IGENESIS 32
32
UYakobi uzilungiselela ukuhlangabezana noEsawu
1UYakobi wahamba ngendlela yakhe; zaqubisana naye izithunywa zikaThixo. 2Wathi uYakobi akuzibona, Ngumkhosi kaThixo lo; wathi igama laloo ndawo yiMahanayim.•
3Ke kaloku uYakobi wathuma abathunywa phambi kwakhe, baya kuEsawu, umkhuluwa wakhe, ezweni lakwaSehire, emhlabeni wakwaEdom. 4Wabawisela umthetho esithi, Nòthi ukuthetha enkosini yam uEsawu, Utsho umkhonzi wakho uYakobi ukuthi, Bendingumphambukeli kuLabhan, ndalibala khona kwada kwangoku; 5ndineenkomo, namaesile, nempahla emfutshane, nabakhonzi, nabakhonzazana; ndithumèle ukuxelela inkosi yam, ukuze indibabale. 6Abathunywa babuyela kuYakobi besithi, Sifikile kumkhuluwa wakho uEsawu, naye uyeza kukukhawulela, enamadoda angamakhulu omané. 7Woyika kunene uYakobi, wabandezeleka, wabahlula abantu ababenaye, nempahla emfutshane, neenkomo, neenkamela; iimfuduka zambini. 8Wathi, Ukuba uEsawu uthe wafika kwenye imfuduka, wayichitha, yosinda imfuduka eseleyo.
9Wathi uYakobi, Thixo kabawo uAbraham, Thixo kabawo uIsaka, Yehova, ùthe kum, Buyela ezweni lakowenu, kwelokuzalwa kwakho; ndokuphatha kakuhle. 10Andiyilingene inceba yonke, nenyaniso yonke oyenzileyo kumkhonzi wakho; kuba ndayiwela le Yordan, ndinentonga yam yodwa, kodwa ngoku ndimfuduka mbini. 11Khawundihlangule esandleni somkhuluwa wam, esandleni sikaEsawu; ngokuba ndiyamoyika, hleze afike andibulale, unina ndawonye nabantwana. 12Wawuthe wena, Inene, ndiya kukuphatha kakuhle, imbewu yakho ndiyenze ibe njengentlabathi yolwandle, engenakubalwa ngenxa yobuninzi.
13Ke kaloku yena walala khona ngobo busuku. Wathabatha entweni esifike kuyo isandla sakhe, yangumnikelo kuEsawu, umkhuluwa wakhe; 14iimazi zeebhokhwe ezimakhulu mabini, neenkunzi zeebhokhwe ezimashumi mabini, neemazi zeegusha ezimakhulu mabini, neenkunzi zeegusha ezimashumi mabini, 15neenkamela ezisengwayo ezimashumi mathathu, ezinamathole azo, neemazi zeenkomo ezimashumi mané, neenkunzi zeenkomo ezilishumi, neemazi zamaesile ezimashumi mabini, namaxhamxwa alishumi. 16Wazinikela esandleni sabakhonzi bakhe, walowo umhlambi wawodwa.
Wathi kubakhonzi bakhe, Welani phambi kwam, nibeke isithuba phakathi komhlambi nomhlambi. 17Owokuqala wamwisela umthetho, wathi, Xa athe uEsawu umkhuluwa wam waqubisana nawe, wakúbuza ngokuthi, Ùngokabani na? Ùya phi na? Zezikabani na ezi zinto ziphambi kwakho? wòthi, 18Zezomkhonzi wakho uYakobi: ngumnikelo othunyelwe inkosi yam uEsawu; nanku ke naye ngasemva kwethu. 19Nowesibini, nowesithathu wamwisela umthetho, nabo bonke ababeyilandela imihlambi, esithi, Nòthetha ngolo hlobo kuEsawu, nakufumanana naye. 20Kananajalo nòthi, Nanko umkhonzi wakho uYakobi engasemva kwethu. Kuba wathi, Mandibucamagushe ubuso bakhe ngomnikelo ohamba phambi kwam, emveni koko ndibùbone ubuso bakhe; mhlawumbi wondibuka. 21Umnikelo lowo wahamba phambi kwakhe; ke yena walala ngobo busuku emfudukeni.
22Wavuka ngobo busuku, wathabatha abafazi bakhe bobabini, nabakhonzazana bakhe bobabini, noonyana bakhe abalishumi elinamnye, waliwela izibuko leYabhoki. 23Wabathabatha ke, wabaweza emfuleni lowo, waziweza zonke izinto abenazo.
UYakobi uzamazamana nesithunywa
24UYakobi wasala yedwa; kwazamana indoda naye kwada kwathi qhiphu ukusa. 25Yakubona ukuba ayimeyisi, yachukumisa usikrobana womlenze wakhe, wancothuka usikrobana womlenze kaYakobi ngokuzamana nayo. 26Yathi, Ndíndulule ndihambe, kuba kuyasa. Wathi yena, Andiyi kukundulula umke, ukuba akuthanga undisikelele. 27Yathi kuye, Ngubani na igama lakho? Wathi, NdinguYakobi. 28Yathi, Igama lakho akusayi kuba sathiwa nguYakobi; kuya kuthiwa unguSirayeli,• ngokuba ulwe noThixo nabantu, weyisa. 29Wabuza uYakobi wathi, Ndixelele igama lakho. Yathi, Ulibuzelani na igama lam? 30Yamsikelela khona. UYakobi wayithiya loo ndawo igama eliyiPeniyeli;• kuba wathi, Ndibonene noThixo, wahlangulwa umphefumlo wam. 31Lathi chapha ilanga, akudlula ePeniweli, ejingxela ngomlenze wakhe. 32Ngenxa yoko oonyana bakaSirayeli abawudli umsipha kasikrobana ophezu kosikrobana womlenze, nanamhla; ngokuba yachukumisa usikrobana womlenze kaYakobi emsipheni kasikrobana.
Currently Selected:
IGENESIS 32: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: