IZENZO 4
4
UPetros noYohane phambi kwentlanganiso yamatyala
1Bakubon' ukuba bayathetha kubo abantu, ababingeleli, nomphathi wetempile, nabaSadusi, bathi gaga phezu kwabo, 2bebindekile ngenxa yokuba befundisa abantu, bekuxela ukuvuka kubo abafileyo ngoku kukaYesu ukuvuka. 3Babesa izandla, babafaka entolongweni, kwada kwaba lingomso; kuba bekuse kuhlwile. 4Ke kaloku into eninzi yâbo babelivile ilizwi, yakholwa; lathi inani lamadoda langa limawaka mahlanu.
5Kwathi ke ngengomso, kwahlanganiselana eYerusalem abaphathi babo, namadoda amakhulu, nababhali, 6noAnas umbingeleli omkhulu, noKayafa, noYohane, noAlesandire, nabo bonke abomlibo wombingeleli omkhulu. 7Bathe bakuba bebamise phakathi, bababuza besithi, Le nto nina niyenze ngamandla mani na, nangagama lini na?
8Wandula uPetros, ezele nguMoya oyiNgcwele, wathi kubo, Nina baphathi babantu, nani madoda makhulu akwaSirayeli, 9ukuba thina namhlanje sincinwa ngomsebenzi wokumsiza umntu ongumlwelwe, ukuba uthiweni na ukusindiswa: 10makwazeke kuni nonke, nakubo bonke abantu bakwaSirayeli, ukuba kusegameni likaYesu Kristu waseNazarete, enambethelelayo emnqamlezweni nina, athe uThixo wamvusa kwabafileyo; kungaye lowo, ukuba lo mntu eme apha phambi kwenu ephilile.
11Nguye lo ilitye elenziwa into engento nini bakhi, elisuke laba yintloko yembombo. 12Kananjalo usindiso alukho kuwumbi; kuba akukho gama limbi phantsi kwezulu, linikiweyo phakathi kwabantu, esimele ukusindiswa ngalo.
13Ke kaloku, bakùbona ukungafihlisikuthetha koPetros noYohane, beqiqa nokuba ngabantu abangenamfundo, abangenakwazi, bamangaliswa; babaqonda ukuba babenaye uYesu. 14Bakumbona ke umntu emi nabo, yena lowo uphilisiweyo, ababanga nandawo yakuphika.
15Bakuba bethe mabaphume entlanganisweni yamatyala, bacebisana bodwa, besithi, 16Siya kubathini na aba bantu? Kuba okunene, ukuba kuhlé ngabo umqondiso owazekayo, oyinto ebonakalayo kubo bonke abemi eYerusalem, nathi asinakuyikhanyela loo nto. 17Ukuze ke loo nto ingahlakazeki ngakumbi ebantwini, masise sibasongela ngelokuba bangabi sathetha mntwini ngeli gama.
18Bebabizile, babathethela ngelithi, mabangabi sakhankanya nakanye, bangafundisi nokufundisa ngegama likaYesu. 19Ke kaloku uPetros noYohane baphendula, bathi kubo, Yahlulani nina, ukuba bubulungisa na emehlweni kaThixo ukuva nina, kunokuva uThixo; 20kuba singenako thina ukuthi singazithethi izinto esazibonayo, esazivayo.
21Bathe ke bona, beqokele ngokubasongela, babandulula; bengafumani sizathu bangababetha ngaso, ngenxa yabantu; ngokuba bonke babemzukisa uThixo ngoko kwakuhlile. 22Kuba wayedlule emashumini amané eminyaka umntu lowo, wawuhle kuye lo mqondiso wokuphiliswa.
UPetros noYohane babuyela kwizihlobo zabo
23Ke kaloku, bakundululwa, baya kwababo, babika oko zingako izinto abazithetháyo kubo ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu. 24Bona ke, bekuvile oko, baphakamisa izwi kuThixo ngamxhelo mnye, bathi, Mnini-ntozonke, wena unguThixo owalenzayo izulu nomhlaba nolwandle, neento zonke ezikwezo nto; 25owathi ngomlomo kaDavide umkhonzi wakho,
Zazibhavumelani na iintlanga,
Zaza izizwe zacamanga izinto ezingento?
26Bazimisa ookumkani behlabathi,
Nabaphathi bahlanganisana ndawonye
Ngokuyichasa iNkosi, naye uKristu• wayo.
(INdum. 2:1,2)
27Kuba, inyaniso, ngaye uMkhonzi wakho oyingcwele onguYesu, owamthambisayo, kwahlanganisana uHerode, kwanoPontiyo Pilato, ndawonye neentlanga nabantu bakwaSirayeli, 28ukuba benze izinto zonke ezamiswayo ngenxa engaphambili sisandla sakho nalicebo lakho, ukuba zibekho. 29Okwangoku ke, Nkosi, zikhangele izisongelo zabo, ubanike abakhonzi bakho ukuba balithethe ilizwi lakho ngako konke ukungafihlisi, 30ekusoluleni isandla sakho ukuba uphilise, nokuba kubekho imiqondiso nezimanga ngegama loMkhonzi wakho oyingcwele, uYesu.
31Bakubon' ukuba bakhungile, yazanyazanyiswa indawo ababehlanganisene kuyo, bazaliswa bonke nguMoya oyiNgcwele, balithetha ilizwi likaThixo ngokungafihlisiyo.
Ingxowa eyeyobudlelane
32Ke kaloku inkitha yababekholiwe yayintliziyo-nye, imphefumlo mnye; kwaye kungekho namnye ubesithi kukho nto iyeyakhe empahleni yakhe; zonke izinto zaye zizezobudlelane kubo. 33Baye abapostile• bekungqinela ngamandla amakhulu ukuvuka kweNkosi uYesu; kwaye kukho ukubabalwa okukhulu kubo bonke. 34Kuba kwakungekho namnye phakathi kwabo, wayeswele; kuba bonke ababenemihlaba, nokuba zizindlu, babesithi bathengise ngazo, bawazise amaxabiso ezo zinto kuthengisiweyo ngazo, 35bawabeke ezinyaweni zabapostile; waye ke elowo esabelwa njengoko ebesukuba eswele ngako.
36Ke kaloku uYose, owathiywa ngabapostile elinye igama lokuba nguBharnabhas (elithi, lakuthethwa ngentetho evakalayo, ngumfo wovuselelo), umLevi waseSipro ngokuzalwa, 37wathi enomhlaba wathengisa ngawo, wayizisa imali, wayibeka ezinyaweni zabapostile.
Currently Selected:
IZENZO 4: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: