engcwabeni. 30Uthe ke uThixo wamvusa kwabafileyo, 31Yena lowo wabonwa imihla emininzi ngabo babenyuke naye, bevela kwelaseGalili besiya eYerusalem; ngabo ke abangamangqina akhe ebantwini.
32Nathi sinishumayeza iindaba ezilungileyo zedinga elo labakho koobawo bethu, 33zokokuba uThixo ulizalisile lona kuthi, bantwana babo, ngokumvusa uYesu; njengokuba nakwiNdumiso yesibini kubhaliwe kwathiwa, Wena unguNyana wam, ndikuzele mna namhla. 34Malunga ke nokumvusa kwakhe kwabafileyo, angabi sabuyela ekuboleni, uselethe ukuthetha, Ndiya kuninika iinceba eziqinisekileyo zikaDavide. 35Kungoko athi nakwenye iNdumiso, Akuyi kumyekela oyiNgcwele wakho ukuba abone ukubola. 36Kuba uDavide okunene, akuba elisebenzele kwesakhe isizukulwana icebo likaThixo, walala ubuthongo, wabekwa kooyise, wakúbona ukubola; 37ke yena owavuswayo nguThixo, akabonanga kubola.
38Makwazeke ngoko kuni, madoda, bazalwana, ukuba ngaye lowo kúxelwa kuni uxolelo lwezono; 39nakuzo zonke izinto ebeningenako ukugwetyelwa nikhululeke kuzo ngomthetho kaMoses, bonke abakholwayo bayagwetyelwa ngaye yena lowo. 40Lumkani ke ngoko, ningafikelwa koko kuthethiweyo ebaprofetini, kusithiwa,
41Bonani, nina badeli, nimangaliswe, nithi shwaka;
Ngokuba mna ndisebenza umsebenzi ngemihla yenu,
Umsebenzi eningasayi kukholwa kuwo, nokuba kukho othi anicacisele.
(UHabh. 1:5)
42Ke kaloku, akubon' ukuba ayaphuma amaYuda endlwini yesikhungu, babongoza abeentlanga, ukuba la mazwi athethwe kubo ngesabatha ezayo. 43Sakubon' ukuba ke sichithakele isikhungu, into eninzi yamaYuda neyabangene ebuYudeni, abamhlonelayo uThixo, yabalandela ooPawulos noBharnabhas; abathi bona, bethetha kubo, babeyisela ekuthini, mabahlale behleli elubabalweni lukaThixo.
Abapostile babuyela kwabeentlanga
44Kuthe ke ngelandelayo isabatha, waphantsa ukuhlanganisana umzi wonke, ukuba ulive ilizwi likaThixo. 45Ke kaloku amaYuda, akuzibona izihlwele, azala ngumona, aziphika izinto ezibe zithethwa nguPawulos, aphika enyelisa. 46Bathetha ke ngokungafihlisiyo uPawulos noBharnabhas, bathi, Bekufuneka ukuba lithethwe kuni kuqala ilizwi likaThixo; ekubeni ke niligibile, nazigweba ukuba anibufanele ubomi obungunaphakade, niyabona, sibheka kuzo iintlanga. 47Kuba isiwisele umthetho ngokunjalo iNkosi, yathi,
Ndikubekile ukuba ube lukhanyiselo lweentlanga,
Ukuze ube ngowosindiso, kude kuse ekupheleni kwehlabathi.
(UIsaya 49:6)
48Bakuva ke oko abeentlanga, bavuya, balizukisa ilizwi leNkosi, bakholwa bonke ababemiselwe ubomi obungunaphakade. 49Laye ke ilizwi leNkosi lihanjiswa kulo lonke ilizwe elo.
50Ke kaloku amaYuda abaxhokonxa abafazi ababehlonela uThixo, ababekekileyo, nabaninimzi; abaxhoxhela intshutshiso ooPawulos noBharnabhas, abakhupha emideni yawo. 51Bathe ke bona bawavuthululela uthuli lweenyawo zabo, beza eIkoniyo. 52Baye ke abafundi bezaliswe luvuyo nanguMoya oyiNgcwele.
Currently Selected:
IZENZO 13: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: