IEKSODUS 9
9
Isibetho sesihlanu nesesithandathu nesesixhenxe
1Wathi uYehova kuMoses, Yiya kuFaro, uthethe naye, uthi, Utsho uYehova uThixo wamaHebhere, ukuthi, Bandulule abantu bam, baye kundikhonza. 2Okanye ukuba uthe akwavuma ukubandulula, waba usababambile, 3yabona, isandla sikaYehova soba semfuyweni yakho esendle, emahasheni, emaesileni, ezinkameleni, ezinkomeni, nasempahleni emfutshane, senze indyikitya yokufa enzima kunene; 4uYehova ayibalule imfuyo yamaSirayeli kwimfuyo yamaYiputa: akuyi kufa nto kuyo yonke eyoonyana bakaSirayeli. 5UYehova umisé ixesha elithile, wathi, Ngomso uYehova uya kuyenza le nto kweli lizwe. 6Wayenza ka uYehova le nto ngengomso. Yafa yonke imfuyo yamaYiputa; ke kweyoonyana bakaSirayeli imfuyo akufanga nanye. 7UFaro wasusa umntu. O, kweyamaSirayeli imfuyo akufanga nokuba ibe nye. Yaqaqadeka intliziyo kaFaro, akabandulula abantu.
8Wathi uYehova kuMoses nakuAron, Thabathani uthuthu lweziko, nizalise izandla zozibini, uMoses aluphose phezulu esibhakabhakeni phambi koFaro, 9lube luthuli ezweni lonke laseYiputa, lube ngamathumba athe qwele ngamaqhakuva ebantwini, nasezinkomeni, ezweni lonke laseYiputa. 10Baluthabatha ke uthuthu lweziko, bema phambi koFaro; uMoses waluphosa phezulu esibhakabhakeni, lwaba ngamathumba athe qwele ngamaqhakuva ebantwini nasezinkomeni. 11Azaba nako izazi ukuma phambi koMoses ngenxa yamathumba; kuba amathumba abakho kwizazi nakumaYiputa onke. 12UYehova wayenza lukhuni intliziyo kaFaro, akabaphulaphula, njengoko watshoyo uYehova kuMoses.
13Wathi uYehova kuMoses, Vuka kusasa, ume phambi koFaro, uthi kuye, Utsho uYehova uThixo wamaHebhere, ukuthi, Bandulule abantu bam, baye kundikhonza. 14Kuba ngesi sihlandlo ndithuma zonke izibetho zam entliziyweni yakho, nakubakhonzi bakho, nakubantu bakho, ukuze wazi ukuba akukho unjengam ehlabathini lonke. 15Kuba ngoku, ukuba bendithe ndasolula isandla sam, ndakubetha wena nabantu bakho ngendyikitya yokufa, ngewuthe shwaka akwabakho ehlabathini. 16Noko ke ndikumisele eli thuba lokuba ndiwabonakalalise amandla am kuwe, laziswe igama lam ehlabathini lonke. 17Unangoku usazenza udonga kubantu bam, akubandululi. 18Yabona, eli xa ngomso ndiya kunisa isichotho esinzima kunene, ekungazanga kubekho singangaso eYiputa, kususela kwimini eyasekwayo kude kube ngoku. 19Thumela ngoku, ukhawuleze, uhlanganise imfuyo yakho, neento zakho zonke onazo ezindle; bonke abantu neenkomo ezifunyenwe endle zingàhlanganiselwanga ekhaya, zohlelwa sisichotho, zife.
20Owaloyikayo ilizwi likaYehova kubakhonzi bakaFaro, wabasabisela ezindlwini abakhonzi bakhe nemfuyo yakhe. 21Ongalibekelanga ntliziyo ilizwi likaYehova, wabayeka abakhonzi bakhe nemfuyo yakhe endle.
22Wathi uYehova kuMoses, Yolulela isandla sakho ezulwini, kubekho isichotho ezweni lonke laseYiputa phezu kwabantu, naphezu kweenkomo, naphezu kwemifuno yonke yasendle, ezweni lonke laseYiputa. 23UMoses wayolulela intonga yakhe ezulwini; uYehova wathoba indudumo nesichotho, nomlilo wehla weza emhlabeni. UYehova walinisela isichotho ilizwe laseYiputa. 24Kwabakho ke isichotho, nomlilo obophene phakathi kwesichotho, sinzima kunene, ekungazanga kubekho singangaso ezweni lonke lamaYiputa, kususela oko aba luhlanga. 25Isichotho sayibetha yonke into esendle ezweni lonke laseYiputa, kwathabathela emntwini kwesa enkomeni; sayibetha isichotho yonke imifuno yasendle, sayaphula yonke imithi yasendle. 26Kodwa ezweni laseGoshen, apho babekhona oonyana bakaSirayeli, akubangakho sichotho.
27Wathuma uFaro, wabiza uMoses noAron, wathi kubo, Ndonile okwesi sihlandlo. UYehova ulilungisa, ke mna nabantu bam asindawo. 28Thandazani kuYehova; kwanele ukubakho kweendudumo zikaThixo nesichotho; ndonindulula ningabi sahlala. 29UMoses wathi kuye, Ekuphumeni kwam phakathi komzi, ndozolulela kuYehova izandla zam, ziyeke iindudumo, nesichotho singabi sabakho, ukuze wazi ukuba umhlaba lo ngokaYehova. 30Ke wena nabakhonzi bakho, ndiyazi ukuba aniyi kwandula nimoyike uYehova uThixo.
31Yabhuqwa iflakisi• nerhasi, kuba irhasi ibiselidubule, neflakisi ibiselityatyambile. 32Ke yona ingqolowa nespelete• ayibhuqwanga; kuba ibisencinane. 33Waphuma uMoses phakathi komzi, wemka kuFaro, wazolulela izandla zakhe kuYehova, zayeka iindudumo nesichotho, yathula imvula emhlabeni.
34Wabona uFaro ukuba iphelile imvula nesichotho neendudumo, waphinda wóna, wayiqaqadekisa intliziyo yakhe, yena nabakhonzi bakhe. 35Yaba lukhuni ke intliziyo kaFaro, akabandulula oonyana bakaSirayeli, njengoko watshoyo uYehova ngoMoses.
Currently Selected:
IEKSODUS 9: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: