IGENESIS 39
39
UYosefu endlwini kaPotifare
1Ke kaloku uYosefu wahliswa wasiwa eYiputa. UPotifare, umbusi wakwaFaro, umthetheli wabasiki, umYiputa, wamthenga kumaIshmayeli, abemhlisele khona. 2UYehova waba naye uYosefu, waba yindoda enempumelelo; waba sendlwini yenkosi yakhe, umYiputa lowo. 3Yabona inkosi yakhe ukuba uYehova unaye, ukuba zonke izinto abezenza, uYehova ubezenza zibe nempumelelo esandleni sakhe. 4UYosefu wababalwa emehlweni ayo, wayilungiselela; yamenza umveleli wendlu yayo, neento zonke ebinazo yazinikela esandleni sakhe. 5Kwathi, ukususela ekubeni yamenza umveleli wendlu yayo neento zonke ebinazo, wayisikelela uYehova indlu yomYiputa lowo ngenxa kaYosefu. Yabakho intsikelelo kaYehova ezintweni zonke ebinazo, endlwini nasezindle. 6Zonke izinto ebinazo yaziyekela esandleni sikaYosefu, ayakhathalela nanye into ebikuye, ingesiso isonka esidlayo. Ke uYosefu ebemhle isiqu, emhle imbonakalo.
7Kwathi emveni kwezi zinto, umfazi wenkosi yakhe waphosa amehlo akhe kuYosefu, wathi, Ndilale. 8Wamangala, wathi kumka-nkosi yakhe, Yabona, inkosi yam ayikhathalele nto ikum isendlwini, nezinto zonke enazo izinikele esandleni sam. 9Akukho bani mkhulu kum kule ndlu; ayinqabisanga nento le kum, nguwe wedwa, ngokokuba ungumkayo; ndingáthini na ke ukwenza obu bubi bukhulu kangaka, ndone kuThixo? 10Kwathi, nakuba ebethetha kuYosefu imihla ngemihla, akamphulaphula yena ukuba alale ecaleni lakhe, nokuthi abe naye.
11Kwathi kuloo mihla, wangena endlwini eya kusebenza umsebenzi wakhe; kwaye kungekho nanye yakumadoda endlu endlwini apho. 12Wambamba ngengubo wathi, Ndilale. Wayishiya ingubo yakhe esandleni sakhe, wabaleka, waphumela phandle. 13Kwathi, akubona ukuba uyishiyile ingubo yakhe esandleni sakhe, ubalekele phandle, 14wabiza amadoda endlu yakhe, wathetha kuwo, esithi, Khangelani, úsizisele indoda engumHebhere, ukuba idlale ngathi; izile kum, isiza kundilala, ndakhala ngezwi elikhulu; 15yathi, yakuva ndiphakamisa izwi, ndikhala, yayishiya ingubo yayo ecaleni lam, yabaleka, yaphumela phandle.
16Wayibeka phantsi ingubo yayo ecaleni lakhe, yada yafika inkosi yakhe endlwini yayo. 17Wathetha kuyo ngokwaloo mazwi esithi, Sizé kum isicaka esingumHebhere, esi usizisele sona, ukuba sidlale ngam; 18kuthe, ndakuliphakamisa izwi lam, ndikhala, sayishiya ingubo yaso ecaleni lam, sabalekela phandle. 19Ithe, yakuweva inkosi yakhe amazwi omkayo awawathethayo kuyo, esithi, Senjenje isicaka sakho kum, wavutha umsindo wayo. 20Inkosi kaYosefu yamthabatha, yamfaka entolongweni, kuloo ndawo apho amakhonkxwa okumkani abekhonkxwa khona, waba sentolongweni apho ke.
21UYehova ubenoYosefu, wamthobela inceba, wenza ukuba athandwe ngumphathi wentolongo. 22Umphathi wentolongo wawanikela kuYosefu onke amakhonkxwa asentolongweni, ukuze zonke izinto ezisukuba zisenziwa khona, abe nguye ozenzayo. 23Umphathi wentolongo akakhathalelanga nto isesandleni sakhe, ngenxa yokuba uYehova ubenaye; zonke izinto ebesakuzenza, uYehova ubeziphumelelisa.
Currently Selected:
IGENESIS 39: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: