KWABASE-EFESE 2

2
Usindiso luza ngobabalo lukaThixo
1Nani unidlise ubomi, nifile nje ziziphoso nazizono; 2enanifudula nihamba kuzo ngokwesimo seli hlabathi, ngokomphathi wegunya lesibhakabhaka, womoya lo usebenzayo ngoku kubo abangevayo; 3esasifudula nathi sonke sihleli phakathi kwabo ezinkanukweni zenyama yethu, sisenza ukuthanda kwenyama nokwengcinga, saye ngemvelo sikwangabantwana bengqumbo, njengabanye abo.
4Ke uThixo, esisityebi nje ngenceba, uthe ngenxa yothando lwakhe olukhulu, 5awasithanda ngalo, thina sifile nje ziziphoso, wasidlisa ubomi ndawonye noKristu (nisindiswé ngokubabalwa), 6wasivusa naye, wasihlalisa naye kwezasemazulwini iindawo, sikuKristu Yesu; 7ukuze ubutyebi obuncamisileyo bobabalo lwakhe abubonakalalise emaphakadeni azayo, ngokusenzela ububele ngoKristu Yesu. 8Kuba nisindiswe ngokubabalwa nangalo ukholo; nako oko kungaphumi kuni, kusisipho sikaThixo; 9akuphumi misebenzini, hleze kubekho bani uqhayisayo. 10Kuba thina singumsebenzi wakhe, sídalelwe kuKristu Yesu, ukuze senze imisebenzi elungileyo, awayilungisayo uThixo ngenxa engaphambili, ukuze sihambe kuyo.
Oweentlanga nomYuda bamanyenwe kuKristu
11Ngoko ndithi, Khumbulani ukuba nina, enibe nifudule niziintlanga ngokwenyama, kusithiwa ningabangàlukileyo, ngabo kuthiwa ngabolwaluko olwenziwe ngezandla enyameni: 12okokuba ngelo xesha nibe ningenaKristu, ningazani nawo umzi wakwaSirayeli, ningabasemzini kuyo iminqophiso yalo idinga, ningenathemba, ningenaThixo ehlabathini. 13Ke ngoku ngoKristu Yesu, nina, enibe nifudula nikude, nithe naba kufuphi ngalo igazi likaKristu.
14Kuba nguye oluxolo lwethu, yena uthe izinto zombini wazenza zaba nye, waluchitha ke udonga lothango oluphakathi, ubumpi ke obo, 15akuba ewubhangisile, esenyameni yakhe, umyalelo wemithetho esemimiselweni; ukuze abo babini ábadalele kuye ngokwakhe, babe mntu mnye, mtsha, esenza ke uxolo; 16nokuze abaxolelanise noThixo abo babini, babe mzimba mnye ngawo umnqamlezo, ebubulalele kuwo ubumpi obo. 17Weza ke washumayela iindaba ezilungileyo zoxolo kuni abo bakude, nakwabakufuphi; 18ngokuba kungaye ukungeniswa kwethu sobabini, siMoya mnye kuye uYise.
19Ngoko ke anisengabasemzini nabaphambukeli; ningamakhaya kubo abangcwele, ningabendlu kaThixo, 20nakhelwe phezu kwelitye lesiseko sabapostile• nabaprofeti, inguYesu Kristu ngokwakhe ilitye lembombo; 21esíthi kuye sonke isakhiwo, síhlangene kakùhle, sikhùle, sibe yitempile engcwele eNkosini; 22enithi nani nakhèlwe ndawonye kuye, ukuze nibe yindawo yokuhlala kaThixo ngaye uMoya.

Currently Selected:

KWABASE-EFESE 2: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena