IZENZO 27
27
Uhambo lukaPawulos lokuya eRoma: uPawulos eKrete
1Ke kaloku, kwakugqitywa kwelokuba sisuke ngomkhombe siye kwelaseItali, bamnikela uPawulos kwanabanye ababanjwa abathile kumthetheli-khulu, ogama linguYuliyo, webutho loMhlekazi.
2Singenile ke emkhombeni waseAdramita, sisiza kudlula ngakwimimandla yelaseAsiya, sanduluka, kwakubon' ukuba uAristarko, umMakedoni waseTesalonika, unathi. 3Sathi ngengomso safika eTsidon; waza uYuliyo wamphatha uPawulos ngobubele, wamvumela ukuba aye ezihlotyeni zakhe, ongiwe. 4Sanduluka nalapho, sahamba ngomkhombe, sabetha ezantsi kweSipro, ngenxa yokuba imimoya ibivela ngaphambili. 5Sakulucanda nolwandle olungakwelaseKiliki nelasePamfili, safika eMira yelaseLiki. 6Apho ke umthetheli-khulu wafumana umkhombe wakwa-Alesandire, usiya kwelaseItali, wasikhwelisa kuwo.
7Ke kaloku iintsuku zanela sihamba kancinane, kwaba ngenkankulu ukuba sifike ngaseKinido. Uthe wakuba umoya ungasivumeli ukuba sisondele, sabetha ezantsi kweKrete ngaseSalimone. 8Saza sadlula kuyo ngenkankulu, safika ndaweni ithile kuthiwa ngamaChweba aMahle, obukufuphi kuyo umzi waseLaseya.
Ukusinga eRoma: uqhwithela lolwandle nokuqhekeka kwenqanawa eMelita
9Lithe ke lakudlula ixesha elaneleyo, nokuhamba ngomkhombe kunengozi, ngenxa yokuba nozilo beluse ludlule, 10uPawulos wamana ebalúleka, esithi kubo, Madoda, ndiyabona ukuba uhambo olu luza kuba nenkxwaleko nokonakala okukhulu, kungekwamthwalo namkhombe wodwa, kukokobomi bethu nabo. 11Kodwa umthetheli-khulu wayethambele okomqhubi nokomninimkhombe ukuthetha, kunokukaPawulos. 12Ke kaloku, ichweba lingàkulungele nje ukuba kudluliswe busika kulo, abòna baninzi kubo baceba ukuba kundulukwe khona, ukuba mhlawumbi banganokufikelela badlulise ubusika eFinikis, elichweba laseKrete; elibheke kwintshonalanga engasezantsi, nakwintshonalanga engasentla.
13Kuthe ke, wakùbetha impepho umoya wasezantsi, beba bakuzuzile ababekungxamele, banduluka, badlula kufuphi neKrete. 14Kodwa kungekabi mzuzu, kwagaleleka khona umoya osisaqhwithi, ekuthiwa yiYuroklidon.• 15Kuthe ke kwakubon' ukuba uthiwe hlasi umkhombe, awaba nako ukumelana nomoya, sasesiwuyeka; saqhutywa. 16Sathi sakubaleka ke, sibetha ngaphantsi kwesiqithana esithile, ekuthiwa yiKlawuda, kwaba ngenkankulu ukuba sibe nako ukuwubamba umkhonjana; 17abathe bakuwufunqula, basebenza ngezinto zokunceda, bewubhinqisa umkhombe; kananjalo bathi, besoyika ukuba bangeyela esihlabeni, bazifinyeza iiseyile, baqhutywa benjalo.
18Sithe ke, sakubon' ukuba ke sibandezelwe kakubi liliqhwa, ngomhla olandelayo bawuphungula umthwalo; 19nangowesithathu sayilahla ngezandla zethu impahla yomkhombe. 20Kuthe ke, kwakubon' ukuba akubonakali langa nankwenkwezi iintsuku ezininzi, kucinezele neliqhwa elingelincinane, laphela kwathi tu lonke ithemba lokuba singásindiswa.
21Emva kokuzila ukudla ixesha elide, wesuka wema uPawulos phakathi kwabo, wathi, Hina madoda, ninge naniphulaphule kum, ananduluka eKrete, nizuzane nale nkxwaleko noku konakala. 22Nangoku ndiyaniluleka ukuba nibe nomxhelo owonwabileyo; kuba kuni aba, akukho uya kulahlekelwa bubomi bakhe, yoba ngumkhombe wodwa. 23Kuba ngobu busuku bekumi ngakum isithunywa sikaThixo, endingowakhe, endimkhonzayo, sisithi, 24Musa ukoyika, Pawulos, umelwe kukuma phambi koKesare;• uyabona, uThixo ukubabale ngabo bonke abasemkhombeni nawe. 25Kungoko ndithi, Yibani nomxhelo owonwabileyo, madoda; kuba ndiyakholwa nguThixo, ukuba kuya kuba njalo ngolo hlobo athethe ngalo kum. 26Kodwa simelwe kukuphoseka siqithini sithile.
27Ke kaloku, kwakufika ubusuku beshumi elinesiné, sakubon' ukuba siqhutywaqhutywa ngumoya eAdriya, mayela phakathi kobusuku, oomatrose bazindla ukuba kukho mhlaba uthile basondelayo kuwo. 28Baza bakuba beyiphosile ilothe,• bafumana ukuba ziifatom• ezimashumi mabini; bethe tyi ke kancinane, baphinda bayiphosa ilothe, bafumana ukuba ziifatom ezilishumi elinantlanu. 29Baza, besoyika ukuthi bangaphoseka ezindaweni ezibungqagala, baphosa iiankile• zané esinqeni somkhombe, banga kungasa.
30Ke kaloku, bakubon' ukuba oomatrose bangxamele ukubaleka baphume emkhombeni, bewuhlisele elwandle umkhonjana, bengáthi baza kuyekelela iankile ngaphambili, 31wathi uPawulos kumthetheli-khulu nakumasoldati, Ukuba aba abathanga bahlale emkhombeni, aninakusindiswa nina. 32Andula amasoldati azinqamla iintsontelo zomkhonjana, awuyeka wawa, wemka.
33Ke kaloku kwada kwaza kusa, uPawulos ebabongoza bonke ukuba badle ukudla, esithi, Namhla ngumhla weshumi elinesiné nilinda, nimana nizila ukudla, ningafaki nto emlonyeni; 34ke ngoko ndiyanibongoza ukuba nidle ukudla; kuba oko kuyelelene nokusindiswa kwenu; kuba akuyi kuwa nalunwele lwentloko kabani kuni. 35Ke kaloku, akuba etshilo, wathabatha isonka, wabulela kuThixo emehlweni abo bonke; waqhekeza, waqala wadla. 36Bonke ke baba nomxhelo owonwabileyo, bathabatha ukudla nabo. 37Saye ke emkhombeni apho sonke siyimiphefumlo emakhulu mabini anamanci asixhenxe anamithandathu. 38Bathe ke, bakuhlutha, bawenza khaphukhaphu umkhombe, beyiphosa elwandle ingqolowa.
39Kwakusa ke, abawazanga loo mhlaba; ke babona ichwetyana elithile linonxweme, babhunga ukuwutyhalela kulo umkhombe, ukuba bangaba nako. 40Baza, bezinqumla zonke iiankile, baziyekela elwandle, bezikhulule kunye nezibophelelo zemithi yokujika; bayitwabulula iseyilana ngasemoyeni, babhekisa elunxwemeni. 41Bakuba ke begaxeleke endaweni enolwandle ngeenxa zombini, wangqubeka khona umkhombe; umphambili wagxumekeka khona, wahlala awashukuma; ke sona isinqe saqhekeka ngamandla amaza.
42Ke kaloku icebo lamasoldati laba lelokuba babulawe ababanjwa, hleze kubekho obaleka ngokudada, aphume. 43Kodwa umthetheli-khulu, enga angamsindisa uPawulos, wawaléla kwicebo lawo; kananjalo wathi, abo banako ukudada mabaziphose kuqala baphumele emhlabeni; 44bathi abaseleyo, inxenye ikhwèle eziplangeni, inxenye ikhwèle kwezinye izinto zomkhombe. Kwaza kwathi ngokunjalo bafika emhlabeni, basinda bonke.
Currently Selected:
IZENZO 27: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: