UHABHAKUKI 2
2
UYehova uyaphendula evakalisa ilishwa labenzi bobubi
1Ndiya kuma emboniselweni yam, ndizibeke phezu kwenqaba, ndibonisele, ukuba ndiyibone into aya kuyithetha kum, nento endiya kuphendula yona ngenxa yesimangalo sam.
2Wandiphendula ke uYehova, wathi, Bhala umbono, uwukrole kakuhle emacwecweni, ukuze abaleke owulesayo. 3Kuba umbono usaya kuba ngowexesha elimisiweyo, ukhawulezela ekupheleni, angàthethi wona amanga; ukuba úthe wazilazila, wulinde, kuba úya kuza, awuyi kubuya umva. 4Yabona, úgxalathelene, àwuthe tye, umphefumlo wakhe phakathi kwakhe; ke lona ilungisa liya kudla ubomi ngokholo lwalo.
5Naphezu koko, iwayini ngumtshinizisi, umfo okhukhumeleyo, akahlali; yena owandisileyo umbilini wakhe njengelabafileyo, abe enjengokufa, engàneliswa, koko ezihlanganisela kuye iintlanga zonke, azibuthele kuye izizwe zonke. 6Aziyi kuwenza umzekeliso ngaye yini na, zonke ezo ziphela, zimkwekwele, zimntsonkothele, zisithi, Uha, lowo wandisa okungekwakhe! (kunini na?) esenjenjalo ezisindanisa ngezibambiso? 7Abakudlayo abayi kusuka beme ngesiquphe yini na, bavuke abakuqungaqungayo, ube ngamaxhoba kubo? 8Ekubeni wena ubhunyule iintlanga ezininzi, aya kukubhunyula onke amasalela ezizwe, ngenxa yamagazi oluntu, nangenxa yokuligonyamela kwakho ilizwe, nomzi, nabemi bawo bonke.
9Yeha, oyizuzela indlu yakhe inzuzo embi, ukuze ayakhele phezulu indlu yakhe, ukuze azihlangule esandleni sobubi! 10Ùyicebele ihlazo indlu yakho, ngokunqamla izizwe ezininzi; wònile kumphefumlo wakho. 11Ngokuba ilitye eliseludongeni liya kukhala, nomqadi womthi usabele kulo.
12Yeha ke, owakha umzi ngamagazi, oqinisa umzi ngobugqwetha! 13Yabona, akuphumi kuYehova wemikhosi na ukuthi izizwe zizixhamlele umlilo, izizwe zizityhafisele okulambathayo? 14Kuba ihlabathi liya kuzala kukwazi ubuqaqawuli bukaYehova, njengamanzi egubungele ulwandle.
15Yeha, wena useza ummelwane wakho, usongezelela ubushushu bakho kuye, umnxilisa nokumnxilisa, ukuze ubondele ubuzé bakhe! 16Ùya kuhluthiswa ngocukucezo, kungabi luzuko; sela nawe, kubonakale ukungaluki kwakho. Iya kujikela kuwe indebe yesokunene isandla sikaYehova, ucukucezo olukhulu lube phezu kozuko lwakho. 17Ngokuba ukuyigonyamela kwakho iLebhanon kókugubungela; nokuchithachitha kwakho iinyamakazi, okwaziqhiphula umbilini; ngenxa yamagazi oluntu, nangenxa yokuligonyamela kwakho ilizwe, nomzi, nabemi bawo bonke.
18Únceda ntoni na umfanekiso oqingqiweyo, ukuba awuqingqe nje umenzi wawo? Únceda ntoni na otyhidiweyo, nomyali wobuxoki, ukuba umyili wento ayiyilileyo akholose nje ngayo, ukuze enze izinto ezingento, ezizidenge? 19Uha, kothi emthini, Vuka! athi kwilitye elithe cwaka, Suk' ume! Lingáyala na? Nalo, lifakwe egolideni nasesilivereni; akukho nto ingumoya phakathi kwalo. 20UYehova ke yena usetempileni yakhe engcwele; malithi tu ebusweni bakhe lonke ihlabathi.
Currently Selected:
UHABHAKUKI 2: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: