IGENESIS 28
28
UYakobi uya kuzifunela umfazi
1UIsake wambiza uYakobi, wamsikelela, wamwisela umthetho, wathi kuye, Uze ungazeki mfazi ezintombini zakwaKanan. 2Suka uye ePadan-aram, endlwini kaBhetuweli unyokokhulu, uzeke khona umfazi ezintombini zikaLabhan, unyokolume. 3Ngamana uThixo uSomandla wakusikelela, wakuqhamisa, wakwandisa, ukuze ube sisikhungu sezizwe; 4akunike intsikelelo ka-Abraham, wena nembewu yakho ndawonye nawe, ukuze ulidle ilifa ilizwe lokuphambukela kwakho, elo uThixo walinika uAbraham.
5UIsake wamndulula ke uYakobi; waya ePadan-aram, kuLabhan unyana kaBhetuweli umAram,• umnakwabo boRebheka, unina booYakobi noEsawu.
6UEsawu wabona ukuba uIsake umsikelele uYakobi, wamndulula ukuba aye ePadan-aram, azeke khona umfazi; ekumsikeleleni kwakhe wamwisela umthetho wokuthi, Uze ungazeki mfazi ezintombini zakwaKanan; 7noYakobi umphulaphule uyise nonina, waya ePadanaram. 8Wabona uEsawu ukuba iintombi zakwaKanan azifunwa nguIsake uyise; 9wasuka waya uEsawu kuIshmayeli, wazeka uMahalati, intombi kaIshmayeli, unyana ka-Abraham, udade boNebhayoti, phezu kwabafazi bakhe, wangumkakhe.
Iphupha likaYakobi eBheteli
10Waphuma ke uYakobi eBher-shebha, waya kwaHaran. 11Wathi qatha ndaweni ithile, walala khona, kuba belitshonile ilanga. Wathabatha kumatye aloo ndawo, wabeka phantsi kwentloko yakhe, walala kuloo ndawo.
12Waphupha ebona ileli, imisiwe emhlabeni, intloko yayo iye yafika emazulwini; nanzo izithunywa zikaThixo zinyuka, zisihla ngayo; 13nanko uYehova emi phezu kwayo, wathi, NdinguYehova, uThixo ka-Abraham uyihlo, uThixo kaIsake. Ilizwe elo ulele kulo, ndiya kulinika wena, nembewu yakho; 14imbewu yakho ibe njengothuli lomhlaba, uphangalale, usinge entshonalanga, nasempumalanga, nasentla, nasezantsi, zisikelelwe ngawe nangembewu yakho zonke izizwe zehlabathi. 15Yabona, ndinawe; ndiya kukugcina naphi apho uya khona, ndikubuyisele kuló mhlaba; ngokuba andiyi kukushiya, ndide ndikwenze oko ndikuthethileyo kuwe.
16Wavuka uYakobi ebuthongweni bakhe, wathi, Kunjenje ke, uYehova ukho kule ndawo, kanti mna bendingazi. 17Woyika, wathi, Asikuko nokuba iyoyikeka le ndawo; yindlu kaThixo le, ayinto yimbi; lisango lamazulu eli. 18Wavuka uYakobi kwakusasa, walithabatha ilitye abelibeke phantsi kwentloko yakhe, walimisa lasisimiso, wathulula ioli phezu kwalo. 19Wathi igama laloo ndawo yiBheteli,• nangona beliyiLuzi, igama laloo mzi ekuqaleni.
20Wabhambathisa ngesibhambathiso uYakobi, esithi, Ukuba uThixo uthe waba nam, wandigcina kuyo le ndlela ndiyihambayo, wandinika isonka ndadla, 21neengubo ndambatha, ndabuyela endlwini kabawo ndinoxolo: 22uYehova woba nguThixo wam, neli litye ndilimisileyo lasisimiso loba yindlu kaThixo; neento zonke othe wandinika, ndokunika isishumi sazo.
Currently Selected:
IGENESIS 28: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: