IEKSODUS 24
24
UMoses wakha isibingelelo; unyukela entabeni
1Wathi ke kuMoses, Nyuka uye kuYehova, wena noAron, uNadabhi, noAbhihu, namashumi asixhenxe kumadoda amakhulu akwaSirayeli, ninqule nikude; 2kusondèle uMoses yedwa kuYehova; bangàsondeli bona, nabantu bangenyuki naye. 3Waya uMoses, wabaxelela abantu onke amazwi kaYehova, namasiko onke. Baphendula bonke abantu ngazwi-nye, bathi, Onke amazwi awathethileyo uYehova sowenza.
4Wawabhala uMoses onke amazwi kaYehova, wavuka kusasa, wákha isibingelelo emazantsi entaba, nezimiso zamatye zalishumi elinazibini, ngokwezizwe ezilishumi elinazibini zakwaSirayeli. 5Wathuma abafana bakoonyana bakwaSirayeli, banyusa amadini anyukayo, babingelela imibingelelo yoxolo, iinkunzi ezintsha zeenkomo kuYehova. 6UMoses wathabatha isiqingatha segazi, wasigalela ezidendelekweni, esinye isiqingatha segazi wasitshiza esibingelelweni. 7Wathabatha incwadi yomnqophiso, wayilesa ezindlebeni zabantu; bathi bona, Yonke into ayithethileyo uYehova soyenza siyive. 8Walithabatha uMoses igazi, wabatshiza abantu ngalo, wathi, Nâlo igazi lomnqophiso awenzayo uYehova nani ngala mazwi onke.
9Wenyuka uMoses noAron, uNadabhi noAbhihu, namashumi osixhenxe kumadoda amakhulu akwaSirayeli. 10Bambona uThixo wamaSirayeli; phantsi kweenyawo zakhe kwaye kunjengento eyenziwe ngesafire• eqaqambileyo, njengenkqu yezulu lisile. 11Amanene oonyana bakaSirayeli akawasanga sandla. Ambona ke uThixo, adla, asela.
12Wathi uYehova kuMoses, Nyuka uze kum entabeni, ube khona, ndikùnike amacwecwe amatye enomyalelo nomthetho, endiwubhalele ukuze bayalwe ngawo. 13Wesuka uMoses noYoshuwa, umlungiseleli wakhe, wenyuka ke uMoses waya entabeni kaThixo. 14Wathi kumadoda amakhulu, Hlalani, nisilinde apho, side sibuye, size kuni. Yabonani, uAron noHure banáni; onendawo yokumangala makasondele kubo.
15Wenyuka ke uMoses waya entabeni; ilifu layigubungela intaba. 16Ubuqaqawuli bukaYehova bahlala phezu kwentaba yeSinayi; ilifu layigubungela iintsuku ezintandathu; wamemeza kuMoses ngosuku lwesixhenxe phakathi efini. 17Ke ukubonakala kobuqaqawuli bukaYehova, emehlweni oonyana bakaSirayeli, kwaye kunjengomlilo otshayo encotsheni yentaba. 18Wangena uMoses phakathi efini, wenyuka ke intaba uMoses; waba sentabeni apho iimini ezimashumi mané, nobusuku obumashumi mané.
Currently Selected:
IEKSODUS 24: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: