IGENESIS 36
36
Inzala kaEsawu
1Yiyo le ke inzala kaEsawu, onguEdom. 2UEsawu wabazeka abafazi bakhe ezintombini zakwaKanan: uAda, intombi kaElon umHeti, noAholibhama, intombi ka-Ana, intombi kaTsibheyon umHivi; 3wazeka noBhasemati, intombi kaIshmayeli, udade boNebhayoti. 4UAda wamzalela uEsawu uElifazi: uBhasemati wazala uRehuweli. 5UAholibhama wazala uYehushe, noYalam, noKora. Ngabo abo oonyana bakaEsawu, awabazalelwayo ezweni lakwaKanan.
6UEsawu wabathabatha abafazi bakhe, noonyana bakhe, neentombi zakhe, nabendlu yakhe yonke, nemfuyo yakhe, namaqegu akhe onke, nengqwebo yakhe yonke abeyiqwebile ezweni lakwaKanan, waya kwelinye ilizwe, emka ngenxa kaYakobi umninawa wakhe. 7Kuba ingqwebo yabo ibininzi, ukuze bangabi nakuhlala ndawonye; nelizwe lokuphambukela kwabo libe lingenakubathwala, ngenxa yemfuyo yabo. 8Wahlala uEsawu entabeni yakwaSehire. UEsawu ke lowo nguEdom.
9Yiyo le ke inzala kaEsawu, uyise wamaEdom, entabeni yakwaSehire. 10Ngawo la ke amagama oonyana bakaEsawu: nguElifazi, unyana ka-Ada, umkaEsawu; nguRehuweli, unyana kaBhasemati, umkaEsawu. 11Oonyana bakaElifazi nguTeman, no-Omare, noTsefo, noGatam, noKenazi. 12UTimna ebelishweshwe likaElifazi, unyana kaEsawu, wamzalela uElifazi uAmaleki; 13ngabo abo oonyana baka-Ada, umkaEsawu. Ngabo aba oonyana bakaRehuweli: uNahati, noZera, noShama, noMiza. Ngabo abo oonyana bakaBhasemati, umkaEsawu. 14Ngabo aba oonyana baka-Aholibhama, intombi ka-Ana, intombi kaTsibheyon, umkaEsawu: wamzalela uEsawu uYehushe, noYalam, noKora.
15Zizo ezi izikhulu zoonyana bakaEsawu: oonyana bakaElifazi, owamazibulo kuEsawu, sisikhulu esinguTeman, isikhulu esinguOmare, isikhulu esinguTsefo, isikhulu esinguKenazi, isikhulu esinguKora, isikhulu esinguGatam, isikhulu esinguAmaleki. 16Zizo ezo izikhulu zakwaElifazi ezweni lakwaEdom; ngabo abo oonyana baka-Ada. 17Ngabo aba oonyana bakaRehuweli, unyana kaEsawu: sisikhulu esinguNahati, isikhulu esinguZera, isikhulu esinguShama, isikhulu esinguMiza; zizo ezo izikhulu zakwaRehuweli ezweni lakwaEdom; ngabo abo oonyana bakaBhasemati, umkaEsawu. 18Ngabo aba oonyana baka-Aholibhama, umkaEsawu: sisikhulu esinguYehushe, isikhulu esinguYalam, isikhulu esinguKora; zizo ezo izikhulu zakwa-Aholibhama, intombi ka-Ana, umkaEsawu. 19Ngabo abo oonyana bakaEsawu, zizo ezo izikhulu; nguEdom ke lowo.
20Ngabo aba oonyana bakaSehire umHori, ababemi kwelo zwe: uLotan, noShobhali, noTsibheyon, noAna, 21noDishon, noEtsere, noDishan; zizo ezo izikhulu zamaHori, oonyana bakaSehire, ezweni lakwaEdom. 22Oonyana bakaLotan babengamaHori, noHemam; udade boLotan nguTimna. 23Ngabo aba oonyana bakaShobhali: nguAlevan, noManahati, noEbhali, noShefo, no-Onam. 24Ngabo aba oonyana bakaTsibheyon: nguAya noAna. Ngulo Ana wayifumanayo imithombo eshushu entlango, esalusa amaesile kaTsibheyon uyise. 25Ngabo aba oonyana baka-Ana: nguDishon; uAholibhama wayeyintombi ka-Ana. 26Ngabo aba oonyana bakaDishon: nguHemdan, noEshbhan, noItran, noKeran. 27Ngabo aba oonyana bakaEtsere: 28nguBhilehan, noZavan, noAkan. Ngabo aba oonyana bakaDishan: ngu-Utse noAran.
29Zizo ezi izikhulu zamaHori: isikhulu esinguLotan, isikhulu esinguShobhali, isikhulu esinguTsibheyon, isikhulu esinguAna, 30isikhulu esinguDishon, isikhulu esinguEtsere, isikhulu esinguDishan; zizo ezo izikhulu zamaHori, ngokwezikhulu zabo ezweni lakwaSehire.
31Ngabo aba ookumkani ababelawula ezweni lakwaEdom, kungekabikho kumkani unobukumkani kubo oonyana bakaSirayeli: 32uBhela, unyana kaBhehore, walawula kwaEdom; igama lomzi wakhe yiDinabha. 33Wafa uBhela, wathi uYobhabhi, unyana kaZera waseBhotsera, walawula esikhundleni sakhe. 34Wafa uYobhabhi, wathi uHusham, wasezweni lamaTeman, walawula esikhundleni sakhe. 35Wafa uHusham, wathi uHadadi, unyana kaBhedadi, owawatshabalalisayo amaMidiyan emhlabeni wamaMowabhi, walawula esikhundleni sakhe; igama lomzi wakhe yiAviti. 36Wafa uHadadi, wathi uSamla waseMasereka walawula esikhundleni sakhe. 37Wafa uSamla, wathi uSawule, waseRehobhoti yoMlambo,• walawula esikhundleni sakhe. 38Wafa uSawule, wathi uBhahali-hanan, unyana ka-Akebhore, walawula esikhundleni sakhe. 39Wafa uBhahali-hanan, unyana ka-Akebhore, wathi uHadare walawula esikhundleni sakhe; igama lomzi wakhe yiPawu; igama lomkakhe nguMehetabheli, intombi kaMatrede, intombi kaMezahabhi.
40Ngawo la amagama ezikhulu zakwaEsawu ngokwezizwe zazo, ngokweendawo zazo, ngamagama azo: isikhulu esinguTimna, isikhulu esinguAleva, isikhulu esinguYetete, 41isikhulu esinguAholibhama, isikhulu esinguEla, isikhulu esinguPinon, 42isikhulu esinguKenazi, isikhulu esinguTeman, isikhulu esinguMibhetsare, 43isikhulu esinguMagediyeli, isikhulu esinguIram. Zizo ezo izikhulu zakwaEdom, ngokwamakhaya azo, ezweni lokuma kwazo. NguEsawu ke lowo uyise wamaEdom.
Currently Selected:
IGENESIS 36: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: