IGENESIS 26
26
UIsake eGerare; umnqophiso noAbhimeleki
1Kwabakho indlala ezweni, ngaphandle kweyokuqala indlala, eyayikho ngemihla ka-Abraham; waya uIsake uAbhimeleki, ukumkani wamaFilisti, eGerare.
2UYehova wabonakala kuye, wathi, Musa ukuhla uye eYiputa; yima ezweni endiya kukuxelela lona. 3Phambukela kweli zwe. Ndoba nawe, ndikusikelele; kuba ndiya kuwanika wena nembewu yakho onke la mazwe, ndisimise isifungo endasifungayo kuAbraham uyihlo; 4ndiyàndise imbewu yakho njengeenkwenkwezi zezulu, ndiyinike imbewu yakho onke la mazwe, zisikelelwe ngembewu yakho zonke iintlanga zehlabathi; 5ngenxa enokuba uAbraham waliphulaphulayo izwi lam, wasigcina isigxina sam, nemithetho yam, nemimiselo yam, nemiyalelo yam. 6Wahlala uIsake eGerare.
7Abuza amadoda aloo ndawo ngomkakhe. Wathi, Ngudade wethu; kuba ebesoyika ukuthi, Ngumkam; hleze ambulale amadoda ale ndawo ngenxa kaRebheka, ngokuba ebemhle imbonakalo. 8Kwathi, akubon' ukuba ulibele umzuzu khona, wondela uAbhimeleki, ukumkani wamaFilisti, ngefestile; wakhangela, nanko, uIsake edlala noRebheka umkakhe. 9UAbhimeleki wambiza uIsake, wathi, Yabona, inene ngumkakho lo; ungáthini na ukuthi, Ngudade wethu? Wathi uIsake kuye, Bendisithi, hleze ndife ngenxa yakhe. 10Wathi uAbhimeleki, Yini na ukuba wenze le nto kuthi? Othile ebantwini ebengáthi alale nomkakho, ube usizisele ityala. 11UAbhimeleki wawisela bonke abantu umthetho wokuthi, Lowo uyichukumisayo le ndoda nomkayo wobulawa afe.
12UIsake wahlwayela kwelo zwe, wazuza ngaloo mnyaka imilinganiso elikhulu; uYehova wamsikelela. 13Yaba nkulu indoda leyo, yaya ikhula ngokukhula, yada yaba nkulu kunene. 14Yaba nemfuyo yempahla emfutshane, nemfuyo yeenkomo, nabakhonzi abaninzi; ayimonela amaFilisti. 15Onke amaqula, ababewambile abakhonzi bakayise ngemihla ka-Abraham uyise, awavingca amaFilisti, awadibelela ngomhlaba. 16Wathi uAbhimeleki kuIsake, Mka kuthi, ngokuba usuke waba namandla amakhulu kunathi.
17UIsake wemka ke apho, wamisa iintente esihlanjeni saseGerare, wahlala khona. 18Wabuya uIsake wawamba amaqula amanzi, ababewambile ngemihla ka-Abraham uyise, abevingciwe ngamaFilisti emveni kokufa kuka-Abraham; wawabiza ngamagama abewabize ngawo uyise. 19Bemba abakhonzi bakaIsake esihlanjeni eso, bafumana khona iqula lamanzi aphilileyo. 20Abalusi baseGerare babambana nabalusi bakaIsake, besithi, Ngawethu la manzi; wathi igama lequla elo yiEseke,• kuba babezamana naye. 21Bemba elinye iqula, babambana nangalo, wathi igama lalo yiSitena.• 22Wesuka khona wemba elinye iqula; àbabambananga ngalo, wathi igama lalo yiRehobhoti.• Wathi, Inene, ngoku uYehova usenzele indawo ebanzi, ukuze siqhame ezweni apha. 23Wenyuka wemka khona, waya eBhershebha. 24UYehova wabonakala kuye ngobo busuku, wathi, NdinguThixo ka-Abraham uyihlo. Musa ukoyika, kuba ndinawe; ndiya kukusikelela, ndiyandise imbewu yakho, ngenxa ka-Abraham, umkhonzi wam. 25Wákha khona isibingelelo, wanqula igama likaYehova, wayimisa khona intente yakhe; abakhonzi bakaIsake bemba khona iqula.
26Ke kaloku uAbhimeleki weza kuye ephuma eGerare, noAhuzati, isihlobo sakhe, noFikolo, umthetheli womkhosi wakhe. 27Wathi uIsake kubo, Nizeleni na kum, nandithiyayo nje, nandindulula kuni? 28Bathi, Siboné kakuhle ukuba uYehova unawe; sathi, makubekho isifungo phakathi kwethu nawe, senze umnqophiso nawe, 29wokuba ungasenzeli bubi, njengokuba singakusunduzanga, njengokuba sikwenzele okulungileyo kodwa, sakundulula unoxolo; ngoku ùsikelelwe nguYehova.
30Wabenzela isidlo, badla, basela. 31Bavuka kusasa, bafungelana; uIsake wabandulula, bemka kuye benoxolo. 32Kwathi ngaloo mini, bafika abakhonzi bakaIsake, bamxelela indawo yequla ababelimbile, bathi kuye, Siwafumene amanzi. 33Wathi liyiShibha;• ngenxa yoko igama laloo mzi liyiBher-shebha unanamhla.
34Ke kaloku uEsawu, akuba minyaka imashumi mané ezelwe, wazeka umfazi, uYuditi intombi kaBheri, umHeti, noBhasemati intombi kaElon, umHeti; 35babacaphukisa ooIsake noRebheka.
Currently Selected:
IGENESIS 26: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: