IEKSODUS 28
28
Izivatho zobubingeleli zika-Aaron nezoonyana bakhe
1Wena ke sondeza kuwe uAron umkhuluwa wakho, enoonyana bakhe, umthabathe phakathi koonyana bakaSirayeli abe ngumbingeleli kum: uAron, noNadabhi, noAbhihu, noElazare, noItamare, oonyana baka-Aaron; 2uAron, umkhuluwa wakho, umenzele izambatho ezingcwele, zibe zezozuko nezokuhomba. 3Uze uthethe wena kubo bonke abantliziyo zilumkileyo, endibazalise ngomoya wobulumko, bazenze izambatho zika-Aron zokumngcwalisa, abe ngumbingeleli kum. 4Zizo ke ezi izambatho abaya kuzenza: ubengo, ne-efodi,• nengubo yokwaleka, nengubo yangaphantsi elukwe ngokwesindlwane, nonkontsho, nombhinqo; bamenzele ke izambatho ezingcwele uAron, umkhuluwa wakho, noonyana bakhe, abe ngumbingeleli kum. 5Bothabatha bona igolide, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo.
6Maze bayenze iefodi• ngegolide, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo, umsebenzi ke lowo wengcibi yokuluka. 7Yoba neziziba ezibini zamagxa, zokuyixakatha emiphethweni yayo yomibini, ixakathwe ke. 8Nombhinqo ophezu kwayo, wokuyinxiba iefodi, mawube njengokusetyenzwa kwayo, uphume kuyo, ngegolide, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo.
9Uze uthabathe amatye ebherilo• abe mabini, ukrole kuwo amagama oonyana bakaSirayeli; 10amagama amathandathu abo oba kwelinye ilitye, namagama amathandathu amanye abe kwelesibini ilitye, ngokweenzala zabo. 11Wòwakrola amatye omabini, ngokomsebenzi womkroli wamatye, ngokrolo lomsesane wokutywina, ngokwamagama oonyana bakaSirayeli, uwabhijele ngomluko wegolide. 12Uze uwabeke amatye omabini ezizibeni zamagxa ze-efodi, abe ngamatye esikhumbuzo koonyana bakaSirayeli; awathwale uAron amagama abo phambi koYehova ezizibeni zamagxa akhe omabini, abe sisikhumbuzo.
13-14Uze wenze nemiluko yegolide; neentsontelo ezimbini zegolide ecocekileyo, uzenze zithi shinyi, zibe ngumsebenzi osontiweyo, uzifake iintsontelo ezo zisontiweyo emilukweni yegolide.
15Uze ulwenze ubengo lwesigwebo, umsebenzi ke lowo wengcibi yokuluka, ulwenze njengokwenziwa kwe-efodi, ulwenze ngegolide, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo. 16Loba mbombo-né, luphindwe: ubude balo bube kukolulwa kweminwe, ububanzi balo bube kukolulwa kweminwe. 17Uze ufake kulo imifakwa yamatye, imikrozo eminé yamatye; ibe lukrozo lwesardiyo,• netopazi,• nesmarado,• lukrozo lokuqala ke olo; 18ukrozo lwesibini lube yirubhi,• nesafire,• nekalikedo;• 19ukrozo lwesithathu lube yihakinto,• neagati,• neametiste;• 20ukrozo lwesiné lube yikrizolite,• nebherilo,• neyaspisi;• ibe ngumluko wegolide ekufakweni kwawo; 21amatye lawo abe ngokwamagama oonyana bakaSirayeli, abe lishumi elinamabini ngokwamagama abo; abe nokrolo lomsesane wokutywina, lithi elo libe negama lalo ngokwamagama ezizwe ezilishumi elinazibini.
22Uze wenze elubengweni iintsontelo ezithe shinyi, umsebenzi ke lowo osontiweyo ngegolide ecocekileyo; 23wenze elubengweni amakhonkco abe mabini ngegolide, uwafake loo makhonkco mabini emancamini omabini obengo; 24uzifake iintsontelo zombini zegolide esontiweyo, emakhonkcweni amabini asemancamini obengo; 25namancam omabini eentsontelo zombini uwafake emilukweni yomibini, uwafake ezizibeni zamagxa e-efodi, phambili kuyo.
26Uze wenze amakhonkco amabini ngegolide, uwafake emancamini omabini obengo, emphethweni walo okwicala elikhangelene ne-efodi, elibheke ngaphakathi; 27wenze amanye amakhonkco amabini ngegolide, uwafake ezizibeni zozibini zamagxa e-efodi ngaphantsi, mayela nomphambili wayo, kufuphi nokuhlangana kwayo, entla kombhinqo we-efodi; 28ulunxibelele ubengo ngamakhonkco alo emakhonkcweni e-efodi ngentsontelo yemisonto emsi, lube sentla kombhinqo we-efodi, ukuze lungasuki ubengo kuyo iefodi.
29Wowathwala uAron amagama oonyana bakaSirayeli elubengweni lwesigwebo phezu kwentliziyo yakhe, ekungeneni kwakhe engcweleni, luhlale lusisikhumbuzo phambi koYehova. 30Uze ufake elubengweni lwesigwebo iiUrim neeTumim,• zibe phezu kwentliziyo ka-Aron ekungeneni kwakhe phambi koYehova, ahlale ethwele uAron isigwebo soonyana bakaSirayeli phezu kwentliziyo yakhe phambi koYehova.
31Ingubo yokwaleka ye-efodi maze uyenze yonke ngemisonto emsi. 32Umqala wamantla ayo woba sesazulwini sayo, umqala ube nomphetho owujikelezileyo, ongumsebenzi womluki, ube njengomqala wesigcina-sifuba kuyo, ukuze ingakrazuki. 33Uze wenze emqukumbelweni wayo ngasezantsi iirharnate ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, zizunguleze emqukumbelweni wayo; namankenteza egolide phakathi kwazo, azunguleze. 34Kobakho inkenteza legolide nerharnate, inkenteza legolide nerharnate, emqukumbelweni wengubo yokwaleka, kuzunguleze; 35ayinxibe uAron, ukuba alungiselele; sivakale isandi sayo ekungeneni kwakhe engcweleni phambi koYehova, nasekuphumeni kwakhe, ukuze angafi.
36Uze wenze imbasa ngegolide ecocekileyo, ukrole kuyo ngokrolo lomsesane wokutywina, uthi, INGCWELE KUYEHOVA; 37uyifake umtya wemisonto emsi, inxitywe elunkontshweni. 38Yoba ngaphambili elunkontshweni, ibe sebunzi kuAron, ukuze abuthwale uAron ubugwenxa bezinto ezingcwele, abazingcwalisayo oonyana bakaSirayeli eminikelweni yabo yonke engcwele; ihlale isebunzi kuye, ukuze zibakholekise zona phambi koYehova.
39Uze uyiluke ingubo yangaphantsi ngelinen ecikizekileyo, unkontsho ulwenze ngelinen ecikizekileyo, uwenze nombhinqo ngokomsebenzi oyimfakamfele womluki.
40Wobenzela oonyana baka-Aron iingubo zangaphantsi, ubenzele umbhinqo; ubenzele neminqwazi, ibe yeyozuko neyokuhomba; 41uzinxibe kuAron umkhuluwa wakho, nakoonyana bakhe benaye, ubathambise, ubamisele, ubangcwalise, babe ngababingeleli kum. 42Wobenzela iibhulukhwe zelinen emhlophe zokufihla ubuzé babo, zithabathele esinqeni zise emathangéni; 43bazinxibe uAron noonyana bakhe ekungeneni kwabo emnqubeni wokuhlangana, nasekusondeleni kwabo esibingelelweni, besiza kulungiselela engcweleni, bangathwali ubugwenxa bafe; ibe ngummiselo ongunaphakade kuye, nakwimbewu yakhe emva kwakhe.
Currently Selected:
IEKSODUS 28: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: